Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazali Ncedani Niphawule

Bazali Ncedani Niphawule

Bazali Ncedani Niphawule

Kubantu abaselula, ixesha lokufikisa linokuba nzima kakhulu. Abaqiniseki ngoko bamele bakwenze, yaye maxa wambi baba noloyiko. Njengomzali usenokunqwenela ukuba abantwana bakho bangatyhubeli kubunzima bexesha lokufikisa. Kakade ke, akunakukuthintela oku, kodwa unako ukubanceda baphumelele. Nguwe onokukwazi ukunceda abantwana bakho bahlangabezane ngempumelelo neengxaki zokufikisa de babe ngabantu abaqolileyo.

Kodwa ukuthetha asikokwenza. Xa unyana wakho wayesemncinane wayesisiquququ senkwenkwana ethand’ ukuthetha; kodwa njengokuba ekhula uphendula loo nto uyibuzayo. Ngokuyaa intwazana yakho yayisencinane yayithanda ukuhamba nawe; kodwa ngoku iba ngathi ineentloni zokubonwa ihamba nabazali!

Akuyomfuneko ukuba uvakalelwe kukuba uyasilela njengomzali xa kusenzeka oku. Ukho umthombo wobulumko onokukunceda wena nabantwana bakho. Loo mthombo liLizwi likaThixo, iBhayibhile.

Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, uMqulu 2, ilungiselelwe ukunceda umntwana wakho akwazi ukuqiqa ngeZibhalo. KwiZiqulatho ezikwiphepha 4 nele-5 kukho imixholo eyahlukahlukeneyo exutyushwa kule ncwadi. Kodwa kukho nezinye izinto ezibangel’ umdla kule ncwadi. Ngokomzekelo:

(1) Kule ncwadi kuthethwa nomfundi ngokuthe ngqo. Kwezinye iindawo umntwana wakho ukhuthazwa ukuba abhale uluvo lwakhe ngemibandela eyahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, kwiphepha 132 ukusa kwele-133 elinomxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” umntwana uya kuncedwa akwazi ukucinga ngendlela anokuhlangabezana ngayo neengxaki ajamelana nazo. Ukongezelela, ekupheleni kwecandelo ngalinye lale ncwadi kukho iphepha elinomxholo othi “Uluvo Lwam,” umntwana wakho anokubhala kulo indlela achaphazeleka ngayo koko kuxutyushwe kwelo candelo.

(2) Le ncwadi ikhuthaza abantwana ukuba bancokole nabazali babo. Ngokomzekelo, kwiphepha 63 nelama-64 kukho ibhokisi ethi “Ndinokuqala Ngaphi Xa Ndithetha Notata Okanye Nomama Ngesini?” Ekupheleni kwesahluko ngasinye kukho ibhokisi enomxholo othi “Ucinga Ntoni?” Le asiyobhokisi nje yempinda, kodwa ivula nethuba lokuba amalungu entsapho ancokole. Kwisahluko ngasinye sale ncwadi kukho umxholwana othi “Oko Ndiceba Ukukwenza!” apho umntwana acelwa ukuba abhale oko afuna ukukubuza, ekupheleni kwesivakalisi esithi: “Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba . . .” Oku kuya kukhuthaza ulutsha lufune uncedo kubazali balo ngeli xesha lokufikisa linzima.

Nasi isilumkiso: Ukuze abantwana bakho babhale izimvo zabo ngokukhululekileyo kule ncwadi, musa ukuyifunda. Mhlawumbi baya kukuchazela kamva ngezinto abazibhalileyo.

Yiba neyakho incwadi uyifundisise ukuze uyazi kakuhle. Njengokuba uyifunda cinga ngezinto owatyhubela kuzo ngoxa wawufikisa, iingxaki owawunazo, ukudideka nokunxunguphala. Ngexesha elifanelekileyo unokubachazela abantwana bakho ngezinto owatyhubela kuzo. Oku kuya kwenza nabo bathethe ngeengxaki zabo. Baphulaphule xa bethetha! Xa kubonakala kunzima ukuba bathethe musa ukunikezela. Enoba abantwana banokubonakala bengawamkeli amacebiso abazali, ngawona badla ngokuwaxabisa kunezinto abazixelelwa ngoontanga.

Sivuya gqitha kukuba wena nabantwana bakho niza kufumana le ncwadi isekelwe eBhayibhileni, yaye sithandazela ukuba inincede njengentsapho.

Abapapashi