Yintoni Ephosakeleyo Ngokuhleba?
Isahluko 12
Yintoni Ephosakeleyo Ngokuhleba?
“Ndandiye kwelinye itheko, yaye ngemini elandelayo kwakuthe ndii into yokuba ndiye ndalala nenye inkwenkwe ebilapho. Yayibubuxoki obo!”—ULinda.
“Maxa wambi ndiye ndive kusithiwa ndithandana nomntu othile—umntu endingamazi nokumazi! Abantu abaninzi abahlebayo ababi nabungqina bento abayithethayo.”—UMike.
INTLEBENDWANE isenokwenza ubonakale ngathi usebugxwayibeni. Yiloo nto kanye eyenzeka kuAmber oneminyaka eli-19 ubudala. Uthi: “Ndisoloko ndihletywa. Kuphatha kuthiwa ndikhulelwe, kuphinde kuthiwe ndiqhomfile, kuthiwe ndithengisa iziyobisi, ndiyazithenga yaye ndiyazisebenzisa. Kutheni abantu bethetha kakubi kangaka nje ngam? Nam andazi!”
Engakhange akhuphe nelimdaka, umfana okanye intombazana inokuthetha kakubi ngawe isebenzisa ie-mail. Isenokucofa nje amaqhosha ambalwa ize ithumele intlebendwane kubantu abaninzi abathand’ iindaba! Abanye bade benze iWeb site yokudlakaza isidima somntu othile. Kwezo mbalelwano kuthethwa izigaqa ngabantu, ebezingenakuthethwa phambi kwabo.
Kodwa ngaba ukuthetha ngabanye abantu kusoloko kuphosakele? Ngaba ikho into ekuthiwa . . .
Kukuhleba Okungeyongozi?
Faka uphawu kwibhokisi echanileyo kwezi zingezantsi.
Ukuhleba kusoloko kuphosakele. □ Yinyaniso □ Bubuxoki
Yiyiphi impendulo echanileyo? Eneneni, kuxhomekeka kwindlela oliqonda ngayo igama elithi “ukuhleba.” Xa uthetha nje ngabantu, akukho nto iphosakeleyo. Ngapha koko, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sibe nomdla ‘kwizilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:4) Oko akuthethi kuthi sifanele sibe ngoogqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu. (1 Petros 4:15) Kodwa kwincoko nje eqhelekileyo sinokufumana inkcazelo ebalulekileyo, enjengokwazi ukuba ngubani otshatayo okanye ngubani osandul’ ukufumana umntwana. Inyaniso ikukuba—asinakuthi sinomdla kwabanye abantu ukuba asithethi ngabo!
Noko ke, ukuthetha nje ngabantu kusenokutshintsha kube yintlebendwane. Ngokomzekelo, umntu ongenazintshukumisa zimbi usenokuhlebela omnye athi: “UMonde noMandisa bangafanelana,” suke lowo uhletyelweyo ahlebele owakhe athi, “uMonde noMandisa bayathandana”—nangona kusenokwenzeka ukuba uMonde noMandisa abazi nowathwethwa ngaloo nto. Usenokuthi, ‘Akukho ngxaki nje kuloo nto’—kakade unokutsho kuba akuhletywanga wena!
UJulie oneminyaka eli-18 ubudala naye wakha wahletywa yaye wayexhelekile. Uthi: “Ndandinomsindo, ndingasathembi kwamntu.” Omnye owakha wahletywa nguJane, oneminyaka eli-19 ubudala. Uthi: “Ndanyanzeleka ukuba ndimphephe umfana ekwakusithiwa ndithandana naye. Kwakubuhlungu oko kuba sasingabahlobo, kodwa sasingasakwazi ukuncokola ngenxa yaloo ntlebendwane!”
Yitshintshe Incoko
Unokuzibamba njani xa urhawuzelelwa lulwimi? Ukuze uphendule loo mbuzo, cinga ngobuchule obufunekayo ukuze ukwazi ukuqhuba kwindlela ephithizelayo. Ngequbuliso kusenokufuneka utshintshele kwelinye icala lendlela, unciphise isantya okanye umise. Ukuba uthe qwa, uyibona kwangaphambili into eza kwenzeka uze uyiphephe.
Kuyafana ke nangencoko. Ngokuqhelekileyo uyayibona incoko xa ijika isiba yintlebendwane. Xa oko kusenzeka, kutheni ‘ungatshintsheli kwelinye icala lendlela’? Ukuba akukwenzi oko, lumka—intlebendwane iyenzakalisa. UMike uthi: “Ndathetha kakubi ngenye intombazana—ndathi ithand’ amakhwenkwe—yaye oko kwafika ezindlebeni zayo. Andisoze ndiyilibale indlela eyathetha kabuhlungu ngayo, yayaphuke intliziyo ngenxa yento endayithethayo. Yandixolela, kodwa yayinditya ngaphakathi into yokuba ndiye ndakhathaza omnye umntu!”
Ngokuqinisekileyo, into oyithethayo isenokumkhathaza omnye umntu. NeBhayibhile iyakungqina oko isithi, “kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.” (IMizekeliso 12:18) Ngoko ufanele ucingisise ngaphambi kokuba uthethe! Enyanisweni, kusenokungabi lula ukutshintsha incoko xa iindaba zimnandi. Kodwa wayechan’ ucwethe uCarolyn oneminyaka eli-17 ubudala xa esithi: “Ufanele ulumke ungathethi nje. Ukuba into akukhange uyive ngomntu omthembileyo, usenokuba usasaza ubuxoki.” Ngoko xa incoko ijika isiba yintlebendwane, sebenzisa icebiso likampostile uPawulos elithi yibani “nosukelo lokuhlala ngokuzolileyo, ningagxuphuleki kwimicimbi yabanye.”—1 Tesalonika 4:11.
Unokuwubonisa njani umdla kwabanye ngaphandle kokugxuphuleka kwimicimbi yabo? Ngaphambi kokuba uthethe ngomnye umntu, zibuze: ‘Ngaba le nkcazelo ichanile? Iyintoni injongo yokuxelela omnye umntu? Baza kundijonga njani abanye xa ndihleba?’ Lo mbuzo wokugqibela ubalulekile, kuba ukwaziwa njengentlebi kwenzela wena igama elibi ngaphezu kwaloo mntu umhlebayo.
Xa Inguwe Ohletywayo
Yintoni onokuyenza xa uhletywa? INtshumayeli 7:9 ilumkisa ngelithi: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho.” Kunoko, thoba izibilini. IBhayibhile ithi: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu, . . . kuba intliziyo yakho yazi kakuhle ukuba nawe ubaqalekise izihlandlo ezininzi abanye.”—INtshumayeli 7:21, 22.
Noko ke, oku akuyithetheleli intlebendwane. Kodwa ukubhabhazela ngumsindo kusenokwenza ujongwe kakubi nangakumbi! Kutheni ke ungaxelisi uRenee? Uthi: “Ndiyakhathazeka xa kuthethwe kakubi ngam, kodwa ndiyazibamba. Ndiyazi ukuba, kwiveki elandelayo kuza kube kuthethwa ngomnye umntu okanye ngenye into.” a
Ngoko yitshintshe ngobulumko incoko ukuze ingagqibeli ngokuba yintlebendwane. Yaye ukuba nguwe ohletyiweyo, zibambe ungagqabhuki ngumsindo. Imisebenzi yakho emihle iya kukuthethelela. (1 Petros 2:12) Ngaloo ndlela, uya kuba nobuhlobo obuhle nabanye ibe uya kumkholisa uThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwezinye iimeko, kusenokuba bubulumko ukuthetha ngobuchule nalowo ukuhlebileyo. Kodwa kwiimeko ezininzi, akude kube yimfuneko nokwenza oko, kuba “uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Petros 4:8.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Olinda umlomo wakhe ugcina umphefumlo wakhe. Oyivula ibe banzi imilebe yakhe—uya konakala.”—IMizekeliso 13:3.
ICEBISO
Xa umntu ehleba, usenokuthi: “Ndicela singathethi ngale nto. Ngapha koko, akakho apha lo mntu ukuze azithethelele.”
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ngokuyiphulaphula nje intlebendwane, nawe usenokuba netyala. Ngokumvumela umntu ohlebayo aqhabalake, uvula ithuba lokuba loo ntlebendwane yande okomlilo wedobo!
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa ndirhawuzelelwa lulwimi, ndiza ․․․․․
Xa kuthethwe kakubi ngam, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kunini apho kufanelekileyo ukuthetha ngabanye abantu?
● Ngaba wakha wahletywa, yaye ukuba kunjalo, yintoni owayifundayo koko?
● Ukuhleba abanye abantu kunokulingcolisa njani igama lakho?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 107]
“Ndafund’ isifundo xa umntu endandimhlebile esithi mandiyibek’ apha. Ndaphelelwa ngamahlathi okusithela! Oko kwandifundis’ ukuba kubhetele ukuthetha phambi kwaloo mntu kunokumdla izithende!”—UPaula
[Umfanekiso okwiphepha 108]
Intlebendwane inokumenzakalisa omnye umntu kanye oku kwesixhobo esiyingozi