Ndinokuyisebenzisa Njani Imali?
Isahluko 19
Ndinokuyisebenzisa Njani Imali?
Kukangaphi uvakalelwa kukuba akunamali yaneleyo?
□ Akukhe kwenzeke
□ Ngamany’ amaxesha
□ Ngalo lonk’ ixesha
Kukangaphi uthenga izinto ongenakukwazi ukuzifikelela?
□ Akukhe kwenzeke
□ Ngamany’ amaxesha
□ Ngalo lonk’ ixesha
Kukangaphi uthenga into engeyomfuneko kuba nje ixabiso layo lihlile?
□ Akukhe kwenzeke
□ Ngamany’ amaxesha
□ Ngalo lonk’ ixesha
NGABA kusoloko kubonakala ngathi akunamali yaneleyo? Ukuba nje ubunokuba nemali eninzi ubuya kuthenga into ekudala uyifuna. Ukuba ubusamkela imali eninzi ubunokuthenga
ezaa zihlangu “uzifunayo.” Okanye usenokuzibona usengxakini njengoJoan, uthi: “Ngamany’ amaxesha ndikhe ndimenywe ngabahlobo bam ukuba siye kuzonwabisa ngendlela ebiza imali eninzi. Ndiyafuna ukonwaba nabahlobo bam. Akakho umntu ofuna ukuthi, ‘Andinamali yaneleyo yokuya apho.’”Kunokuba ube ukhalazela ukungabi namali, kutheni ungafundi ukuyisebenzisa kakuhle imali onayo? Usenokulinda de uzimele ngaphambi kokuba ufunde ukwenza oko. Kodwa khawuyicingisise le nto, Ngaba ungatsiba kwinqwelo-moya ngaphambi kokuba ufunde ukusebenzisa iparashuti? Enyanisweni, omnye umntu usenokufunda esemoyeni indlela esebenza ngayo. Kodwa kubhetele ukufunda ukuyisebenzisa ngaphambi kokuba uziphose ngaphandle kwenqwelo-moya!
Ngokufanayo, kubhetele ukufunda ukusebenzisa imali ngoxa usesekhaya, kungekhona xa sele untyumpantyumpeka kwiingxaki zemali. UKumkani uSolomon wathi: ‘Imali iyakhusela.’ (INtshumayeli 7:12) Kodwa imali iya kukukhusela kuphela xa uyisebenzisa kakuhle. Oko kuya kukwenza uzithembe uze uthenjwe nangabazali bakho.
Funda Izinto Ezisisiseko
Ngaba wakha wababuza abazali bakho ukuba bachitha malini kwiindleko zentsapho? Ngokomzekelo, ngaba uyazi ukuba nyanga nganye umbane, ukufudumeza indlu namanzi kuxabisa malini, okanye ngaba uyazi ukuba zingakanani
iindleko zemoto, zokutya nezendlu? Khumbula kaloku, nawe ubaliwe kwezi ndleko—yaye xa usiya kuzimela ngenye imini, uya kuzihlawulela ngokwakho iindleko. Kubhetele ukufunda kwangoku ngazo. Cela abazali bakho bakubonise ezinye iindleko zekhaya, uze uphulaphule ngenyameko njengoko bekuchazela indlela abalwenza ngayo uqingqo-mali.Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Umntu osisilumko uya kuphulaphula aze angenise uyalelo olungakumbi, kwaye umntu onokuqonda ngulowo uzuza ulwalathiso lobuchule.” (IMizekeliso 1:5) UAnna wafuna ulwalathiso lobuchule kubazali bakhe. Uthi, “Utata wandifundisa indlela yokusebenzisa imali waza wandibonisa nokubaluleka kokugcina ingxelo yemali oyichithayo.”
Kwelinye icala, unina wamfundisa nezinye izinto eziluncedo. UAnna uthi, “Umama wandifundisa ukubaluleka kokuthelekisa amaxabiso ngaphambi kokuba ndithenge. Wayesenza izinto ezininzi ngemadlana nje engephi.” Kumncede njani uAnna oko? Uthi: “Ngoku ndiyakwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali. Ndiyazazi izinto emandizithenge yaye ngenxa yoko ndinenkululeko noxolo lwengqondo ngenxa yokuba ndiyawaphepha amatyala angeyomfuneko.”
Ziqonde Izinto Ezinokuba Yingxaki
Liyinyaniso elokuba ukuthetha akufani nokwenza, ingakumbi xa uhlala kowenu yaye ufumana ubugcwabalalana okanye unemisetyenzana ethile ekungenisela imali. Ngoba? Kaloku ngabazali bakho abahlawula zonke iindleko zekhaya. Ngenxa yoko, usoloko unemali eninzi yaye kumnandi ukusebenzisa imali.
Kodwa ke, kusenokuvela ingxaki, xa oontanga bakho bekunyanzela ukuba usebenzise imali engaphaya kwamandla akho. UEllena oneminyaka engama-21 ubudala, uthi: “Abanye abahlobo bam, bajonga ukuthenga njengendlela yokuzonwabisa. Xa sizikhuphile, kusuke kube ngathi kunyanzelekile ukuba sichithe imali ukuze sonwabe.”
Kungokwemvelo ukufuna ukufana nabahlobo bakho. Kodwa ke khawuzibuze, ‘Ngaba ndichitha imali nabahlobo bam kuba ndinayo okanye kuba ndivakalelwa kukuba ndinyanzelekile?’ Abantu abaninzi bachitha imali kuba befuna ukuthandwa ngabahlobo babo. Bafuna ukuthandwa ngokuqhayisa ngezinto abanazo kunoko bakuko. Loo nto inokukhokelela kwiingxaki ezinzulu zemali, ingakumbi ukuba usebenzisa ikhadi lokuthenga ngetyala. Unokukuthintela njani oko?
Yisebenzise Kakuhle Imali
Kunokuba usebenzise ikhadi lakho lokuthenga ngetyala okanye uwutye wonke umvuzo wakho, kutheni ungakhe uzame isicombululo sikaEllena? Uthi: “Xa ndiza kuhamba nabahlobo, ndiceba kwangaphambili imali
endiza kuyisebenzisa. Umvuzo wam uya ngqo ebhankini, ndikhupha nje kuphela imali endiza kuyisebenzisa ngelo xesha. Ndikufumanise kububulumko ukuhamba nabahlobo abayisebenzisa kakuhle imali, nabandilumkisa ukuba ndithelekise amaxabiso kunokuthenga nje yonk’ into endiyibonayo.”Nanga amanye amacebiso onokuwasebenzisa xa unekhadi lokuthenga ngetyala.
● Gcina ingxelo yazo zonke izinto ozithengayo uze uzithelekise nesitatimenti senyanga, ukuze uqiniseke ukuba uhlawulela izinto ozithengileyo kuphela.
● Wahlawule ngokukhawuleza amatyala ezinto ozithenge ngekhadi. Ukuba kunokwenzeka, lihlawule lonke ityala.
● Kulumkele ukuchaza inombolo yekhadi lakho nosuku eliphelelwa ngalo efowunini okanye kwi-Internet.
● Kuphephe ukusebenzisa ikhadi lakho xa ufuna imali ngokukhawuleza. Imali oyitsale kwikhadi ikudla inzala eninzi.
● Ungaze ubolekise ngekhadi lakho nkqu nakumhlobo wakho.
Kodwa ngaba ukuba nemali eninzi akunakuzicombulula zonke iingxaki zakho? Akunjalo! Makhe senze umzekelo: Masithi uyaqhuba kodwa akukwazi kuyilawula imoto okanye
uqhuba ucimele, ngaba ukufaka ipetroli eyongezelelekileyo kuya kukufikisa apho uya khona? Ngokufanayo ke, ukuba akufundi ukuyisebenzisa kakuhle imali, akusayi kukunceda nganto ukufumana imali eyongezelelekileyo.Kusenokwenzeka ukuba ucinga ukuba uyisebenzisa kakuhle imali. Kodwa khawuzibuze: ‘Ndisebenzise imali engakanani kule nyanga iphelileyo? Ndithenge ntoni?’ Akuqinisekanga? Nanga amacebiso anokukunceda uyisebenzise kakuhle imali yakho.
1. Gcina ingxelo. Kangangenyanga yenza ingxelo yemali oyifumanayo nosuku oyifumana ngalo. Chaza yonke into oyithengayo nexabiso layo. Ekupheleni kwenyanga, thelekisa imali oyifumeneyo nemali othenge ngayo.
2. Yenza uqingqo-mali. Jonga isicangca esikwiphepha . Kumhlathi wokuqala, bhala yonke imali olindele ukuyifumana kuloo nyanga. Kumhlathi wesibini, bhala indlela oceba ukuyisebenzisa ngayo imali yakho (inyathelo 1); uze uyisebenzise ngokwendlela obhale ngayo. Njengokuba inyanga ihamba, bhala imali oye wayisebenzisa ekuthengeni izinto obucebe ukuzithenga. Bhala nezinto ozithengileyo obungazicebanga. 163
3. Yiphucule indlela oyisebenzisa ngayo. Ukuba uthenga izinto ongazicebanga okanye wenza amatyala amaninzi, phucula indlela oyisebenzisa ngayo imali. Hlawula amatyala akho. Musa ukuyisafaza imali.
Imali inokuba luncedo ukuba isetyenziswa kakuhle. Eneneni, abanye abantu bakugqala ukusebenzisa imali njengento ebalulekileyo ebomini. Kodwa zama ukuba ngolungeleleneyo. UMatthew oselula uthi: “Imali inendawo yayo kodwa ayibalulekanga ngaphezu kwayo yonk’ enye into. Ayimele ibaluleke ngaphezu kwentsapho okanye uYehova.”
Ngaba ningamahlwempu kowenu? Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza ngale meko?
IZIBHALO EZIBALASELISA
‘Imali iyakhusela; kodwa ingenelo yolwazi kukuba ubulumko bubagcina bephila abo banabo.’—INtshumayeli 7:12.
ICEBISO
Bhala izinto oza kuzithenga ngaphambi kokuba uye ezivenkileni. Hamba nemali oza kuyisebenzisa kuphela, uze uthenge izinto ozibhalileyo kuphela.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ukuba unetyala lee-R2 000 kwikhadi lakho lokuthenga ngetyala yaye inzala omele uyihlawule li-18,5 ekhulwini, uze uhlawule eyona mali incinane ngenyanga, kuya kukuthabatha iminyaka eli-11 ukuhlawula elo tyala yaye oko kuthetha ukuba uya kuhlawula ii-R1 934 kwinzala nje kuphela.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ndinokuyisebenzisa kakuhle imali ngokuthi ․․․․․
Ngaphambi kokuba ndithenge nantoni na ngekhadi lokuthenga ngetyala, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni ufanele ufunde ukuyisebenzisa kakuhle imali ngoxa usahlala ekhaya?
● Kutheni usenokukufumanisa kunzima ukuyisebenzisa kakuhle imali yakho?
● Unokuyisebenzisa njani imali yakho ekuncedeni abanye?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 162]
“Xa ndisenza uqingqo-mali ndiyayonga imali. Andithengi zinto zingeyomfuneko.”—ULeah
[Ibhokisi ekwiphepha 158]
Imali Ibalulekile
Uyisebenzisa entwenini imali yakho? Ukuba udla ngokuyisebenzisa ekuncedeni abanye, ngoko imali yakho—kungekuphela nje amazwi akho—ibonisa ukuba ubakhathalele abanye. (Yakobi 2:14-17) Ngokusoloko unikela ngemali ekuxhaseni unqulo lokwenyaniso ubonisa ukuba ‘ubeka uYehova ngezinto zakho zexabiso.’ (IMizekeliso 3:9) Kwelinye icala, unokuthi injani imbono yakho ngemali xa uyisebenzisela ukwanelisa iintswelo neemfuno zakho kuphela?
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 163]
Isalathiso Samaphepha
Uqingqo-mali Lwam Lwenyanga Yenza ikopi yeli phepha!
Imali Endiza Imali
Kuyichitha Endiyisebenzisileyo
UKUTYA
․․․․․ ․․․․․
IMPAHLA
․․․․․ ․․․․․
IFOWUNI
․․․․․ ․․․․․
Umvuzo UKUZONWABISA
․․․․․ ․․․․․
IMALI IMINIKELO
ENDIYIFUMENEYO
․․․․․ ․․․․․ ․․․․․
IMALI ENDIZA KUYIGCINA
ENDIYISEBENZELEYO
․․․․․ ․․․․․ ․․․․․
ENYE IMALI EZINYE IINDLEKO
․․․․․ ․․․․․ ․․․․․
↓ ↓ ↓
Isimbuku Isimbuku Isimbuku
R․․․․․ R․․․․․ R․․․․․
[Umfanekiso okwiphepha 160]
Ukusebenzisa imali ngendlela engalawulekiyo kufana nokuqhuba imoto ucimele