Indlela Ovakalelwa Ngayo
Icandelo 7
Indlela Ovakalelwa Ngayo
Kwezi zivakalisi zingezantsi, sisiphi esiyichaza kakuhle imeko yakho?
□ “Andikwazi ukulawula umsindo.”
□ “Ndiyinto engento—akukho nto ndiyenza kakuhle.”
□ “Ndihlala ndinxunguphele. Akukho kwanto indenza ndonwabe.”
□ “Ndihlala ndicinga ngabantu besini esahlukileyo.”
□ “Maxa wambi nditsaleleka kubantu besini esifana nesam.”
Nokuba sisiphi esichaza imeko yakho kwezi zivakalisi zingasentla, ungalahl’ ithemba! Ukuze ungalawulwa ziimvakalelo zakho, funda isahluko 26-29.
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 216,
217]