Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokwenza Njani Ukuze Ndikuthande Ukukhonza UThixo?

Ndinokwenza Njani Ukuze Ndikuthande Ukukhonza UThixo?

Isahluko 38

Ndinokwenza Njani Ukuze Ndikuthande Ukukhonza UThixo?

UJosh, oneminyaka eli-16 ubudala ungqengqe ebhedini yakhe ngoxa unina emi emnyango. Uthi: “Khawuphakame Joshua! Uyazi ukuba simele siye kwiintlanganiso ngokuhlwanje!” UJosh uzalwa ngamaNgqina kaYehova yaye ukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu yinxalenye yonqulo lwakowabo. Kodwa ke, mvanje uJosh uziva emadolw’ anzima ukuya kwiintlanganiso.

“Ey, Mama, kunyanzelekile na ukuba nam ndiye?” ukhalaza atsho.

Unina uthi, “Khawuyek’ ukumbombozela, hamba uye kunxiba. Sakuphinda sifike sekuqaliwe ngenxa yakho!” Emva koko unina uthi gwiqi ahambe.

Engekayi kude unina, uJosh ugqabhuka athi, “Mama, usenokuba uyaluthanda wena olu nqulo lwakho, kodwa akunyanzelekanga ukuba nam ndiluthande.” Uqinisekile ukuba unina umvile, kuba uyema emva koko. Nakuba emvile, akaphenduli, uyaqhubeka ahambe.

UJosh unayo indawana yokuzisola ngale nto ayithethileyo. Akazimiselanga kumkhathaza unina. Kodwa kwangaxeshanye akafuni kucela xolo. Kodwa nantsi into azimisele ukuyenza . . .

Encwina, uJosh uyanxiba. Ethethela ngaphakathi uthi: “Ngenye imini, ndiza kuzenzela esam isigqibo ngento endifuna ukuyenza. Andifani nabanye abakwiHolo yoBukumkani. Andifuni kuba ngumKristu mna!”

NGABA nawe ukhe waziva njengoJosh? Ngaba kukhe kuthi ngoxa abanye bebonakala bekuthanda ukukhonza uThixo, ube wena uziva ngathi udlulisa nje usana kunina? Ngokomzekelo:

● Ngaba ukufundisisa iBhayibhile ukufumanisa kufana nje nomnye umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya?

● Ngaba ukuthandi ukuya kushumayela kwindlu ngendlu?

● Ngaba uyadikwa ziintlanganiso zamaKristu?

Ukuba ikho onengxaki yayo kwezi zinto zikhankanyiweyo, musa ukudimazeka.Unokukunandipha ukukhonza uThixo. Makhe sibone indlela onokulwenza ngayo.

INGXAKI 1 Ukufundisisa IBhayibhile

Isizathu sokuba kungabi lula. Kungenzeka ucinga ukuba “asiyonto yakho ukufunda.” Mhlawumbi ukufumanisa kunzima ukunikela ingqalelo kwinto enye. Ngapha koko, usalindelwe naziincwadi zesikolo.

Isizathu sokuba ufanele uyifundisise. IBhayibhile ayiphefumlelwanga nguThixo nje kuphela, kodwa “iluncedo ekufundiseni, ekuncedeni abantu nasekubalungiseni ize ibabonise indlela yokuphila.” (2 Timoti 3:16, iContemporary English Version) Ukufundisisa iBhayibhile uze ucamngce ngoko ukufundayo kunokukuvula amehlo kwizinto ezininzi. Eyona nyaniso yile, akukho nto intle unokuyifumana ungakhange uyibilele. Ukuba ufuna ukuba yincutshe kumdlalo othile, kufuneka ufunde imigaqo yawo uze uwuqhelisele. Ukuba ufuna ukuhlala usempilweni, kufuneka wenze umthambo. Kunjalo ke naxa ufuna ukwazi uMdali wakho, umele ufundisise iLizwi likaThixo.

Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Ukufika kwam kwisikolo samabanga aphakamileyo, kwafuneka ndenze izigqibo ezibalulekileyo. Abanye abantwana esikolweni babesenza yonk’ into kungakhathaliseki ukuba iphosakele kangakanani na, ibe ngenxa yoko kwafuneka ndizibuze le mibuzo: ‘Ngaba nam ndifanele ndizenze ezi zinto? Ngaba ngokwenene yinyaniso le ndiyifundiswa ngabazali bam?’ Kwafuneka ndizifumanele ezo mpendulo.”—UTshedza.

“Ndandikholelwa kona ukuba yinyaniso leyo ndandiyifundisiwe, kodwa kwakuza kufuneka ndikungqine ngokwam oko. Kwafuneka ndiyenze ibe lunqulo lwam—kunokuba ibe lunqulo lwasekhaya.”—UNelisa.

Oko unokukwenza. Zenzele ucwangciso lokufundisisa oluza kulungela iimeko zakho. Zikhethele izinto ofuna ukufunda ngazo. Yiyiphi oza kuqala ngayo? Kutheni ungakhe umbe nzulu eBhayibhileni uze uhlolisise iinkolelo zakho, mhlawumbi usebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? a

Qalisa ngoku! Faka olu phawu ✔ ecaleni kwemixholo emibini okanye emithathu yeBhayibhile ofuna ukufunda ngakumbi ngayo kule ingezantsi—okanye, ukuba uyafuna, uzibhalele eyakho.

□ Ngaba ukho uThixo?

□ Ndinokuqiniseka njani ukuba ababhali beBhayibhile babephefumlelwe nguThixo?

□ Kutheni ndifanele ndikholelwe ekubeni izinto zadalwa kunokukholelwa ukuba zazivelela?

□ Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye ndinokukungqina njani ukuba bukho?

□ Ndinokuyichaza njani inkolelo yam ngokuphathelele oko kwenzeka ekufeni?

□ Ndinokuqiniseka njani ukuba luza kubakho uvuko?

□ Ndinokuqiniseka njani ukuba luluphi unqulo lokwenyaniso?

․․․․․

INGXAKI 2 Ukuya Kushumayela

Isizathu sokuba kungabi lula. Ukuthetha nabanye ngeBhayibhile—okanye ukudibana nomntwana ofunda naye ngoxa ushumayela—kunokukwenza ungakhululeki.

Isizathu sokuba ufanele ushumayele. UYesu wabayalela oku abalandeli bakhe: ‘Yenzani abafundi, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.’ (Mateyu 28:19, 20) Zikho nezinye izizathu zokuba sishumayele. Uhlolisiso lubonisa ukuba kwezinye iindawo ulutsha oluninzi luyakholelwa kuThixo naseBhayibhileni. Ukanti, olo lutsha aluqinisekanga ngekamva. Ngokufundisisa kwakho iBhayibhile, uye wafumana inkcazelo oontanga bakho abaninzi abangenayo nabayifuna ngamandla. Xa uxelela abanye ngeenkolelo zakho, uya kuvuya, yaye okona kubaluleke ngakumbi, uya kuvuyisa intliziyo kaYehova.—IMizekeliso 27:11.

Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Sinomhlobo wam sasilungiselela iintshayelelo eziluncedo, yaye safunda indlela yokuziphendulela xa sichaswa neyokwenza amabuyelo. Ndathi ndakuzimisela ngakumbi entsimini, ndayinandipha gqitha.”—UNelisa.

“Ndiye ndancedwa gqitha ngomnye udade ongumKristu. Undishiya ngeminyaka emithandathu ubudala, yaye sidla ngokuya kunye entsimini size maxa wambi sitye kunye isidlo sakusasa. Uye andibonise izibhalo ezikhuthazayo nezindinceda ndilungise indlela endicinga ngayo. Ngoku ndinomdla ebantwini ngenxa yomzekelo wakhe omhle. Ndiswele amazwi okumbulela!”—UShontay.

Oko unokukwenza. Cela kubazali bakho ukuba ube nomntu osebandleni lenu, nomdala kunawe ngeminyaka oza kuya naye entsimini. (IZenzo 16:1-3) IBhayibhile ithi: “Intsimbi, ilolwa ngentsimbi. Ngoko umntu ulola ubuso bomnye.” (IMizekeliso 27:17) Zininzi izinto onokuncedakala kuzo ngokunxulumana nabantu abadala kunawe nabanovimba wamava. UAlexis oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Kuhlaziya ngokwenene ukuba phakathi kwabantu abadala.”

Qalisa ngoku! Apha ngezantsi, bhala igama lomntu othile osebandleni lenu onokusebenza naye entsimini ongenguye umzali.

․․․․․

INGXAKI 3 Ukuya Kwiintlanganiso ZamaKristu

Isizathu sokuba kungabi lula. Emva kokuhlala esikolweni imini yonke, kusenokuba nzima ukuhlala uphulaphule iintetho ezisekelwe eBhayibhileni kangangeyure okanye ezimbini.

Isizathu sokuba ufanele uye kwiintlanganiso. IBhayibhile ibongoza amaKristu isithi: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.”—Hebhere 10:24, 25.

Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Nakanjani, umele uzilungiselele iintlanganiso zebandla. Maxa wambi kukhe kufuneke uzinyanzele ukuze ulungiselele. Xa uye wazilungiselela, zibangel’ umdla ngenxa yokuba uyakwazi oko kuxutyushwayo, ibe nawe uba negalelo kuzo.”—UElda.

“Ndiye ndaphawula ukuba, xa ndigqabaza ezintlanganisweni ziye zibangel’ umdla kakhulu.”—UJessica.

Oko unokukwenza. Ziphe ixesha lokuzilungiselela kusengaphambili, uze xa ukwazi ugqabaze kwiintlanganiso. Oku kuya kukunceda uzive ubandakanyekile kuzo.

Umzekelo: Yiyiphi eyona uyithandayo—ngaba kukubukela umdlalo othile kumabonwakude okanye kukuya kuwudlala ebaleni? Lizicacele elokuba, ukuba nenxaxheba kuwo konwabisa ngaphezu kokuwubukela nje kuphela. Kutheni ungenzi okufanayo nje nakwiintlanganiso zamaKristu?

Qala ngoku! Apha ngezantsi, bhala usuku onokuchitha ngalo imizuzu engama-30 veki nganye ulungiselela iintlanganiso zebandla.

․․․․․

Ulutsha oluninzi luyakubona ukuba yinyaniso kwamazwi eNdumiso 34:8, athi: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” Ngaba akuvuyisi ukubaliselwa ngokutya okuginyis’ ingwiqi? Kodwa ngaba ubungayi kuvuya ngakumbi xa ukungcamla ngokwakho? Kunjalo ke nokunqula uThixo. Ngcamla uze uzibonele indlela okunomvuzo ngayo ukuba nenxaxheba kwizinto zokomoya. IBhayibhile ithi lowo unganeli nje ukuva kodwa abe ngumenzi womsebenzi “uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.”—Yakobi 1:25.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Funda indlela yokuzimisela usukelo uze ulufikelele.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.”—Roma 12:2.

ICEBISO

Yiba nencwadi oza kubhala kuyo amanqaku kwiintlanganiso. Ixesha liza kukhawuleza, kuze kube lula ukufunda!

NGABA UBUSAZI . . . ?

Akukho nto iphosakeleyo ngokubuza imibuzo ngonqulo lwakho. Phofu ke, ukubuza imibuzo nokwenza uphando yeyona nto ufanele uyenze ukuze ufumanise ukuba kuyinyaniso kusini na oko ukukholelwayo ngoThixo.—IZenzo 17:11.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ngosuku ndiza kuzibekela imizuzu ․․․․․ ndifunda iBhayibhile yaye veki nganye ndiza kuchitha ․․․․․ ndilungiselela iintlanganiso.

Ukuze ndikwazi ukunikela ingqalelo engakumbi kwiintlanganiso ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Yintoni enokubangela ukuba izinto zokomoya zibonakale ziyindinisa kumntu oselula?

● Kwezi nkalo zintathu zonqulo zixutyushwe kwesi sahluko, yiyiphi ongathanda ukuphucula kuyo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 278]

“Unqulo endikulo asilulo olwabazali bam kodwa lolwam. UYehova nguThixo wam, yaye andifuni nanye into eza kuphelisa ulwalamo lwethu.”—USamantha

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 280, 281]

Bazibekela Usukelo

IBhayibhile ithi: “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.” (Yakobi 4:14) Maxa wambi abantu bafa kungalindelekanga, besebancinane. Njengoko ufunda ibali likaCatrina noKyle, phawula indlela abazenzela ngayo igama elihle noYehova uThixo kubomi babo obufutshane ngokuzibekela usukelo lokomoya baza balufikelela.—INtshumayeli 7:1.

UCatrina wafa eneminyaka eli-18 ubudala, kodwa xa wayeneminyaka eli-13 wayesele ezibekele usukelo lwezinto afuna ukuzenza ebomini. Wayefuna ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo, ukuya apho bafuneka ngakumbi khona abavakalisi boBukumkani, nokusebenza noyise kumsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani. Wabhala: “Ndiye ndanikela ubomi bam kuYehova uThixo!” UCatrina wayezimisele “ukuphila ngemilinganiselo kaThixo nokumkholisa.” Emngcwabeni wakhe, uCatrina wachazwa “njengembelukazi eyayizimisele ukuphila ngemilinganiselo kaYehova ubomi bayo bonke.”

UKyle wafundiswa ukuzibekela usukelo kwasebuntwaneni. Emva kwengozi eyayihlasimlis’ umzimba eyambulala eneminyaka engama-20 ubudala, izalamane zakhe zafumana incwadi awayebhale usukelo lwakhe kuyo nawayencediswa ngunina ekuyibhaleni xa wayeneminyaka emine ubudala. Wayefuna ukubhaptizwa, anikele iintetho kwiHolo yoBukumkani, nokuya kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova, ukuze ancedise ekwenzeni iincwadi zokunceda abantu bafunde ngoThixo. Emva kokuba efunde le ncwadi yayibhalwe kwiminyaka emininzi ngaphambilana, unina wathi, “Uye walufikelela lonke olu sukelo.”

Wena, uye wazibekela luphi usukelo? Akuyazi into eza kwenzeka kuwe ngomso. Ngoko suku ngalunye lusebenzise ngokupheleleyo. NjengoCatrina noKyle, lisebenzise kakuhle ixesha onalo. Xelisa umpostile uPawulos owathetha la mazwi xa wayesele eza kufa: “Ndiwulwile umlo omhle, ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni, ukholo ndilugcinile.” (2 Timoti 4:7) Isahluko esilandelayo siza kukunceda wenze oku!

[Umfanekiso okwiphepha 274, 275]

Xa ufuna ukuba nomzimba osempilweni umele wenze umthambo. Ukuba ufuna ukuba sempilweni ngokomoya, kufuneka ufundisise iLizwi likaThixo