Ndinokuyeka Njani Ukusoloko Ndicinga Ngesini?
Isahluko 29
Ndinokuyeka Njani Ukusoloko Ndicinga Ngesini?
OMNYE umfana ogama linguMichael uthi: “Ndisoloko ndicinga ngamantombazana, nokuba andiwaboni. Maxa wambi ndiye ndingakwazi nokucinga ngenye into!”
Ngaba nawe njengoMichael, uchitha ixesha elininzi ucinga ngabantu besini esahlukileyo? Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba uyazama ukwahlukana nale ngxaki. Unokusuka uzibone sele ucinga ngesini. UMichael uthi: “Maxa wambi akukwazi ukucinga ngenye into. Unokude ujike nakwindlela ubuyihamba, kuba ufuna ukujonga intombazana entle.”
Noko ke, khumbula ukuba akukho nto iphosakeleyo ngokutsaleleka kumntu wesini esahlukileyo. Ngapha koko, uThixo wadala indoda nomfazi ukuba ngamnye atsaleleke gqitha komnye, yaye kufanelekile ukwanelisa loo minqweno yesini xa betshatile. Ngoxa ungekatshati, usenokuba neminqweno enamandla yesini. Ukuba kunjalo, ungaze ucinge ukuba ungumntu ombi okanye akunakuziphatha kakuhle. Unako ukuhlala unyulu xa ufuna! Kodwa ukuze uphumelele kwiinzame zakho umele uzilawule iingcinga zesini. Unokukwenza njani oko?
Hlolisisa abahlobo onabo. Xa abantwana ofunda nabo beqalisa ukuncokola ngesini, usenokufuna ukungenelela nawe—kuba nje ungafuni ukwahluka. Kodwa oko kuya kwenza kube nzima nangakumbi ukulawula iingcinga zakho. Yintoni omele uyenze—ngaba ufanele uphakame uhambe? Ewe, kunjalo yaye akumele ube neentloni ngokwenza oko! Usenokuhamba kodwa ukuphephe ukuzenza ilungisa okanye ukuzizisela ugculelo.
2 Korinte 7:1) Ziphephe iindlela zokuzonwabisa ezinokubangela uziphathe kakubi ngokwesini. a
Phepha ukuzonwabisa okukhuthaza ukuziphatha okubi. Kakade ke, ayizizo zonke iimovie okanye umculo ophosakeleyo. Nakuba kunjalo, ukuzonwabisa kwanamhlanje kwenziwa ngenjongo yokuvuselela inkanuko yesini engafanelekanga. Ithini iBhayibhile ngalo mba? Ithi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.” (Ukuphulula Amaphambili
Olunye ulutsha luzama ukwanelisa inkanuko yesini ngokuphulula amaphambili. Kodwa oku kunokubangela iingxaki ezinzulu. IBhayibhile ibongoza amaKristu: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa.” (Kolose 3:5) Umntu ophulula amaphambili ‘akayibhubhisi inkanuko yesini.’ Kunoko, uyayivuselela aze ayanelise!
Xa uphulula amaphambili uba likhoboka leminqweno yakho. Tito 3:3) Enye indlela yokoyisa lo mkhwa kukuthetha nomnye umntu ngawo. Omnye umKristu owayephulula amaphambili iminyaka eliqela uthi: “Akwaba ndandiye ndanesibindi sokuthetha nomnye umntu ngoxa ndandiselula! Kangangeminyaka ndandityiwa sisazela, yaye oko kwabuchaphazela ubuhlobo bam nabanye, ingakumbi uYehova.”
(Ngubani ofanele uthethe naye? Ufanele uthethe nomzali, okanye umKristu oqolileyo osebandleni. Usenokuqala ngokuthi: “Ndicela sithethe ngenye ingxaki endikhathazayo.”
UAndré wathetha nomdala ongumKristu yaye uvuya kakhulu kuba wakwenzayo oko. Uthi: “Njengokuba lo mdala wayephulaphule, zesuka zathi waxa iinyembezi kuye. Emva koko wandiqinisekisa ukuba uYehova uyandithanda. Wandixelela ukuba ingxaki endinayo iqhelekile. Wathembisa ukuba uza kundinceda aze andinike nenye inkcazelo esekelwe eZibhalweni. Emva kokuthetha naye, ndazimisela ukulwa nalo mkhwa—nakuba ndandikhe ndisilele.”
UMário wagqiba ekubeni athethe noyise, owabonakalisa uvelwano nokuqonda.
Waxelela uMário ukuba naye esakhula wayenengxaki efanayo. UMário uthi: “Ukunyaniseka kukatata kwandikhuthaza kakhulu. Ndazixelela ukuba xa naye wakwaziyo ukuphumelela, nam ndingakwazi. Isimo sengqondo sikatata sandichukumisa, kangangokuba ndalila.”NjengoAndré noMário, unako ukufumana uncedo ukuze wahlukane nalo mkhwa. Naxa usilela ngamanye amaxesha, musa ukunikezela! Qiniseka ukuba unokoyisa kweli dabi! b
Ukulawula Indlela Ocinga Ngayo
Umpostile uPawulos wathi: “Ndiyawuqoba umzimba wam ndize ndiwuphathe njengekhoboka.” (1 Korinte 9:27) Nawe, kusenokufuneka ube ngqongqo kowakho umzimba xa ucinga ngomntu wesini esahlukileyo. Ukuba azipheli ezi ngcinga, zama ukwenza umthambo. IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.” (1 Timoti 4:8) Kusenokude kufuneke ubethwe nje ngumoya okanye wenze umthambo ukuze ukwazi ukulwa nezi ngcinga.
Ngaphezu koko, khumbula ukuba uYihlo osemazulwini unako ukukunceda. Omnye umKristu uthi: “Xa ndifikelwa yinkanuko yesini ndiye ndithandaze.” UThixo akayi kuwuphelisa umdla onawo kumntu wesini esahlukileyo. Kodwa uya kukunceda ubone ukuba zininzi ezinye izinto onokucinga ngazo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuzihlaziya nokuzonwabisa kuxutyushwa ngako kwiCandelo 8 lale ncwadi.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphulula amaphambili funda UMqulu 1 isahluko 25.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo.”—Filipi 4:8.
ICEBISO
Ukuba uphinde waphulula amaphambili, musa ukunikezela! Khangela isizathu sokuba uye waphinda, uze uphephe nantoni na ekukhokelele kweso senzo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Xa uvumela ingqondo yakho isoloko icinga ngento ethile, loo nto inokubuchaphazela ubuntu nezenzo zakho.—Yakobi 1:14, 15.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa ndingafuni ukucinga ngomntu wesini esahlukileyo, ndiza ․․․․․
Ukuba abantwana endifunda nabo baqalisa ukuncokola ngesini, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni kungasoloko kuphosakele ukuba nomnqweno wesini?
● Kutheni umele uwulawule umnqweno wesini?
● Ziziphi iindlela zokuzonwabisa ezinokwenza ukuba usoloko ucinga ngesini esahlukileyo?
● Kutheni kubalulekile ukuhamba xa abantu beqalisa ukuthetha ngesini?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 240]
“Into endincedayo kukucinga ngenye into—ndiyeke izinto eziza kuvusa inkanuko yesini. Ndiye ndizixelele ukuba ezi mvakalelo nale minqweno iza kuphela kungekudala.”—UScott
[Umfanekiso okwiphepha 239]
Ngaba ubuya kuyiyeka i-“virus” ingene kwikhompyutha yakho? Kutheni ke ufaka iingcinga ezingcolileyo engqondweni yakho?