Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umzekelo Wokuxeliswa—UYobhi

Umzekelo Wokuxeliswa—UYobhi

Umzekelo Wokuxeliswa—UYobhi

Ubomi bukaYobhi butshintsha ngokupheleleyo. Uqala alahlekelwe zizinto anazo. Okwesibini ufelwa ngabantwana. Okwesithathu impilo yakhe iba nkenenkene. Zonke ezi zinto zenzeka ngesiquphe. Ephelelwe lithemba uthi: “Ngokuqinisekileyo umphefumlo wam uziva uzothekile bubomi bam.” Uphinda athi ‘uzaliswe lihlazo yaye wanele yinkxwaleko.’ (Yobhi 10:1, 15) Sele ekwezo nkxwaleko, akamnikeli umva uMdali wakhe. (Yobhi 2:10) Akazange azivumele ukuba zitshintshe ubuntu bakhe. Ngoko ke uYobhi ungumzekelo omhle wokunyamezela.

Xa uneengxaki, nawe usenokuziva ‘uzothekile bubomi bakho.’ Sekunjalo kanye njengoYobhi usenokungazivumeli zitshintshe ukuzimisela kwakho ukukhonza uYehova uThixo. UYakobi wathi: “Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela. Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo, ngokuba uYehova unomsa omkhulu nenceba.” (Yakobi 5:11) Wayemkhathalele uYobhi, nawe uyakukhathalela!