Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuyifumana Njani Imali?

Ndinokuyifumana Njani Imali?

Isahluko 18

Ndinokuyifumana Njani Imali?

“Ndifuna imali yokuthenga imoto.”—USergio.

“Ndiyakuthanda ukuthenga.”—ULaurie-Ann.

“Kukho izinto ezintle nyhani, yaye ndiyazibawela; kodwa abazali bam abanamali.”—UMike.

NAWE usenokuba nezizathu ezifanayo zokufuna ukuba nemali. Okanye mhlawumbi ufuna imali ukuze uncedise kokwenu. Nokuba akuncedisi kokwenu ngemali, xa uzithengela impahla nezinye izinto unokuphungulela abazali bakho umthwalo.

Kakade ke, kufuneka ube nemali ukuze ukwazi ukuzithengela izinto okanye ukuthengela abantu bakokwenu. Nangona uYesu wathembisa ukuba uThixo uya kubanyamekela abo ‘bafuna kuqala uBukumkani bukaThixo,’ mKristu ngamnye umele asebenze ukuze aziphilise. (Mateyu 6:33; IZenzo 18:1-3; 2 Tesalonika 3:10) Ngoko, unokuyifumana njani imali? Ngapha koko, unokuba naso njani isimo sengqondo esilungeleleneyo ngayo?

Indlela Yokufumana Umsebenzi

Ukuba kukho into ofuna ukuyithenga yaye abazali bakho abanamali, unokufumana umsebenzi ukuze ukwazi ukuzithengela. Thetha nabazali bakho ngalo mbandela. Basenokukuvuyela oko. Ukuba bayavuma yaye kuvumelekile ngokusemthethweni ukuba uqeshwe, nanga amacebiso amane anokukunceda ukuze ufumane umsebenzi.

Xelela abanye. Xelela abamelwane, ootitshala nezalamane zakho ukuba ufuna umsebenzi. Ukuba uneentloni zokucel’ umsebenzi kubo, usenokubabuza ngohlobo lomsebenzi ababewenza xa babelingana nawe. Xa bebaninzi abantu abaziyo ukuba ufuna umsebenzi, kunokuba lula ukuwufumana.

Zama zonke iindlela. Khangela kwizibhengezo ezikumaphephandaba okanye kwi-Internet, ezivenkileni, esikolweni nakwezinye iindawo zikawonke-wonke. UDave oselula uthi: “Ndawufumana ngaloo ndlela umsebenzi. Ndandikhangela kumaphephandaba, ndithumela iinkcukacha zam yaye ndifowunela nakwiindawo zengqesho.” Ukuba akude uwufumane umsebenzi ngokujonga kwizibhengezo, mhlawumbi unokuzicelela kumqeshi othile.

Bhala uze usasaze iphepha elineenkcukacha zakho. Bhala ephepheni indlela abantu abanokuqhagamshelana ngayo nawe, uchaze izinto okwaziyo ukuzenza nexesha oye walichitha usenza loo misebenzi. Ngaba uvakalelwa kukuba akukho nto ukwaziyo ukuyenza? Khawucingisise. Ngaba wakha wanyamekela umntwana wakokwenu xa abazali bakho babengekho, okanye abantwana babanye abantu? Oku kubonisa ukuba ukho umsebenzi okwaziyo ukuwenza. Ngaba wakha wancedisa uyihlo ekulungiseni imoto? Mhlawumbi oku kubonisa ukuba unobuchule bokulungisa izinto. Ngaba uyakwazi ukuchwetheza okanye ukusebenzisa ikhompyutha? Okanye ngaba wawunkqenkqeza phambili esikolweni kwizifundo ezithile? Abaqeshi bafuna kanye abantu abanjalo. Kubhale phantsi konke oku. Linike abaqeshi eli phepha, uze ucele abahlobo nezalamane ukuba zinike abantu abafuna abasebenzi.

Ziqalele elakho ishishini. Cinga ngendawo ohlala kuyo. Ngaba unokuthengisa izinto ezingathengiswayo okanye wenze umsebenzi ongenziwayo ekuhlaleni? Ngokomzekelo, masithi uyakuthanda ukusebenza egadini. Unokucheba ingca okanye ucoce iiyadi zabamelwane, baze bakuhlawule. Kusenokwenzeka ukuba udlala isixhobo esithile somculo. Ngaba unokufundisa abanye ukusidlala? Okanye usenokwenza umsebenzi odla ngokujongelwa phantsi ngabanye, njengokuhlamba iifestile okanye ukucoca. UmKristu akanazintloni zokusebenza ngezandla zakhe. (Efese 4:28) Kakade ke, xa uneshishini lakho kufuneka ukhuthale yaye ulungelelane.

Nasi isilumkiso: Ungakhawulezi uqale ishishini ungekazibali iindleko okanye ungekazihlolisisi ezinye izibakala. (Luka 14:28-30) Okokuqala, thetha nabazali bakho. Cela amacebiso nakwabanye abantu abenza umsebenzi ofanayo. Ngaba kuza kufuneka uhlawule irhafu? Ngaba kuza kufuneka ufumane ilayisensi? Funa iinkcukacha kwabasemagunyeni.—Roma 13:1.

Yiba Ngolungeleleneyo

Masithi ukhwele ibhayisekile yaye uphethe izinto eziliqela, njengobhaka wesikolo, ibhola mhlawumbi neeplastiki ezinokutya. Xa uphethe izinto ezininzi kusenokuba nzima ukuqhuba ibhayisekile. Kuyafana ke nokwenza umsebenzi ongaphezu kwamandla akho. Ukuchitha ixesha nokuzibhokoxa kweminye imisebenzi xa ubuya esikolweni, kunokukukhoboza kuze kuchaphazele nomsebenzi wakho wesikolo. Ngaphezu koko, umsebenzi oqobayo unokubangela kube nzima ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, ukufunda iBhayibhile nokuya entsimini. UMichèle oselula, uthi: “Bendiphoswa ziintlanganiso ngenxa yokudinwa ngumsebenzi wesikolo nowempangelo.”

Ungavumeli isimo sengqondo onaso ngemali sikwenze ungalungelelani! UYesu wathi ulonwabo lokwenene lufunyanwa ngabo “bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Kwakhona wathi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) UmKristu oselula ogama linguMaureen uye walisebenzisa eli cebiso. Uthi: “Andifuni ukuhlala ndicinga ngezinto eziphathekayo. Ndiyazi ukuba andinakuqhuba kakuhle ngokomoya ukuba ndisoloko ndicinga ngendlela yokufumana imali.”

Liyinyaniso elokuba, kwezinye iindawo, olunye ulutsha lunyanzelekile ukuba lusebenze iiyure ezininzi kuba luncedisa kumawalo. Kodwa ke, ukuba wena akukho kwimeko enjalo, kutheni umele uzifake kuloo ngxaki? Ngokutsho kweengcali, ukusebenza iiyure ezingaphezu kwama-20 ngeveki ngoxa uhamba isikolo kubangela ingxaki. Abanye bacebisa ukuba, umntu angasebenzi iiyure ezingaphezu kwesibhozo okanye kweshumi ngeveki. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 4:6.

Khumbula ukuba, ‘amandla akhohlisayo obutyebi’ anokukubeka engozini ngokomoya. (Marko 4:19) Ngoko ukuba unomsebenzi wesingxungxo owenza ukuphuma kwesikolo kuba ufuna imali, yiba ngolungeleleneyo uze ubeke izinto zokomoya kwindawo yokuqala. Wuthandazele kuYehova uThixo lo mbandela. Uya kukupha amandla okumelana nale meko aze akuncede uhlale uphilile ngokomoya.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 21

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba uyakwazi ukuyilawula imali yakho okanye ulawulwa yiyo? Funda ngendlela onokukwazi ngayo ukuyilawula.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ivila liyanqwenela, kodwa umphefumlo walo awunanto. Noko ke, umphefumlo wabakhutheleyo uya kutyetyiswa.”—IMizekeliso 13:4.

ICEBISO

Thumela iphepha elineenkcukacha zakho kwiinkampani ezithile, ungalindeli de kufakwe izibhengezo zokufuna abasebenzi.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Kwezinye iindawo, imisebenzi emalunga nama-85 ekhulwini ayibhengezwa.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ndiza kuzama iindlela zokufumana umsebenzi ngokuthi ․․․․․

Ndiza kusebenza iiyure ezi ․․․․․ngeveki.

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni ufuna ukuba nemali?

● Ziziphi iingxaki oza kujamelana nazo xa uphangela?

● Unokuba nayo njani imbono elungeleleneyo ngemali?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 153]

“Ukuba uxhomekeke ekufumaneni izinto ukuze wonwabe, akusoze wonwabe. Uya kuhlala ufuna izinto ezintsha. Ufanele ufunde ukwanela koko unako.”—UJonathan

[Ibhokisi ekwiphepha 155]

Kuyingenelo Ukuba Nemali Kodwa Musa Ukuyithanda

Kwincutshe yompheki, imela ebukhali iluncedo gqitha. Kodwa loo mela inokuba yingozi kumntu ongayisebenzisi kakuhle. Imali injengemela ebukhali. Ukuba uyisebenzisa kakuhle inokukunceda. Kodwa ukuba akulumkanga, unokwenzakala! Ngokomzekelo, umpostile uPawulos walumkisa ngokuthanda imali. Kuba befuna ukuba zizityebi, abanye baphulukana nabahlobo, iintsapho kwakunye nolwalamano noThixo. Ngenxa yoko, ‘bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’ (1 Timoti 6:9, 10) Sifunda ntoni koku? Funda ukuyisebenzisa kakuhle imali. Kuyingenelo ukuba nayo, kodwa musa ukuyithanda!

[Umfanekiso okwiphepha 153]

Ukwenza izinto ezininzi ngaxeshanye kunokubangela ukuba kube nzima ukuhlala ulungelelene