Kuthekani Ukuba Singamahlwempu Ekhaya?
Isahluko 20
Kuthekani Ukuba Singamahlwempu Ekhaya?
UGregory, oselula nohlala eMpuma Yurophu, akanamali yokuthenga iimpahla okanye izinto ze-elektroniki olunazo olunye ulutsha lwaseNtshona. Oku kuyamkhathaza kangangokuba ufuna ukufudukela eOstriya. Ngaba uGregory lihlwempu?
□ Ewe □ Hayi
ULoyiso ngumfana okwiilali ezikumazantsi eAfrika. Uhlala kwindlu encinane nentsapho yakowabo, ngenxa yoko ubawela ukufana nolunye ulutsha oluhlala kwidolophu ekufuphi olunezinto ezenza ubomi bube “lula”—itepu yamanzi nombane. Ngaba unokuthi uLoyiso ulihlwempu?
□ Ewe □ Hayi
KUCACILE ukuba abantu abakwiindawo ezahlukahlukeneyo babugqala ngeendlela ezingafaniyo “ubuhlwempu.” Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba uGregory uzigqala njengehlwempu, kodwa xa simthelekisa noLoyiso, uGregory uphila tofotofo. Ufanele uqonde ukuba enoba ulihlwempu kangakanani na, kusenokwenzeka ukuba abanye bahlwempuzeke ngaphezu kwakho. Kodwa ke, xa ungenazimpahla zifanelekileyo zesikolo okanye izinto ezisisiseko njengetephu yamanzi, akunakukunceda nganto ukuxelelwa ukuba kukho abantu abahlwempuzeke ngaphezu kwakho.
IMizekeliso 23:32) UMaria waseMzantsi Afrika okhuliswa ngumzali omnye ongathathi ntweni, uthi: “Ukuzama ukucima ingxaki ngotywala neziyobisi akuzisi sicombululo.”
Olunye ulutsha olukhula lungamahlwempu luyazeya, yaye luye luzame ukucima loo ntlungu ngokuzintyintya ngotywala okanye ngeziyobisi. Noko ke, oko kwenza izinto zibe mbi nangakumbi. Abo bazintyintya ngotywala bafumanisa ukuba ‘buluma njengenyoka yaye bukhupha ityhefu njengerhamba.’ (Usenokungazinikel’ etywaleni okanye kwiziyobisi, kodwa usenokuphelelwa lithemba ngemeko okuyo. Unokubhenela phi? Isiluleko seBhayibhile sinokukunceda ungaphelelwa lithemba, sikwenze ube nesimo sengqondo esifanelekileyo. Makhe sibone indlela esinokukunceda ngayo.
Cinga Ngezinto Onazo
Enye into ongayenza kukunikela ingqalelo, kungekhona kwizinto ongenazo, kodwa kwizinto onazo. Izinto ezinjengekhaya namalungu entsapho akuthandayo, ngokuqinisekileyo zibaluleke ngaphezu kwemali! Umzekeliso oseBhayibhileni uthi: “Silunge ngakumbi isidlo semifuno apho kukho uthando kunenkunzi yenkomo eyondliwe emkhumbini kunye nentiyo.” (IMizekeliso 15:17) Ulutsha olungamaKristu lunento ebaluleke nakakhulu—inkxaso ‘yomanyano lwabazalwana luphela.’—1 Petros 2:17.
Kufuneka ube noxabiso ngezinto onazo. Liyinyaniso elokuba, ikhaya lakho lisenokuba likumgangatho ophantsi. Kusenokwenzeka ukuba unxiba iimpahla ezindala, ezixolwe ngamalaphu. Yaye usenokubawela iintlobo ezahlukahlukeneyo zokutya. Kodwa ngaba kufuneka ube neempahla ezinamagama okanye ikhaya elinobunewunewu ukuze ukholise uThixo? Ngaba Filipi 4:12) Uthini ngokuphathelele oku? “Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.”—1 Timoti 6:8, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.
kufuneka utye izibiliboco ukuze uhlale usempilweni? Akunjalo. Umpostile uPawulos wafunda isifundo esibalulekileyo ngokuphathelele oku. Wakha wabungcamla ubutyebi nobuhlwempu. (UEldred, indoda yaseMzantsi Afrika eyakhulela kwintsapho etsala nzima, uthi: “Sasiyazi into yokuba akukho mali ekhaya yaye sasingenakufumana yonke into esiyifunayo.” UEldred uthi xa iibhulukhwe zakhe zesikolo zikrazukile, unina wayezixola ngamalaphu—ngokuphindaphindiweyo! UEldred uthi: “Kwafuneka ndinyamezele ukuhlekwa ngabanye. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba sasinxiba iimpahla ezicocekileyo.”
Yiba Neqhayiya Ngesiqu Sakho
UJames, oneminyaka eli-11 ubudala, wayehlala nonina nodadewabo etyotyombeni kufuphi naseRhawutini, eMzantsi Afrika. Babengenazinto zingako ziphathekayo. Kodwa, uJames wayenazo izinto ezibaluleke kakhulu, ixesha namandla, nto leyo yayimenza akwazi ukunceda abanye
abantu. Mpela-veki nganye, uJames wayencedisa ekwakheni iHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova kwindawo ahlala kuyo. Lo msebenzi wawungamgcini exakekile nje kuphela, kodwa wawumenza azive anelisekile yaye eneqhayiya. UJames uthi, “Emva komsebenzi wokwakha, suku ngalunye ndiziva ndanelisekile!”Omnye umsebenzi obalulekileyo ngowokufundisa iBhayibhile kwindlu ngendlu. (Mateyu 24:14) Ulutsha olungamaNgqina kaYehova luwenza ngokuthe rhoqo lo msebenzi. Ngokwenjenjalo lunika abanye ithemba ngekamva yaye ngaloo ndlela luziva luneqhayiya. Liyinyaniso elokuba, aluhlawulwa ngalo msebenzi. Kodwa khumbula oko kwathethwa nguYesu kumaKristu amandulo ebandla laseSmirna. Ayengamahlwempu. Sekunjalo, ngenxa yoxabiso lwawo olunzulu ngezinto zokomoya, uYesu wathi: “Ndiyayazi imbandezelo nobuhlwempu bakho —kodwa usisityebi.” Ekugqibeleni, ngenxa yokholo lwawo kwigazi likaYesu elaphalalayo, ayeza kuba zizityebi ngeyona ndlela, ayeza kufumana isithsaba sobomi bokungafi.—ISityhilelo 2:9, 10.
Ungalahli Themba
Unokuba nolwalamano olusenyongweni noYehova enoba usisityebi okanye ulihlwempu. IBhayibhile ithi: “Osisityebi nosweleyo bayahlangabezana. UMenzi wabo bonke nguYehova.” (IMizekeliso 22:2) La mazwi aye anceda amaNgqina kaYehova aselula amaninzi ukuba akwazi ukuhlangabezana nobuhlwempu. Aye aqonda ukuba ulonwabo luxhomekeke, kungekhona ekubeni nezinto eziphathekayo, kodwa ekubeni ngumhlobo noYehova uThixo, owamkela wonke umntu ofuna ukumkhonza. UThixo uthembisa ukuba kuza kubakho ihlabathi elitsha elingenabuhlwempu kwixesha elizayo.—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4.
Okwangoku, zisebenzise kakuhle izinto onazo. Ungalahli themba. Ziqwebele ubuncwane bokomoya. (Mateyu 6:19-21) Bujonge ubuhlwempu njengento onokuhlangabezana nayo!
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.”—Luka 12:15.
ICEBISO
Kuphephe ukungcakaza, ukutshaya nokunxila. Ukuba abanye abantu bakokwenu bayazenza ezi zinto, yiba ngumzekelo ngehambo yakho.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kunokukunceda waneliseke, kungakhathaliseki ukuba injani imeko yakho.—Filipi 4:12, 13; 1 Timoti 6:8; Hebhere 13:5.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Nazi izinto endinazo ․․․․․
Ndiza kuzisebenzisela ekuncedeni abanye ngokuthi ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni abantu bebugqala ngeendlela ezingafaniyo “ubuhlwempu”?
● Kutheni ibubuyatha ukubhenela kwiziyobisi, etywaleni nakwezinye izinto ngenjongo yokulibala ngentlungu okuyo?
● Ziziphi izinto onokuzenza ukuze ukwazi ukuhlangabezana nobuhlwempu?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 168]
“Nangona ndandilihlwempu, ndaqonda ukuba ukuhamba nemigulukudu okanye ukuba lisela akuyi kundinceda nganto. Namhlanje, oontanga bam abaninzi ababesenza ezi zinto bayeka phakathi esikolweni, abanye bazintyintya ngotywala, bangamakhoboka eziyobisi yaye abanye bangaphaya kwezitshixo.”—UGeorge
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 164]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Ndifanele Ndifudukele Kwelinye Ilizwe?
Olunye ulutsha lufuna ukufudukela kwamanye amazwe ukuze lufumane imali okanye luncedise kumawalo. Olunye luye lufuduke kuba lufuna ukufunda ulwimi olutsha, ukufumana imfundo engakumbi okanye kuba lubaleka iingxaki zasekhaya. Olunye ulutsha olungamaKristu luye lwafudukela kwamanye amazwe kuba kufuneka abavakalisi abangakumbi. Ukufudukela kwelinye ilizwe sisigqibo esinzulu yaye asimele sithatyathwe lula. Ngoko ke, ukuba ucinga ngokufuduka, funda uze ucamngce ngezi zibhalo zidweliswe ngezantsi. Zibuze imibuzo, uze ubhale phantsi iimpendulo zakho. Thandaza ngaphambi kokuba wenze isigqibo.
◻ Ziziphi izinto ezifunekayo ngokusemthethweni?—Roma 13:1.
◻ Ziya kuba ngakanani iindleko zokufudukela kwelinye ilizwe?—Luka 14:28.
◻ Yintoni endiyenzayo ngoku ebonisa ukuba ndiya kukwazi ukuzinyamekela xa ndikwelinye ilizwe?—IMizekeliso 13:4.
◻ Bacebisa ntoni abanye abantu abaqolileyo abakhe bahlala kwamanye amazwe?—IMizekeliso 1:5.
◻ Bathini abazali bam ngalo mbandela?—IMizekeliso 23:22.
◻ Siyintoni isizathu sokuba ndifune ukufudukela kwelinye ilizwe?—Galati 6:7, 8.
◻ Ukuba ndiza kuhlala nabanye, ngaba baza kundikhuthaza ukuba ndihlale ndinoxabiso ngezinto zokomoya?—IMizekeliso 13:20.
◻ Ngaba ndiya kuba ndizibeka esichengeni sokuziphatha okubi, sokugaxeleka ezingozini, nesokuphola ngokomoya?—IMizekeliso 5:3, 4; 27:12; 1 Timoti 6:9, 10.
◻ Eneneni, ndiza kungenelwa njani ngokufudukela kwelinye ilizwe?—IMizekeliso 14:15.
[Umfanekiso okwiphepha 167]
Isiluleko seBhayibhile sinokukukhulula kumakhamandela okuphelelwa lithemba