Ndinokubuphepha Njani Ubufanasini?
Isahluko 28
Ndinokubuphepha Njani Ubufanasini?
“Xa ndandikwishumi elivisayo ndanditsaleleka kakhulu kwabanye abafana. Ndandisazi ukuba ezi ngcinga azifanelekanga.”—UOlef.
“Nakuba singamantombazana sobabini nomhlobo wam, sakha sancamisana. Ndandibathanda nabafana, kodwa ndandisoloko ndizibuza enoba ndithanda abafana namantombazana kusini na.”—USarah.
BAMBALWA abantu abanokuphika ukuba ubufanasini bungundaba-mlonyeni ngoku kunokuba kwakunjalo kwiminyaka eliqela eyadlulayo. Khawuthi nje uyabugxeka ubufanasini, uya kudibana nenyoka iphung’ umhluzi! UAmy oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Enye intombazana yathi ndimele ukuba ndiyabacalucalula abantu bezinye iintlanga, kuba indlela endingabufuni ngayo ubufanasini ifana nqwa nomntu onobuhlanga!”
Ngenxa yokwamkeleka ngokubanzi kobufanasini namhlanje, ulutsha oluninzi luye lwangena zwabha kubo. UBecky, oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Amantombazana amaninzi esikolweni athi angamafanasini, athandana nabafana namantombazana okanye ‘afuna nje ukwazi ukuba kunjani ukuwela macala omabini.’” UChrista, oneminyaka eli-18 ubudala uthi kunjalo nakwesakhe isikolo. Uthi: “Mabini amantombazana akhe eza kum ecela uthando. Omnye wandibhalela isibhilivana endibuza enoba andifuni ukwazi ukuba kunjani ukulala nenye intombazana.”
Njengokuba ubufanasini buyinto eqhelekileyo, usenokuzibuza: ‘Ngaba ngokwenene ubufanasini buphosakele? Ndenze
ntoni ke ukuba nditsaleleka kumntu wesini esifana nesam? Ngaba oko kuthetha ukuba ndilifanasini?’UThixo Ubujonga Njani Ubufanasini?
Namhlanje, abantu abaninzi—nkqu nabefundisi—babujonga njengento engenamsebenzi ubufanasini. Kodwa ke, iLizwi likaThixo, iBhayibhile, lithetha phandle ngobufanasini. Lithi uYehova uThixo wenza indoda nebhinqa, enenjongo yokuba indoda ibe neentlobano zesini kuphela nomfazi etshate naye. (Genesis 1:27, 28; 2:24) Yiloo nto iBhayibhile ibugatya ubufanasini.—Roma 1:26, 27.
Abanye bathi iLizwi likaThixo liphelelwe lixesha. Kodwa ucinga ukuba siyintoni isizathu sokuba batsho? Akunakuthi kanti yile nto iBhayibhile iphikisana nabo? Abanye bayaligatya iLizwi likaThixo kuba lingafundisi oko bona bafuna ukukuva. Kodwa kukungaphangalali oko, sonke simele sicingisise ngalo mbandela!
Kodwa uza kuthini xa utsaleleka kumntu wesini esifana nesakho? Ngaba oko kuthetha ukuba ulifanasini? Nakanye. Khumbula kaloku, ‘usentlahleni yobutsha,’ ixesha apho iimvakalelo zesini zenza unothanda. (1 Korinte 7:36) Ukuba ngamanye amaxesha utsaleleka kumntu wesini esifana nesakho, oko akuthethi kuthi ulifanasini. Oko kudla ngokuphela ekuhambeni kwexesha. Lo gama ezo mvakalelo zingekapheli, kufuneka ungabandakanyeki kwizenzo zobufanasini. Unokukwenza njani oko?
Wuthandazele lo mbandela. Bongoza uYehova njengoDavide owathi: “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele INdumiso 139:23, 24) UYehova unako ukukunika uxolo “olungaphaya kokuqonda.” Olo xolo ‘luya kulinda intliziyo yakho namandla akho engqondo’ ukuze ulawule iminqweno emibi.—Filipi 4:6, 7; 2 Korinte 4:7.
endleleni yexesha elingenammiselo.” (Cinga ngezinto ezakhayo. (Filipi 4:8) Funda iBhayibhile yonke imihla. Ingakunceda gqitha ekwakheni ingqondo nentliziyo yakho. (Hebhere 4:12) Umfana ogama linguJason uthi: “IBhayibhile—ingakumbi izibhalo ezifana neyoku-1 yabaseKorinte 6:9, 10 neyabase-Efese 5:3—yandinceda gqitha. Ndifunda le mibhalo nanini na ndisiba neminqweno ephosakeleyo.”
Musa ukubukela imifanekiso engamanyala neenkqubo ezikhuthaza ubufanasini. (Kolose 3:5) Phepha nantoni na eya kuvuselela iminqweno ephosakeleyo. Ezi zinto ziquka imifanekiso engamanyala, iinkqubo ezithile neemovie zikamabonwakude, namaphephancwadi abonisa ifashoni nabantu abanxibe impahla ebonisa umzimba. Musa ukucinga ngezinto eziphosakeleyo, cinga ngezakhayo. Omnye umfana okwishumi elivisayo uthi: “Ndithi ndakucinga ngobufanasini, ndizame ukuzikhumbuza ngendinyana ethile yeBhayibhile endiyithandayo.”
Kakade, bakho abathi yonke le migudu yinkcitha xesha, 1 Korinte 6:9-11) Nawe unokubuyeka ubufanasini—nakuba okwangoku busesentliziyweni.
kufuneka nje ‘wamkele indlela ovakalelwa ngayo naloo nto uyiyo.’ Kodwa iBhayibhile ithi unokuyoyisa le ngxaki! Ngokomzekelo, isixelela ngamaKristu okuqala awayekade engamafanasini kodwa abuyeka. (Kuthekani ukuba le minqweno ayipheli? Musa ukunikezela! UYehova akazifuni izenzo zobufanasini. Ngoko, umntu olwa nale minqweno unako ukuyoyisa—unokukhetha ukunganikezeli kuyo.
Makhe sizekelise: Masithi kukho umntu “otyekele emsindweni.” (IMizekeliso 29:22) Kusenokwenzeka ukuba wayekade edubuleka ngumsindo. Emva kokufunda iBhayibhile, uyabona ukuba umele awulawule umsindo. Ngaba oko kuthetha ukuba akanakuze aphinde abe nomsindo kwakhona? Akunjalo. Noko ke, ngenxa yokuba ngoku esazi oko kuthethwa yiBhayibhile ngomsindo ongalawulwayo, uya kwenza unakonako azibambe.
Kunjalo ke nangomntu otsaleleka kwisini esifanayo kodwa ngoku oye wafunda oko iBhayibhile ikuthethayo ngobufanasini. Kukho amaxesha eya kuvuka ngawo iminqweno engafanelekanga. Kodwa ngokuba nembono kaYehova ngobufanasini, umntu uya kukwazi ukuxhathisa loo minqweno.
Unganikezeli!
Ukuba uzama ukulwa neminqweno yobufanasini usenokuvakalelwa njengomnye umfana owathi: “Ndiye ndazama ukulwa nale minqweno. Ndiye ndacela uYehova andincede. Ndiyayifunda iBhayibhile. Kudala ndisiva neentetho ezithetha ngalo mbandela. Kodwa andazi ukuba yintoni enye eza kundinceda.”
Ukuba kunjalo nakuwe, kucacile ukuba unengxaki. Ayikho indlela elula yokuyiphelisa. Nakuba kunjalo, nabani na ofuna ukukholisa uThixo umele athobele imilinganiselo Yakhe yokuziphatha aze akuphephe ukuziphath’ okubi enoba kunzima kangakanani na. Ungalibali ukuba uThixo uyayiqonda imeko okuyo yaye unemfesane ngabakhonzi bakhe. a (1 Yohane 3:19, 20) Xa uthobela imithetho kaThixo, uya kukusikelela. Enyanisweni, xa sigcina imiyalelo kaThixo “kukho umvuzo omkhulu.” (INdumiso 19:11) Nangoku, uya kuphila ubomi obubhetele kweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo.
Ngoko ke thembela kuThixo, uze ulwe neminqweno ephosakeleyo. (Galati 6:9) Zama ngako konke ukuba ‘ukwenyanye oko kungendawo,’ uze ‘unamathele koko kulungileyo.’ (Roma 12:9) Njengoko ixesha lihamba yaye usenza umgudu, uya kufumanisa ukuba iminqweno ephosakeleyo iyancipha. Okona kubalulekileyo kukuba, ngokuphepha izenzo zobufanasini, uya kuba nethemba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi likaThixo elitsha.
Unokuyilawula njani iminqweno yokutsaleleka kumntu wesini esahlukileyo?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba umKristu uye wabandakanyeka kwisenzo sokuziphatha okuvakalala ngokwesini umele afune uncedo kubadala bebandla.—Yakobi 5:14, 15.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum.”—INdumiso 139:23, 24.
ICEBISO
Ukuze sibe nembono elungeleleneyo ngendlela afanele abe yiyo amadoda simele sifunde kuYesu. (1 Petros 2:21) Wayewasebenzisa kakuhle amandla akhe njengendoda yaye ethantamisa.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Nakuba ungenakuyilawula ngokupheleleyo iminqweno yakho, unako ukulawula izenzo zakho. Unako ukukhetha ukungakwenzi okuphosakeleyo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa kukho umntu ondibuza isizathu sokuba iBhayibhile ibugatya ubufanasini, ndiza kuthi ․․․․․
Ukuba kukho umntu othi iBhayibhile ayiphangalalanga, ndiza kuqiqa naye ngale ndlela ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni uThixo engabufuni ubufanasini?
● Yintoni onokuyenza ukuze uphephe umgibe wobufanasini?
● Ngaba ukuba nembono kaThixo ngobufanasini kuthetha ukuba ufanele uwenyanye amafanasini?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 236]
“Iingcamango ezigqwethekileyo zehlabathi zaphembelela indlela yam yokucinga yaye oko kwandenza ndadideka ngakumbi ngokuphathelele isini. Ngoku ndicezela kude kuyo nantoni na okanye nabani na okhuthaza ubufanasini.”—UAnna
[Umfanekiso okwiphepha 233]
Lonke ulutsha lufanele lukhethe enoba luza kwamkela imbono yehlabathi ephosakeleyo ngesini, okanye luthobele imilinganiselo ephakamileyo ekwiLizwi likaThixo