Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umzekelo Wokuxeliswa—URute

Umzekelo Wokuxeliswa—URute

Umzekelo Wokuxeliswa—URute

Umhlolokazi uRute ungumzekelo omhle wokunyaniseka. Uye wakhetha ukuhlala noninazala osele ekhulile uNahomi kunokuya kunandipha ubutofotofo bedolophu yakowabo. Ngoxa ukhetho alwenzayo lubangela kube nzima ukufumana umntu aza kutshata naye, uRute akacingi ngesiqu sakhe kuphela. Indlela amthanda ngayo uNahomi nomnqweno anawo wokuba kunye nabantu bakaYehova ubaluleke ngakumbi kuye kunokufuna ukutshata.—Rute 1:8-17.

Ngaba ucinga ngomtshato? Ngoko xelisa uRute. Musa ukucinga ngeemvakalelo zakho kuphela, kodwa cinga ngeempawu onazo eziya kuthandwa ngulowo uza kutshata naye. Ngokomzekelo, ngaba unyanisekile yaye uyakwazi ukuzincama? Ngaba unamathela kwimigaqo kaThixo kwanaxa inyama yakho engafezekanga ifuna wenze okuchaseneyo naloo migaqo? URute wayengalifuni ebumnyameni iqabane lomtshato. Sekunjalo, ekuhambeni kwexesha, wamfumana umyeni owayeqolile nowayeneempawu ezifana nezakhe, nowayethanda uThixo. Kunokwenzeka okufanayo nakuwe.