Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuhlangabezana Njani Nobulolo?

Ndinokuhlangabezana Njani Nobulolo?

Isahluko 9

Ndinokuhlangabezana Njani Nobulolo?

Imozulu intle, kodwa akunanto yakwenza. Abahlobo bakho bazikhuphile. Usele wedwa kwakhona! Kubuhlungu ukungamenywa, kodwa okubuhlungu nangakumbi kukucinga ngesizathu sokuba ungamenywa. Usenokuthi, ‘Mhlawumbi ikho le nto ingathandekiyo ngam. Kutheni le nto abantu bengafuni ndibe phakathi kwabo?’

MHLAWUMBI yakha yakwehlela kangangezihlandlo eziliqela into echazwe kwiphepha elandulela eli. Usenokuvakalelwa kukuba kukho umsantsa omkhulu phakathi kwakho noontanga bakho. Uyangcangcazela xa kufuneka uncokole nabo. Xa kuvela ithuba lokuba ube kunye nabo, usuka uphathwe ziintloni. Kutheni kunzima kangaka ukuncokola nabo?

Kunokuba uwuyeke loo msantsa, zama ukuwuvala. Makhe sibone indlela onokuwuvala ngayo.

Umsantsa 1: Ukuzeya. Lumbi ulutsha luyazeya. Luzixelel’ ukuba akukho mntu uluthandayo yaye akukho nto ibhadlileyo lunokuyincokola. Ngaba uvakalelwa ngaloo ndlela? Ukuzeya kuya kuwukhulisa umsantsa phakathi kwakho noontanga bakho.

Indlela yokuwuvala: Nikel’ ingqalelo kwiimpawu ezintle onazo. (2 Korinte 11:6) Zibuze, ‘Ziziphi iimpawu ezintle endinazo?’ Cinga ngeziphiwo okanye iimpawu ezintle onazo uze uzibhale apha ngezantsi.

․․․․․

Ngokuqinisekileyo unabo ubuthathaka, yaye kuhle ukuyazi loo nto. (1 Korinte 10:12) Kodwa ukwanazo neempawu ezintle. Xa uzazi akusayi kuzeya.

Umsantsa 2: Ukuba neentloni. Ungathanda ukuqalisa incoko, kodwa xa kuvela ithuba, usuka ube yinkuku esikw’ umlomo. UElizabeth oneminyaka eli-19 ubudala watsho kalusizi esithi: “Ndisoloko ndithiwe wambu ziintloni. Kunzima gqitha ukuncokola namanye amaKristu ezintlanganisweni, ndiye ndinqwene xa ndibona abanye bencokola!” Ukuba unengxaki efana nekaElizabeth, usenokuvakalelwa kukuba lo msantsa awusoze uvaleke.

Indlela yokuwuvala: Bonisa umdla wokwenene kwabanye. Ungakhathazeki—akuyomfuneko ukuba ude ube nguqavashe. Qala ngokubonis’ umdla kumntu nje omnye. UJorge oselula uthi: “Ukubuza abanye impilo nokubabuza ngomsebenzi wabo kukunceda ukuba ubazi ngakumbi.”

Nali icebiso: Musa ukubonis’ umdla koontanga bakho kuphela. Abanye babona bahlobo basenyongweni ekuthethwe ngabo eBhayibhileni babeshiyana kakhulu ngeminyaka, njengoRute noNahomi, uDavide noYonatan, uTimoti noPawulos. (Rute 1:16, 17; 1 Samuweli 18:1; 1 Korinte 4:17) Kwakhona, khumbula ukuba incoko yeyabantu ababini, ngoko akumele uqhabalake wedwa. Abantu bayamthanda umntu ophulaphulayo. Ngoko ukuba uneentloni, khumbula—akuyomfuneko ukuba kuthethe wena kuphela!

Bhala amagama abantu ababini abakhulileyo ongathanda babe ngabahlobo bakho.

․․․․․

Kutheni ungakhe uncokole nabantu obabhale ngasentla? Okukhona uphangalala ‘kumanyano lwabazalwana luphela,’ kokukhona kuza kuphela ubulolo.—1 Petros 2:17.

Umsantsa 3: Izinto ezingathandekiyo. Umntu ocinga ukuba wazi yonk’ into usoloko egxeka, ephoxisa okanye enyemba. Kukwakho nabantu abathand’ ukuphikisa, banyanzelise izimvo zabo. Umntu ‘olilungisa kakhulu,’ ugxeka wonk’ umntu ongayifikeleliyo imilinganiselo yakhe. (INtshumayeli 7:16) Ngokuqinisekileyo, akuthandi ukuba kunye nomntu onjalo! Kodwa akungebi mhlawumbi umsantsa ubangelwa kukuba nguwe oneempawu ezinjalo? IBhayibhile ithi: “Isidenge sithetha amazwi amaninzi,” yaye “ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha.”—INtshumayeli 10:14; IMizekeliso 10:19.

Indlela yokuwuvala: Zama ukuba ‘novelwano.’ (1 Petros 3:8) Nokuba akuvumelani nomnye umntu, ufanele ube nomonde uze umyeke athethe agqibe. Nikel’ ingqalelo kwizinto enivumelana kuzo. Ukuba ufuna ukumphikisa, kwenze oko ngobulali nangobuchule.

Thetha nabanye ngendlela ofuna kuthethwe ngayo nawe. IBhayibhile icebisa ukuba ‘sihlale sisenza zonke izinto ngaphandle kokumbombozela nengxoxo.’ (Filipi 2:14) Ukuthand’ ukuphikisa okanye ukuhlekisa ngabanye, ukubanyemba okanye ukubagxeka, kwenza bacezele kude kuwe. Baya kukuthanda ngakumbi ukuba ‘amazwi akho asoloko enongwe ngetyuwa.’—Kolose 4:6.

Nokuba Sekumnyam’ Entla?

Mhlawumbi emva kokuhlolisisa le nkcazelo ingasentla uye wabona iindlela ezithile onokuwuvala ngazo umsantsa osenokuba ukho phakathi kwakho nabanye abantu. Noko ke, akunakulindela ukuthandwa nguye wonk’ umntu. UYesu wathi abanye baya kubathiya abo benza okulungileyo. (Yohane 15:19) Ngoko akuyomfuneko ukuzama ukufumana abahlobo nokuba sekumnyam’ entla.

Kodwa, ngaphandle kokwaphula imigaqo yeBhayibhile, unokuzama ngomlinganiselo osengqiqweni ukubonakalisa ububele kwabanye. IBhayibhile ibonisa ukuba uSamuweli wazimisela ukwenza oko kumkholisayo uThixo. Waba yintoni umphumo? Waya ‘ethandeka ngakumbi kuYehova nasebantwini.’ (1 Samuweli 2:26) Kuya kuba njalo nakuwe, ukuba wenza umgudu!

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 8

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bukela iDVD ethi “Young People Ask—How Can I Make Real Friends?” Ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-40

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Umhlobo wakho osenyongweni ngequbuliso uyajika abe lolona tshaba lwakho lukhulu. Yintoni onokuyenza?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.”—IMizekeliso 11:25.

ICEBISO

Yiqhubekisele phambili incoko. Ngokomzekelo, ukuba omnye ukubuza ukuba uyinandiphile kusini na impela-veki, sukuphendula nje ngokuthi ewe. Chaza isizathu sokuba uyinandiphile. Emva koko mbuze naye ukuba ibinjani eyakhe impela-veki.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ngokutsho kweBhayibhile, kusenokwenzeka ukuba uMoses, uYeremiya noTimoti babeneentloni.—Eksodus 3:11, 13; 4:1, 10; Yeremiya 1:6-8; 1 Timoti 4:12; 2 Timoti 1:6-8.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Eyona nto ingumsantsa omkhulu kum yile ․․․․․

Ndiza kuzama ukuwuvala ngokuthi ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Yintoni esenokwenza amanye amaKristu abe ngamalolo?

● Yintoni enokukunceda ukuba uzigqale ngendlela elungeleleneyo, kunokuba uzeye?

● Unokumnceda njani umntwana wakowenu ongaphantsi kuwe olilolo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 88]

“Omnye udade ongumKristu wazama ukuba ngumhlobo wam, kodwa kwadlula ixesha ndingamhoyi. Ndathi ndakumsondeza, ndazisola gqitha ngokungamhoyi! Waba ngomnye wabona bahlobo basenyongweni ndakha ndanabo, nangona emdala ngeminyaka engama-25 kunam!”—UMarie

[Umfanekiso okwiphepha 87]

Unokuwuvala umsantsa okwahlukanisa noontanga bakho