Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Kukho Imithetho Emininzi Kangaka?

Kutheni Kukho Imithetho Emininzi Kangaka?

Isahluko 22

Kutheni Kukho Imithetho Emininzi Kangaka?

Bhala eminye imithetho oyibekelweyo kowenu. ․․․․․

Ngaba ucinga ukuba imithetho yakokwenu isoloko isengqiqweni?

□ Ewe □ Hayi

Nguwuphi owona mthetho ofumanisa kunzima ukuwuthobela? ․․․․․

IMITHETHO YASEKHAYA, yimiyalelo oyinikwa ngabazali bakho yokuba wenze okanye ungenzi okuthile. Le mithetho inokuquka umsebenzi wakho wesikolo, imisebenzi yasekhaya, ixesha omele ube sekhaya ngalo, indlela omele uyisebenzise ngayo ifowuni, umabonwakude nekhompyutha. Le mithetho isenokuquka nendlela oziphatha ngayo esikolweni nabahlobo obakhethayo.

Ngaba uziva ubophelelekile ngenxa yale mithetho? Mhlawumbi uvakalelwa njengolu lutsha:

“Akukho nto eyayindikruqula njengokubekelwa ixesha lokubuya! Yayindicaphukisa into yokwazi ukuba abanye bavumelekile ukuhlala de kube sebusuku ngoxa mna kufuneka ndigodukile.”—UAllen.

“Akukho nto indicaphukisa njengale yokuba kufuneka ndaziwe ukuba ndithetha nabani kwicellphone yam. Ndivakalelwa ngathi ndiphathwa njengomntwana!”—UElizabeth.

“Ndandivakalelwa kukuba abazali bam abafuni ndonwabe yaye abafuni ndibe nabahlobo!”—UNicole.

Ngoxa abantu abaselula bedla ngokuyaphula imithetho abayibekelwe ngabazali babo, inkoliso yabo iyaqonda ukuba imithetho iyafuneka ukuze kubekho ucwangco ekhaya. Kodwa ukuba kumele kubekho imithetho ekhaya, kutheni eminye yayo ikruqula kangaka nje?

“Andiselulo Usana!”

Mhlawumbi uyayicaphukela imithetho kuba uvakalelwa kukuba uphathwa njengomntwana. Ukhalaza ngelithi, “Andiselulo usana!” Kakade ke, kusenokwenzeka ukuba abazali bakho bavakalelwa kukuba kubalulekile ukuba kubekho imithetho ukuze ikukhusele yaye oko kuya kukwenza ube nengqondo ezinzileyo xa sele umdala.

Sekunjalo, kusenokubonakala ngathi abazali bakho basasebenzisa laa mithetho yayibekwe usemncinane. Usenokuvakalelwa njengenye intombazana egama linguBrielle, eyathetha oku ngabazali bayo: “Balibele tu ukuba umntu olingana nam uvakalelwa njani. Abafuni kuva izimvo zam, abafuni ndizenzele ukhetho yaye abandiphathi njengomntu omdala.” UAllison oselula uvakalelwa ngendlela efanayo. Uthi: “Kubonakala ngathi abazali bam abaqondi ukuba ndineminyaka eli-18 ubudala kungekhona eli-10. Kufuneka bandithembe ngakumbi!”

Kuba nzima ukuthobela imithetho yasekhaya ngokukodwa ukuba abantakwenu babonakala befumana inkululeko engakumbi. Ngokomzekelo, ecinga ngoko kwakusenzeka ekukhuleni kwakhe, umfana ogama linguMatthew uthi ngodadewabo nabazala bakhe, “Babeyekwa benze nantoni na abayithandayo!”

Ngaba Kunokuba Bhetele Xa Imithetho Ingekho?

Kuyaqondakala ukuba usenokulangazelela ukuphuma phantsi kwegunya labazali bakho. Kodwa ngaba ngokwenene kunokuba bhetele xa kunokuba njalo? Mhlawumbi wazi abanye abasebatsha abahamba de kube sezinzulwini zobusuku, abanxiba unothanda okanye bahambe nabahlobo babo nokuba kunini, baye naphi na apho bafuna ukuya khona. Kunokwenzeka ukuba abazali babo baxakeke gqitha yaye abaziboni izinto ezenziwa ngabantwana babo. Nokuba siyintoni na isizathu, iBhayibhile ibonisa ukuba le asiyondlela ifanelekileyo yokukhulisa abantwana. (IMizekeliso 29:15) Ubona kungekho thando nje ehlabathini kungenxa yokuba baninzi abantu abazingcayo, abangazange banqwanqwadwe ekukhuleni kwabo.—2 Timoti 3:1-5.

Kunokubawela ukufana nolutsha olwenza unothanda, zama ukuqonda ukuba imithetho emiselwa ngabazali bakho ibonisa ukuba bayakuthanda yaye bakukhathalele. Ngokumisela imida esengqiqweni, baxelisa uYehova uThixo owathi kubantu bakhe: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.”—INdumiso 32:8.

Noko ke, maxa wambi usenokuvakalelwa kukuba imithetho yabazali bakho inzima kakhulu. Yintoni enokukwenza uzive bhetele?

Indlela Ephumelelayo Yokunxibelelana

Enoba ufuna inkululeko engakumbi okanye ufuna le mithetho ingakucaphukisi, eyona nto ibhetele kukuba uthethe nabazali bakho. Omnye usenokuthi, ‘Ndizamile ukuthetha nabazali bam, kodwa ingathi izinto zisafana!’ Ukuba le yindlela ovakalelwa ngayo, umele uzibuze, ‘Ngaba ndinokuyiphucula indlela endithetha ngayo?’ Ukuthetha kubalulekile ukuze (1) abanye bakuqonde okanye (2) uqonde isizathu sokungavunyelwa ukuba ufumane into oyifunayo. Kaloku ukuba ufuna ukunikwa amalungelo afunyanwa ngabantu abadala, kulindeleke ukuba uthethe njengomntu omdala. Unokukwenza njani oku?

Funda ukuzibamba. Ukuze unxibelelane kakuhle nabanye kufuneka ukwazi ukuzibamba. IBhayibhile ithi: “Isiyatha sikhupha wonke umoya waso, kodwa isilumko siwugcina uzolile kude kuse ekupheleni.” (IMizekeliso 29:11) Ngoko kuphephe ukukhalaza, ukuqumba nokudubuleka ngomsindo ngokungathi ungumntwana. Mhlawumbi usenokufuna ukumbakraza ucango okanye ugqwashule ngumsindo xa abazali bakho bekubekela imiqathango. Noko ke xa usenza ezo zinto, unokusuka ubekelwe imiqathango eyongezelelekileyo, kunokuba ufumane umnyinyiva.

Zama ukubona izinto njengabazali bakho. UTracy, ongumKristu oselula nokhuliswa ngunina kuphela, uthi, “Ndiye ndizibuze, ‘Yintoni umama afuna ukundifundisa yona ngale mithetho?’” UTracy ufikelela kwesiphi isigqibo? “Uzama ukuphucula ubuntu bam.” (IMizekeliso 3:1, 2) Xa uyiqonda inkxalabo yabazali bakho, unokukwazi ukuchaza indlela ovakalelwa ngayo.

Ngokomzekelo, masithi abazali bakho abakuvumeli ukuba uye kwimbutho ethile. Kunokuba uxambulisane nabo, usenokubuza, “Ukuba kuza kubakho omnye umntu oqolileyo nothembekileyo oza kuhamba nam, ndingaya?” Sekunjalo, abazali bakho basenokungavumi. Kodwa ukuba uyakuqonda oko kubenza baxhalabe, usenokukwazi ukuza necebo abanokulamkela.

Yenza abazali bakho bakuthembe. Masithi umntu othile unetyala ebhankini. Ukuba uhlawula ngokuthe rhoqo, ibhanki inokumthemba yaye unokude abolekwe nemali ethe chatha. Kuyafana ke nasekhaya. Abazali bakho ufanele ubathobele. Xa uthembekile—nakwizinto ezincinane—abazali bakho bayakwazi ukukuthemba. Kakade ke, ukuba usoloko ubadanisa abazali bakho, ungothuki xa bengakuthembi konke konke.

Xa Waphule Umthetho

Usenokuyaphula imithetho nokuba kunini—ungawenzi umsebenzi othile obuwabelwe ekhaya, uthethe ixesha elide efowunini okanye ufike emva kwexesha olibekelweyo. (INdumiso 130:3) Ngoko kufuneka uphendule kubazali bakho! Unokuyithintela njani le ngxaki ukuba ingabi mbi nangakumbi?

Thetha inyaniso. Musa ukuthetha ubuxoki. Xa uxoka unokwenza abazali bakho bangakuthembi. Ngoko nyaniseka uze uchaze zonke iinkcukacha. (IMizekeliso 28:13) Musa ukuzithethelela okanye uzithathe lula izinto. Khumbula ukuba, “impendulo, xa inobulali, isusa umsindo.”—IMizekeliso 15:1.

Cela uxolo. Ukuba ucela uxolo ngenxa yokubabek’ exhaleni, ukubaphoxa okanye ukubaxakekisa, basenongakohlwayi ngokuqatha. Kodwa ke, kufuneka ucele uxolo ngokusuk’ entliziyweni.

Samkele isohlwayo. (Galati 6:7) Usenokukhalaza xa usohlwaywa, ingakumbi ukuba kubonakala ngathi udlelw’ indlala. Kodwa ukusamkela isohlwayo kubonisa ukuba uqolile. Eyona nto inokuba bhetele kukuzama ukuba abazali bakho baphinde bakuthembe.

Bhala apha ingongoma ofuna ukusebenzela kuyo kwezi zintathu. ․․․․․

Khumbula ukuba, abazali bakho banembopheleleko yokukulawula ngendlela esengqiqweni. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile ithetha ‘ngomyalelo kayihlo nomthetho kanyoko.’ (IMizekeliso 6:20) Sekunjalo, akufanele uvakalelwe kukuba imithetho yasekhaya iya kukwenza uphile ubomi bentshontsho. Ngokwahlukileyo koko, xa uthobela igunya labazali bakho, uYehova uthembisa ukuba, ekuhambeni kwexesha izinto ziya ‘kukulungela’!—Efese 6:1-3.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MXHOLO KUMQULU 1, ISAHLUKO 3

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba unomzali osebenzisa kakubi iziyobisi okanye utywala? Funda ngendlela onokuhlangabezana ngayo nale ngxaki.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Beka uyihlo nonyoko . . . ukuze kulunge kuwe.”—Efese 6:2, 3.

ICEBISO

Ukuba ufuna abazali bakho bakunike inkululeko engakumbi, zenzele igama elihle ngokuthobela imithetho yabo. Xa uthobela rhoqo, kuya kuba lula ngabo ukuba bavume xa kukho into oyicelayo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Uphando lubonisa ukuba ulutsha olunabazali abamisela imithetho ngothando, ludla ngokuqhuba kakuhle gqitha esikolweni, lube nolwalamano oluhle nabanye, yaye luyonwaba.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba ndaphule umthetho wasekhaya, ndiza kuthi ․․․․․

Ndinokwenza abazali bam bandithembe ngokuthi ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Kutheni abazali bakho besenokubonakala bengqongqo kuwe maxa wambi?

Kutheni maxa wambi ucaphuka xa bekubekela imiqathango?

Unokuyiphucula njani indlela othetha ngayo nabazali bakho?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 183]

“Xa uselula, uye ucinge ukuba wazi yonk’ into. Ngoko xa abazali bakho bekubekela imiqathango ethile kulula ukuba ucaphuke. Kodwa eneneni imithetho abakumisela yona yeyokunceda wena.”—UMegan

[Ibhokisi ekwiphepha 186]

Ngaba Ngokwenene Kukukhetha?

Ngaba wakha wazibuza, ‘Kutheni abazali bengasiphathi sonke ngendlela efanayo?’ Kaloku, kusenokungabi yingenelo ukuba abazali baphathe abantwana babo ngendlela efanayo. Eneneni, owona mbuzo ubalulekileyo ngulo, Ngaba iintswelo zakho ziyatyeshelwa? Ngokomzekelo, xa ufuna icebiso, uncedo, okanye inkxaso yabazali bakho, ngaba uyayifumana? Ukuba kunjalo, ngaba ungatsho ngokunyanisekileyo ukuba abakuphathanga kakuhle? Ekubeni wena nabantwana bakowenu ningafani, abazali benu abanakuniphatha ngendlela efanayo ngalo lonke ixesha. Ekuhambeni kwexesha uBeth wakuqonda oko. Ngoku uneminyaka eli-18 ubudala, yaye uthi: “Mna nomntakwethu sahluke gqitha yaye sifanele siphathwe ngendlela engafaniyo. Ndiyayiqonda ngoku loo nto nakuba ndandingaboni ngaloo ndlela ngoxa ndandiselula.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 189]

Isalathiso Samaphepha

Thetha Nabazali Bakho!

Kwizahluko ezibini ezingaphambili kuxutyushwe ngezinto onokuzenza xa ugxekwa ngabazali bakho naxa ubekelwa imithetho ekhaya. Kuthekani ukuba uvakalelwa kukuba abazali bakho bangqongqo ngokugqithiseleyo kwenye yezi nkalo okanye kuzo zombini? Unokuthetha njani kunye nabo ngako oko?

Thetha nabo xa uzolile yaye abazali bakho bengaxakekanga kangako.

Chaza uluvo lwakho, kodwa ungabi nomsindo. Banike abazali bakho imbeko ebafaneleyo.

Ukuba uvakalelwa kukuba abazali bakho bakugxeka ngokugqithiseleyo, usenokuthi: “Ndiyazama ukwenza izinto ezifanelekileyo, kodwa kunzima kuba nisoloko nindigxeka. Singakhe sithethe ngale ngxaki?”

Bhala ngezantsi indlela oza kuqalisa ngayo xa uthetha nabazali bakho ngalo mbandela

․․․․․

ICEBISO: Sebenzisa amacebiso akwiSahluko 21. Mhlawumbi abazali bakho baya kukulungela ukusixubusha nawe eso sahluko

Ukuba uvakalelwa kukuba abazali bakho abakuniki nkululeko yaneleyo, usenokuthi: “Ndifuna ukwenza izinto ngendlela efanelekileyo ukuze ekuhambeni kwexesha nindinike inkululeko engakumbi. Yintoni endifanele ndiphucule kuyo?”

Bhala ngezantsi indlela oza kuqalisa ngayo xa uthetha nabazali bakho ngalo mbandela

․․․․․

ICEBISO: Hlola iSahluko 3 uMqulu 1. Emva koko bhala imibuzo onayo ngokuphathelele oko ukufundileyo.

[Umfanekiso okwiphepha 184, 185]

Ukuthobela imithetho yabazali bakho kufana nokuhlawula ityala lebhanki—xa unyanisekile uza kuthenjwa nangakumbi