Ndinokumelana Njani Nokugxekwa?
Isahluko 21
Ndinokumelana Njani Nokugxekwa?
“Umama wayengathi lipolisa—wayesoloko ejonga iimpazamo zam. Ndandisithi ndingekagqibi nokwenza imisebenzi yasekhaya, abe sele ekhangela iimpazamo.”—UCraig.
“Abazali bam babesoloko bendingxolisa. Babesithi andikhathali. Babendigxeka ngayo yonke into—ngomsebenzi wesikolo nowasekhaya nangendlela endiqhuba ngayo ebandleni.”—UJames.
NGABA kubonakala ngathi abazali bakho abakholiswa yiyo nantoni na oyenzayo? Ngaba uvakalelwa kukuba basoloko bejonge yonk’ into oyenzayo yaye basoloko bekugxeka, kuba kungekho nanye into efanelekileyo oyenzayo?
Yiyiphi kwezi odla ngokuyingxoliselwa?
□ Izinto zisoloko zithe saa kwigumbi lakho lokulala.
□ Ubukela kakhulu umabonwakude.
□ Ulala ebusuku kakhulu.
□ Uvuka emini.
Kulo mgca ulandelayo khawubhale eyona nto ikukhathazayo, abadla ngokukukhumbuza okanye bakugxeke ngayo abazali bakho.
․․․․․
Liyinyaniso elokuba, unokucaphuka xa usoloko uyalelwa yaye ugxekwa. Kodwa kwelinye icala ukuba abazali bakho bebengakululeki yaye bengakuqeqeshi, ngaba ubungenakuzibuza enoba bayakuthanda kusini na? (Hebhere 12:8) Eneneni, xa abazali bakho bekuqeqesha, bayakuthanda. IBhayibhile ithi uyise uya kumohlwaya ‘unyana akholiswayo nguye.’—IMizekeliso 3:12.
Ufanele ubulele kuba abazali bakho bayakuthanda, yiloo nto kanye bekuqeqesha! Ngaphezu koko, usemncinane ngeminyaka yaye akunamava. Maxa wambi, kuya kufuneka ulungiswe. Ngaphandle kolwalathiso, “iinkanuko zobutsha” zinokukongamela—2 Timoti 2:22.
Kodwa Kubuhlungu!
Kakade ke, “akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu.” (Hebhere 12:11) Ingqeqesho ibonakala ibuhlungu ngakumbi xa uselula. Akumangalisi phofu oko! Ubuntu bakho buyatshintsha. Usakhula yaye usafuna ukuzazi ukuba ungumntu onjani. Ngoko ke ukugxekwa—enoba umzali ucingisisile yaye uthetha ngobubele—kusenokubangela ukuba ube nomsindo.
Siyaqondakala isizathu sokuba uvakalelwe ngaloo ndlela, kaloku indlela ozijonga ngayo wena inokuxhomekeka kwizinto abantu abazithethayo ngawe. Yaye indlela abazali bakho abakujonga ngayo inegalelo elikhulu kwindlela ovakalelwa ngayo ngesiqu sakho. Ngoko ke kusenokuba buhlungu xa umzali ekululeka okanye ekungxolisa ngento oyenzileyo.
Ngaba oko kumele kukwenze ucinge ukuba ayikho into onokuyenza kakuhle, okanye ungungantweni ngenxa nje yokuba umzali wakho ekubonise iimpazamo zakho? Akunjalo. Bonke abantu abafezekanga. (INtshumayeli 7:20) Yaye ukwenza iimpazamo kuyinxalenye yokukhula. (Yobhi 6:24) Kuthekani ke ukuba abazali bakho basoloko bebona undonakele kwindlela owenza ngayo izinto kodwa bangakuncomi xa wenze into entle? Kusenokuba buhlungu gqitha oko. Kodwa nakuba kunjalo, oko akuthethi ukuba ungungantweni.
Isizathu Sokugxekwa
Ngamanye amaxesha kunokubonakala ngathi umzali ukugxeka kakhulu kungengakuba wenza iimpazamo ezininzi kodwa mhlawumbi kukho into emkhathazileyo ngelo xesha. Ngaba umama wakho uye waba nengxaki ethile namhlanje? Ngaba mhlawumbi impilo yakhe inkenenkene? Ngoko usenokukungxolisa xa igumbi lakho lingacocekanga. Ngaba utata wakho ukhathazekile yaye uxhalabile kuba enengxaki yemali? Oko kunokumenza athethe engacinganga “njengokuhlaba kwekrele.” (IMizekeliso 12:18) Enyanisweni kuyacaphukisa ukugxekwa ngaloo ndlela. Kodwa kunokuba uhlale ucinga ngokuphathwa kwakho kakubi—nto leyo eza kukucaphukisa nangakumbi—zama ukubaxolela abazali bakho. Khumbula: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi. Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo.”—Yakobi 3:2.
Njengabantu abangafezekanga, nabazali basenokuvakalelwa kukuba bayasilela ngandlel’ ithile. Xa sithetha inyani, ukusilela kwakho ekwenzeni okuthile kunokubenza bacinge ukuba ngabo abasileleyo. Ngokomzekelo, intombazana inokugxekwa ngunina xa isiza neziphumo zesikolo ezingekho zihle. Kodwa kusenokwenzeka ukuba unina ucinga oku, ‘Ndiyasilela njengomzali, andikhange ndiyikhuthaze ngokwaneleyo intombi yam.’
Zola Xa Ugxekwa
Enoba uyintoni unobangela wokugxekwa, umbuzo ngulo, Yintoni onokuyenza xa ugxekwa? Okokuqala, kulumkele ukugqajukelwa ngumsindo. IMizekeliso 17:27 ithi: “Nabani na owabambayo amazwi akhe unolwazi, nomntu oqondayo unomoya opholileyo.” Unokuhlala njani “unomoya opholileyo” xa ugxekwa? Zama oku kulandelayo:
Phulaphula. Kunokuba ukhawuleze uzithethelele okanye ufune ukubonisa indlela omsulwa ngayo, zama ukuzibamba uze uphulaphule oko abazali bakho bafuna ukukuthetha. Umfundi uYakobi waxelela amaKristu ukuba amele “akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe ukuqumba.” (Yakobi 1:19) Ukuba ukhawuleza ubangen’ emlonyeni abazali bakho besathetha nawe, baza kucinga ukuba akuphulaphulanga. Baza kucaphuka baze bakululeke ngakumbi.
Nikela ingqalelo. Ngamanye amaxesha, unokuvakalelwa IMizekeliso 13:24.
kukuba abazali bakho bakululeke ngendlela engqwabalala. Kunokuba ucinge ngendlela abathetha ngayo khawunikele ingqalelo koko bakuthethayo. Zibuze: ‘Yintoni endiqinisekileyo ukuba iyinyani kule nto bayithethayo? Ngaba bakhe bandingxolisela into efanayo ngaphambili? Ndiza kuphuma ntoni khona ukuba ndenza nje le nto bathi mandiyenze?’ Khumbula, nokuba sele kubonakala ngathi imeko imbi kakhulu, abazali bakho bayakuthanda. Ukuba bebekucaphukela bebengayi kukuqeqesha.—Ukuwabeka ngenye indlela amazwi. Ukuwabeka ngenye indlela amazwi asetyenziswe ngabazali bakho nokuphinda oko bakuxelela kona ngentlonelo kubaqinisekisa ukuba ukuvile oko bakutshoyo. Ngokomzekelo, umzali usenokuthi: “Usoloko ushiya izinto zithe saa egumbini lakho. Ukuba ndibuye kusenje, uza kundazi!” Kusenokwenzeka ukuba wena akuboni ukuba izinto zithe saa egumbini lakho. Kodwa akuyi kukunceda nganto ukuxelela umzali wakho loo nto. Zama ukujonga izinto ngendlela umzali wakho azijonga ngayo. Ngoxa ukuphepha ukuba ngathi uyaphoxisa, kunokuba bhetele xa unokuthi: “Unyanisile mama, kuthe saa apha. Ndilicoce ngoku okanye emva kwesidlo sangokuhlwa?” Xa ubonisa ukuba uyayiqonda into ecaphukisa umzali wakho, unokutsho athomalale. Kodwa ke, okubalulekileyo Efese 6:1.
kukuba wenze ngendlela umzali wakho akuyalele ngayo.—Zibambe. Musa ukuzithethelela ngoko nangoko, qala wenze oko umzali wakho akufunayo. IBhayibhile ithi: “Oyinqandayo imilebe yakhe wenza ngokunengqiqo.” (IMizekeliso 10:19) Xa abazali bakho bekubona ukuba ubaphulaphule, nabo baza kukuphulaphula.
Bhala apha ukuba ziziphi kwezi ngongoma zine zingentla omele usebenzele kuzo. ․․․․․
Isizathu Sokuba Ufanele Wenze Umgudu
Ngaba ubunokunyamezela ukwenza umsebenzi onzima ukuze ufumane igolide? Kaloku iBhayibhile ithi ubulumko bungaphezulu lee kunobutyebi. (IMizekeliso 3:13, 14) Unokuba sisilumko njani? IMizekeliso 19:20 ithi: “Phulaphula icebiso uze wamkele ingqeqesho, ukuze ube nobulumko kamva.” Ewe, kusenokungabi mnandi xa ululekwa naxa uqeqeshwa. Kodwa ukuba uyaphulaphula xa ugxekwa, uya kufumana ubutyebi obungaphaya kwegolide.
Inyaniso yile: Akunakukuphepha ukugxekwa. Kanye ngoku kufuneka unyamezele ukugxekwa ngabazali bakho nangootitshala. Kodwa kwixa elizayo, uza kugxekwa ngabaqeshi nangabanye abantu. Funda kowenu indlela yokujamelana nokugxekwa, ngaloo ndlela uya kuba ngumfundi owenza inkqubela, umsebénzi othenjiweyo, yaye nawe akuyi kuzeya. Ngokwenene kufanelekile ukunyamezela ukugxekwa ukuze ufumane loo miphumo!
Ngaba ubophelelekile ngenxa yemithetho yakokwenu? Funda indlela onokwaneliswa ngayo yinkululeko onayo—nendlela yokufumana inkululeko engakumbi.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Umntu osisilumko uya kuphulaphula aze angenise uyalelo olungakumbi.”—IMizekeliso 1:5.
ICEBISO
Ukuze ukwazi ukwamkela isiluleko sabazali bakho
● Yiba nombulelo xa unconywa ngabazali bakho, enoba oko kunconywa kuhamba nesiluleko.
● Cela ukucaciselwa xa kukho into ongayiqondiyo ngesiluleko osinikwayo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Abanye abazali bakufumanisa kunzima ukubaphatha kakuhle abantwana babo kuba nabo bengazange baqeqeshwe kakuhle yaye bathandwe ngabazali babo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa ndiphinda ndigxekwa ngabazali bam, ndiza ․․․․․
Ukuba ndivakalelwa kukuba abazali bam bandigxeka ngokugqithiseleyo, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni ungakuthandi ukugxekwa?
● Yintoni esenokubangela ukuba abazali bakho bakugxeke?
● Yintoni onokuyenza ukuze ungenelwe xa ufumana isiluleko?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 177]
“Sasisoloko sixabana nomama, endigxolisa nam ndimphendula. Kodwa ngoku ndizama ukwenza oko kuthethwa liLizwi likaThixo. Kuyanceda. Isimo sengqondo sikamama sitshintshile. Ngokwenza oko kuthethwa yiBhayibhile, ndimqonda bhetele. Siye saba nolwalamano oluhle.”—UMarleen
[Umfanekiso okwiphepha 180]
Ukuba uyaphulaphula xa ugxekwa uya kuzuza ubutyebi obuxabiseke ngaphezu kwegolide