Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umzekelo Wokuxeliswa—UTimoti

Umzekelo Wokuxeliswa—UTimoti

Umzekelo Wokuxeliswa—UTimoti

UTimoti wayesele eza kulishiya ikhaya—engabaleki ukuba kunye nentsapho yakhe kodwa esiya kushumayela nompostile uPawulos. Mhlawumbi ekupheleni kweminyaka yeshumi elivisayo, wayesele engumntu onokuthenjwa ‘nekwakunikelwa ingxelo entle ngaye ngabazalwana eListra naseIkoniyo.’ (IZenzo 16:2) UPawulos uqinisekile ukuba uTimoti unokuninzi anokukufeza kwinkonzo kaThixo. Kunjalo ngokwenene. Kwiminyaka elandelayo, uTimoti uhambahamba imimandla ekude emisela amabandla yaye esomeleza abazalwana noodade. Iimpawu ezintle zikaTimoti zimenza athandwe nguPawulos, owathi kwiminyaka eli-11 kamva waxelela abantu baseFilipi oku: “Andinamntu wumbi onokuninyamekela ngokwenene njengaye.”—Filipi 2:20.

Ngaba uzenza ufumaneke ukuze usetyenziswe enkonzweni kaThixo? Ukuba kunjalo, uza kufumana iintsikelelo ezininzi! UYehova ubathanda ngokwenene abaselula ‘abazinikela ngokuvumayo.’ (INdumiso 110:3) Ngaphezu koko, qiniseka ukuba uYehova uThixo ‘akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wakho.’—Hebhere 6:10.