Kuthekani Ngabahlobo Oncokola Nabo Ngekhompyutha?
Isahluko 11
Kuthekani Ngabahlobo Oncokola Nabo Ngekhompyutha?
Yiyiphi indlela yokuncokola oyikhethayo?
□ Ubuso ngobuso
□ Ngefowuni
□ Ngekhompyutha
Ngoobani okufumanisa kulula ukuncokola nabo?
□ Ngabo ndifunda nabo
□ Ngamalungu entsapho
□ NgamaKristu endikhonza nawo
Kuphi apho uziva ukhululekile ukuncokola?
□ Esikolweni
□ Ekhaya
□ Kwiintlanganiso zebandla
JONGA impendulo yakho kumbuzo wokuqala. Ngaba uphendule ngokuthi ukhetha ukuncokola ngekhompyutha kunokuncokola ubuso ngobuso? Ukuba kunjalo, akuwedwa. Ulutsha oluninzi lufumana abahlobo kwi-Internet. “Kubangel’ umdla ngokwenene ukukwazi ukufumana abahlobo ehlabathini lonke—kumazwe ongenakukwazi ukufikelela kuwo,” utsho njalo uElaine. Yena uTammy oneminyaka eli-19 ubudala, uchaza enye into ebangel’ umdla ngeInternet. Uthi: “Indlela abakujonga ngayo abantu ixhomekeke kuwe. Xa uthetha nabo ubajongile, akukho nto unokuyenza xa bengakuthandi.”
Ngoku jonga indlela owuphendule ngayo umbuzo wesibini nowesithathu. Musa ukumangaliswa ukuba ukufumanisa kulula ngakumbi ukuncokola nabo ufunda nabo kunokuncokola namaKristu kwiintlanganiso zebandla. UJasmine
oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Esikolweni kulula ukufumana abantu abaneengxaki ezifana nezakho. Oko kwenza kube lula ukuncokola nabo.”Ngenxa yezi zizathu zikhankanywe ngasentla, usenokunqwenela ukuncokola ngekhompyutha kunye nabo ufunda nabo. UTammy uyavuma ukuba naye wayekade ekwenza oko. Uthi: “Bonke abo ndifunda nabo babencokola ngekhompyutha, yaye nam ndandifuna ukwenza into efanayo.” a UNatalie oneminyaka engama-20 ubudala, uye wenza iWeb page ukuze akwazi ukuqhagamshelana nabahlobo bakhe. Uthi: “Ubugcisa buhambela phambili. Kukho iindlela ezintsha zokunxibelelana. Le yenye yazo, ibe ndiyayithanda.”
Ukuqonda Ubungozi
Alithandabuzeki elokuba kulula kwabanye ukufumana abahlobo ngekhompyutha. UNatalie uthi: “I-Internet ikwenza ube nesibindi obungenakuba naso xa uthetha ubuso ngobuso.” UTammy naye uyakungqina oko. Uthi: “Nokuba uneentloni, xa uncokola ngekhompyutha ufumana ithuba lokukucingisisa kakuhle oko uza kukuthetha.”
Kodwa ukuncokola ngekhompyutha kuneengozi zako, yaye kububudenge ukuzibetha ngoyaba. Singakuzekelisa ngolu hlobo oku: Ngaba ungahamba kwisitrato esiyingozi uvalwe amehlo? Ngoko ungathini ukuchitha ixesha kumajelo ekhompyutha ngaphandle kokucinga ngeengozi zoko?
Khawucinge ngeengozi zokuzama ukufumana abahlobo kwi-Internet. UElaine owayekuthanda ukuncokola ngekhompyutha nabantu angabaziyo, uthi: “Kulula gqitha
ukudibana nabantu abangamaqothaqikili. Maxa wambi nithi nisaqala nje ukuncokola, abanye bathethe ukungcola okanye babuze imibuzo enjengethi: ‘Ngaba usenyulu? Ngaba uyazenza iintlobano zesini emlonyeni?’ Abanye bade bacebise ukuba nincokole ngezinto ezivuselela inkanuko yesini.”Kuthekani ukuba uncokola nomhlobo omthembileyo kuphela? Nalapho, umele ulumke. UJoan uthi: “Usenokuchitha ixesha elininzi uncokola nomntu wesini esahlukileyo, nokuba loo mntu ‘ngumhlobo nje.’ Xa nihlala nibhalelana, ubuhlobo benu buya bukhula, yaye nisenokude nigqibele senithandana.”
‘Abo Bazifihlayo Oko Bakuko’
UKumkani uDavide wayesazi ukuba kubalulekile ukubalumkela abahlobo abangafanelekanga. Wabhala wathi: “Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.”—INdumiso 26:4.
Ngaba wakha wadibana nolu hlobo lwabantu athetha ngalo uDavide xa uncokola ngekhompyutha? Abahlobo abakwikhompyutha ‘bazifihla njani oko bakuko’? ․․․․․
Kwelinye icala, akungebi mhlawumbi wena uyazifihla oko ukuko kwabo uncokola nabo ngekhompyutha? “Bendidla ngokuqalisa incoko nabantu ndize ndibujike ubuntu bam
buvumelane naloo nto sincokola ngayo,” utsho uAbigail, owayekade encokola ngekhompyutha.Intombazana egama linguLeanne yavela nelinye iqhinga lokukhohlisa. Ithi: “Ndandincokola rhoqo ngekhompyutha nenye inkwenkwe ekwibandla elikufuphi. Kungabanga thuba lide saqalisa ukuncokola ‘ngezothando.’ Ndandikufihla oko ndikwenzayo kwikhompyutha xa abazali bam begqitha kufuphi. Andiqondi ukuba yakha yathi qatha ezingqondweni zabo into yokuba intombazana yabo eneminyaka eli-13 kuphela ubudala ibhalelana imibongo yothando nenkwenkwe eneminyaka eli-14 ubudala. Zange bayicinge nokuyicinga loo nto.”
Ukuhlala Ukhuselekile
Noko ke, maxa wambi akukho nto iphosakeleyo ekuncokoleni ngekhompyutha. Ngokomzekelo, abantu abaninzi—kuquka abadala—basebenzisa i-Internet ukuze baqhagamshelane nabahlobo. Ukuba nawe uyisebenzisela loo njongo, ngaba zikho izinto omele uzilumkele? Hlolisisa ezi ngongoma zilandelayo.
● Ixesha olichitha kwikhompyutha, malingaphazamisani nezinto ezibaluleke ngakumbi—kuquka ukulala. UBrian oselula uthi: “Abanye abantwana esikolweni bathi bahlala kwi-Internet kude kube yintsimbi yesithathu ekuseni.”—Efese 5:15, 16.
● Ncokola kuphela nabantu obaziyo okanye oqinisekileyo ngabo. Abantu abangcolileyo badla ngokusebenzisa i-Internet ukuze baxhaphaze ulutsha olungalumkanga.—● Xa usebenzisa ikhompyutha kwizinto eziphathelele imali, lumka. Kulumkele ukunikezela ngenkcazelo yobuqu. Ngapha koko, usenokuba lixhoba lokuphangwa—okanye wehlelwe yenye into ebuhlungu nangakumbi.—Mateyu 10:16.
● Xa uthumelela abahlobo bakho iifoto, zibuze, ‘Ngaba ndiyabonakala ukuba ndingumkhonzi kaThixo?’—Tito 2:7, 8.
● Njengoko ubuya kwenza xa uncokola ubuso ngobuso, ukuba incoko yenu kwikhompyutha ityekela ‘kwizinto ezingafanelekanga,’ yiphelise.—Efese 5:3, 4.
● Ngalo lonke ixesha nyaniseka xa usebenzisa i-Internet. Ukuba ‘uyabafihlela’ abazali bakho oko ukuko, kukho undonakele. UKari oselula uthi: “Ndithetha ngokukhululekileyo nomama. Ndiyambonisa izinto endizenzayo kwikhompyutha.”—“Asikokuchitha Xesha Ukulinda!”
Ufuna abahlobo. Yinto eqhelekileyo leyo. Abantu badalelwe ukuba babe nabahlobo. (Genesis 2:18) Ngoko xa unqwenela ukuba nabahlobo, ngumnqweno wemvelo lowo! Noko ke, bakhethe ngobulumko.
Qiniseka ukuba uya kufumana abona bahlobo bafanelekileyo ukuba ubakhetha ngokuvisisana nemilinganiselo yeLizwi likaThixo. Enye intombazana eneminyaka eli-15 ubudala yakuchaza ngolu hlobo oku: “Kunzima ukufumana abahlobo abakuthandayo nabathanda uYehova. Kodwa asikokuchitha xesha ukulinda de ubafumane!”
Kutsho bani ukuba into ethethwe ngomnye umntu ayinakukukhathaza? Intlebendwane inokuhlaba njengekrele. Unokuyiphelisa njani?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba nabahlobo esikolweni kuza kuxutyushwa ngakumbi KwiSahluko 17.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.”—INdumiso 26:4.
ICEBISO
Xa usebenzisa i-Internet ungazibona sele uchithe ixesha elininzi! Ngoko zibekele ixesha ofuna ukulichitha uze ungadluli kulo. Ukuba kuyimfuneko, sebenzisa ialam yewotshi ukuze ikukhumbuze xa ixesha liphelile.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Kunokuba lula ngomntu oneenjongo ezimbi ukuba akufumane, xa efumene iinkcukacha nje ezimbalwa zakho ekhompyutheni—njengefani, igama lesikolo, nenombolo yefowuni yakho.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ngeveki ndifuna ukuchitha ixesha elingange ․․․․․ kwi-Internet yaye ukuze ndikwazi ukwenza oko ndiza ․․․․․
Ukuba ndizibona sendincokola nomntu endingamaziyo kwi-Internet, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ziziphi iingenelo neengozi zokuncokola ngekhompyutha ngokwahlukileyo ekuncokoleni nijongene?
● Kutheni kulula ukutshintsha ubuntu bakho xa uncokola ngekhompyutha?
● Unokulilinganisela njani ixesha olichitha kwikhompyutha?
● Ziziphi iingenelo zokuncokola ngeInternet?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 103]
“Andincokoli ekhompyutheni nabantu endingabaziyo okanye endingenakunxulumana nabo ngokoqobo.”—UJoan
[Umfanekiso okwiphepha 100, 101]
Ngaba ungahamba uvalwe amehlo kwizitrato eziyingozi? Ngoko ungathini ukuchitha ixesha kumajelo ekhompyutha ngaphandle kokucinga ngeengozi zoko?