Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Ndisoloko Ndifuna Ukwenza Izinto Ngokugqibeleleyo?

Kutheni Ndisoloko Ndifuna Ukwenza Izinto Ngokugqibeleleyo?

Isahluko 27

Kutheni Ndisoloko Ndifuna Ukwenza Izinto Ngokugqibeleleyo?

Ngaba uyacaphuka xa ungagqwesanga kuvavanyo lwesikolo?

□ Ewe

□ Hayi

Ngaba uziva kungekho yakho xa ugxekwa kwinto ethile?

□ Ewe

□ Hayi

Ngaba ukufumanisa kunzima ukuba nabahlobo kuba nje engekho ofikelela imilinganiselo yakho?

□ Ewe

□ Hayi

UKUBA uphendule ngokuthi ewe kuwo nawuphi na kule mibuzo ingasentla, kungenzeka unengxaki yokufuna ukwenza izinto ngokugqibeleleyo. Mhlawumbi ngoku uyazibuza, ‘Yintoni ke embi ngokufuna ukwenza yonke into ngokugqibeleleyo?’ Kakade ayikho. NeBhayibhile iyamncoma umntu “onobuchule emsebenzini wakhe.” (IMizekeliso 22:29) Kodwa yena umntu ofuna ukwenza zonke izinto ngokugqibeleleyo udla ngokuzibaxa izinto.

Ngokomzekelo, uJason, oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Kunyaka wokugqibela esikolweni, ndandivakalelwa kukuba xa ndinokungaphumi emagqabini kwiimviwo zam, andiqhubi kakuhle. Ekubeni ndidlala nepiyano, ndandicinga ukuba ndimele ndifane nomdlali wekonsathi.”

Ukufuna ukwenza izinto ngokugqibeleleyo kunokuluchaphazela unqulo lomntu. Khawucinge nje ngoselula osoloko enconywa kusithiwa ungumzekelo kwabanye. Ekubeni ehlala esemehlweni, usenokuvakalelwa kukuba umele achul’ ukunyathela kuba abantu bajonge yonk’ into ayenzayo. Kakade ke, onke amaKristu, aselula nakhulileyo ayangenelwa kwimizekelo emihle esebandleni. Kodwa ukufuna ukugqibelela lonk’ ixesha kunokubangela lowo uselula angakwazi ukukhonza uThixo ngovuyo. Ukuba kunjalo, kufuneka ancedwe. Kodwa usenokungaluceli olo ncedo esoyika ukuphoxa abo bamgqala njengomzekelo. Usenokude anikezele ngokupheleleyo, ngelithi ‘Ukuba andikwazi kuyifikelela imilinganiselo egqibeleleyo, kutheni ndingayeki konke nje?’

Ukulwa Nengxaki Yokuthanda Ukugqibelela

Abantu abathanda ukwenza izinto ngokugqibeleleyo abazifuni iimpazamo. Kodwa ke, loo mbono iphosakele. IBhayibhile ithi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngoko, akukho namnye kuthi onokukwazi ukwenza izinto ngokugqibeleleyo. Enyanisweni, ukucinga ukuba ungakwazi ukwenza izinto ngokugqibeleleyo bubudenge, kufana nokucinga ukuba ungasuka nje uxhume uze ubhabhe. Enoba ukukholelwa kangakanani na oku, akunakuze kwenzeke!

Yintoni onokuyenza ukuze uyeke ukucinga ngale ndlela? Zama la macebiso alandelayo:

Kwazi oko kuthethwa “yimpumelelo.” Ngaba uqongqotha nawokugqibela uzama ukugqwesa abanye? IBhayibhile ibonisa ukuba oko kufana “nokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:4) Inyaniso kukuba, bambalwa abantu abakwaziyo ukuba ‘bhetele kunabanye. Naxa kukho othe wakwazi, kuthi kusenjalo kufike omnye abe bhetele ngakumbi kunaye. Ukuphumelela kuthetha ukwenza oko kusemandleni akho—kungekhona ukugqwesa abanye.Galati 6:4.

Yiba nolindelo olusengqiqweni. Akumele ulindele ukwenza izinto ongenamandla okuzenza. Ukuzibekela usukelo ongenakulufikelela kukungathobeki—okanye ukuzigwagwisa. Umpostile uPawulos wanikela eli cebiso: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako.” (Roma 12:3) Ngoko ke, yiba nolindelo olusengqiqweni. Kwazi oko ukulindeleyo. Zabalazela ukwenza okusemandleni akho kungekhona ukugqibelela.

Nyenyisa kancinane! Zama ukwenza into ongayazi kakuhle, njengokudlala isixhobo somculo. Inyaniso kukuba uza kwenza iimpazamo ezininzi. Kodwa, ngoku zijonge ngenye indlela iimpazamo zakho. IBhayibhile ithi kukho ‘ixesha lokuhleka.’ (INtshumayeli 3:4) Kutheni ungakhe unyenyise kancinane kulindelo lwakho? Ngokwenza oko uza kubona ukuba iimpazamo ziyinxalenye yokufunda. Ewe, kuza kuba nzima kuwe ukwenza izinto ngendlela engagqibelelanga. Kodwa zama ngamandla ukuphelisa naziphi na iingcinga ezingakhiyo.

Khumbula ukuba uYehova akalindelanga ukuba sifezeke, ulindele nje ukuba sithembeke. (1 Korinte 4:2) Ukuba uzabalazela ukuthembeka, uya konwaba, nakuba ungafezekanga.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ubufanasini buyinto eyamkelekileyo kule mihla. Unokubuphepha njani? Kuthekani ukuba utsaleleka kubantu besini esifana nesakho?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.”—INtshumayeli 7:20.

ICEBISO

Cinga ngento ongade uyenze kuba nje usoyika ukungayenzi ngokugqibeleleyo. Zibekele usuku oza kuyenza ngayo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

UYehova ufezekile, kodwa akalindelanga imfezeko xa eqhubana nabantu abangafezekanga. Akalindeli okungekho ngqiqweni kuthi.

ENDICEBA UKUKWENZA!

Xa ndizigxeka ngokugqith’ emgceni ndiza ․․․․․

Xa ndiqalisa ukubagxeka abanye, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kuxa kutheni apho uzibekela khona imilinganiselo engekho ngqiqweni?

● Ziziphi izibhalo ezenza kucace kuwe ukuba uYehova uThixo akalindelanga ukuba abakhonzi bakhe bafezeke?

● Yintoni enokwenza abantu bacezele kude kuwe xa uthanda ukugqibelela?

● Kwixa elizayo, uza kwenza ntoni ngeempazamo zakho?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 226]

“Ukufuna ukwenza okusemandleni akho nokufuna ukwenza izinto ngokugqibeleleyo zizinto ezimbini ezingafaniyo; enye ithetha ukulungelelana ngoxa enye ingenjalo.”—UMegan

[Ibhokisi ekwiphepha 228]

Ukufuna Abahlobo Abagqibeleleyo

Ngaba wakha wazikhetha ebantwini kuba usithi abayifikeleli imilinganiselo yakho? Okanye ngaba kukho abantu abalungileyo abacezela kude kuwe kuba bengayifikeleli imilinganiselo yakho? IBhayibhile ithi: “Musa ukuba lilungisa kakhulu, yaye ungazibonakalisi usisilumko ngokugqithiseleyo. Yini na ukuba uziphanzise?” (INtshumayeli 7:16) Enye indlela azinxwema ngayo umntu othanda ukugqibelela kukungafuni ukunxulumana nabantu abafuna ukuba ngabahlobo bakhe. Enye intombazana egama linguAmber ithi: “Akakho umntu ofuna ukuba phakathi kwabantu abamenza anxunguphale, yaye ndikhe ndabona abantu abathanda zinto ezigqibeleleyo belahlekelwa ngabahlobo abalungileyo ngonobenani.”

[Umfanekiso okwiphepha 229]

Ukufuna ukugqibelela kububudenge kufana nokuzama ukubhabha