Abazali Bakho
Icandelo 6
Abazali Bakho
Abazali banamava. Batyhubela amaxesha anzima okutshintsha emzimbeni nangokweemvakalelo xa babefikisa. Ngoko ngabo abanokukunceda ngeli xesha lokufikisa. Kodwa ngamanye amaxesha kubonakala ngathi ngabo ababangela ingxaki—kunokuba bazise isicombululo. Ngokomzekelo, usenokujamelana nezi ngxaki zilandelayo:
□ Abazali bam basoloko bendigxeka.
□ Utata nomama bangamakhoboka eziyobisi okanye utywala.
□ Abazali bam basoloko bexambulisana.
□ Abazali bam bahlukene.
Isahluko 21-25 siza kukunceda kwezi ngxaki nakwezinye.
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 172, 173]