Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umzekelo Wokuxeliswa—UYakobi

Umzekelo Wokuxeliswa—UYakobi

Umzekelo Wokuxeliswa—UYakobi

UYakobi nomntakwabo uEsawu bebengathethisani kangangeminyaka. UEsawu akafuni nokumbona uYakobi. Nakuba uYakobi engamenzanga nto, kodwa ngoyena uzama ukucombulula ingxaki. Uyavuma ukuba wonile. Akazami ukuba umntakwabo abone ukuba akanatyala, kodwa ufuna baphinde bavane. Akayekeleli kwimigaqo yakhe, engafuni nokuba umntakwabo acele uxolo ngaphambi kokuba baxolelane.Genesis 25:27-34; 27:30-41; 32:3-22; 33:1-9.

Wenzani xa ningavisisani namalungu entsapho yakowenu? Maxa wambi uvakalelwa kukuba akukho nto iphosakeleyo uyenzileyo kunoko ngumntakwenu okanye ngumzali wakho. Kwimeko enjalo ngaba uye ulindele ukuba ibe nguloo mntu oza kuwe? Okanye ngaba ufana noYakobi? Xa kungabandakanyekanga imigaqo yeBhayibhile, ngaba uya kulibeka kuwe ityala ukuze kubekho uxolo? (1 Petros 3:8, 9) UYakobi akazange avumele ikratshi ukuba lahlukanise intsapho yakowabo. Wazithoba waza waphinda waxolelana nomntakwabo. Ngaba unokwenjenjalo kumalungu entsapho yakowenu?