Ndinokuyilawula Njani Indlela Endivakalelwa Ngayo?
Isahluko 26
Ndinokuyilawula Njani Indlela Endivakalelwa Ngayo?
NGABA ucinga ukuba umlilo uluncedo okanye uyingozi? Mhlawumbi uya kuthi kuxhomekeka kwiimeko. Kubusuku obuqhaqhazelisa amazinyo, umlilo weenkuni unokwenza kufudumale kamnandi. Uluncedo ke umlilo xa kunjalo. Noko ke, xa ungalawulwa, amadangatye aloo mlilo anokuyitshisa iphele tu indlu. Uba yingozi ke xa kufikelelwa apho.
Injalo ke nendlela ovakalelwa ngayo. Xa ukwazi ukuyilawula, unokuzakhela abahlobo abasenyongweni. Xa ungakwazi ukuyilawula, inokwenzakalisa, wena nabanye.
Njengomntu ofikisayo, maxa wambi unokuziva unomsindo okanye unxunguphele. Unokuyilawula njani loo meko? Makhe sixubushe ngento nganye onokuyenza.
Ukuthomalalisa Umsindo
Akukho lula ukunyamezela xa uphethwe kakubi. Xa bekuloo meko abanye abakwazi kuzibamba. NeBhayibhile iyathetha ngabantu ‘ababhabhama ngumsindo’ ‘nabatyekele emsindweni.’ (IMizekeliso 22:24; 29:22) Asinto nje ingenamsebenzi leyo. Ngenxa yomsindo ongalawulekiyo unokwenza okanye uthethe izinto oya kuzisola ngazo kamva. Ngoko unokuyilawula njani indlela ovakalelwa ngayo xa uye waphathwa kakubi?
Okokuqala, cingisisa kakuhle ngalo mba, uze ubone enoba akunakumxolela na loo mntu. a (INdumiso 4:4) Khumbula ukuba, ‘ukubuyisela ububi ngobubi’ kuya kuyenza ibe mandundu ngakumbi imeko. (1 Tesalonika 5:15) Emva kokucingisisa ngaloo mbandela uze uwuthandazele, usenokuziva uxolile. Ukwenza oko kuya kuyisusa ingqumbo kuwe.—INdumiso 37:8.
Kodwa kuthekani ukuba akude uxole? IBhayibhile ithi “kukho ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshumayeli 3:7) Ngaba akunakuthetha naloo mntu ukucaphukisileyo? Ukuba akukho ndlela, kungakuhle ukuxelela abazali bakho okanye umhlobo oqolileyo ngendlela ovakalelwa ngayo. Ukuba kukho umntu okuxhaphaza ngabom, zama indlela yokumphatha ngobubele. Ibhokisi ekwiphepha 221 inokukunceda ucinge ngoko unokukwenza kwizinto ebezikade zikucaphukisa.
Thandaza kuYehova umcele akuncede umxolele umntu okukhathazayo. Khumbula oku: Nakuba ungenakukutshintsha okwenzekileyo, unako ukuyitshintsha indlela osabela ngayo kuko. Ukuba usoloko ufukame ingqumbo, uya kuhlala ulixhoba. Xa usenjenjalo, uvumela omnye umntu alawule indlela ocinga ngayo novakalelwa ngayo. Ngaba akufuni ibe nguwe olawula iimvakalelo zakho?—Roma 12:19.
Ukujamelana Nonxunguphalo
ULaura oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Mva nje bendisoloko ndingatyhilekanga, ndithanda ukuzigxeka. Akukho nto indonwabisayo ebomini. Ndisoloko ndisezinyembezini.” NjengoLaura ulutsha oluninzi luziva luxinezelekile ziingxaki zobomi. Kuthekani ngawe? Izinto ezifunwa kuwe ngabazali, abahlobo, nootitshala; iingxaki zokufikisa; okanye ukuziva kungekho yakho ngenxa nje yeempazamo ezingephi—zinokukwenza unxunguphale.
Olunye ulutsha lude lubhenele ekuzenzakaliseni kuba nje lufuna isiqabu. b Ukuba nawe unengxaki efanayo zama ukufumana unobangela wale ngxaki. Ngokomzekelo, abanye badla ngokuzenzakalisa xa befuna indlela yokujamelana nengxaki abakuyo. Ngaba kukho ingxaki—ekhaya okanye kubahlobo bakho—ekwenza udandatheke?
Enye yeendlela ezibhetele zokulwa nale meko kukuthetha nabazali okanye umKristu onamava ofana ‘nomzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.’ (IMizekeliso 17:17) ULiliana, oneminyaka eli-16 ubudala wazityand’ igila koodade abadala abangamaKristu. Uthi: “Ekubeni bebadala kunam, banamacebiso aluncedo. Ngoku bangabahlobo bam.” c UDana, oneminyaka eli-15 ubudala, uthi uye wafumana isiqabu ngokuchitha ixesha elingakumbi entsimini. Uthi: “Yeyona nto yandinceda gqitha leyo. Enyanisweni, lelona xesha lakha lamnandi ebomini bam!”
INdumiso 55:22) UYehova uyayazi indlela ovakalelwa ngayo. Ngaphezu koko ‘ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) Ukuba intliziyo yakho iyakugweba, khumbula ukuba ‘uThixo mkhulu kunentliziyo yakho yaye uyazazi zonke izinto.’ (1 Yohane 3:20) Usazi nangaphezu kwakho isizathu sokuba unxunguphale yaye unako ukukunceda.
Ukuba unxunguphele kwaye udandathekile, ayikho into edlula umthandazo. Umdumisi uDavide owayesoloko eneentshaba, wathi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (Ukuba ukunxunguphala akupheli, kusenokwenzeka ukuba uyagula, udandathekile. d Ukuba kunjalo, kuya kuba bhetele ukuya kwagqirha. Ukuyibetha ngoyaba le meko kufana nokuvulela phezulu unomathotholo kuba nje ubaleka ingxolo yenjini yemoto eyonakeleyo. Eyona nto ibhetele kukulungisa umonakalo lowo. Asikho isizathu sokuba ube neentloni ngemeko okuyo. Ulutsha oluninzi oludandathekileyo luncedwa kukusebenzisa amayeza.
Khumbula ukuba indlela ovakalelwa ngayo ifana nomlilo. Xa ukwazi ukuyilawula iba luncedo kodwa xa ungakwazi iba yingozi. Yenza konke onako ukulawula indlela ovakalelwa ngayo. Ewe, akho amaxesha oza kwenza izinto oza kuzisola ngazo. Kodwa kufuneka ube nomonde. Ethubeni uza kude ukwazi ukulawula indlela ovakalelwa ngayo, kunokuba ibe yiyo ekulawulayo.
Ngaba usoloko ufuna ukwenza yonke into ngokugqibeleleyo? Ukuba kunjalo unokujamelana njani neentsilelo zakho?
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuba uyangcungcuthekiswa, funda iSahluko 14 sale ncwadi ukuze ubone indlela onokujamelana ngayo nale meko. Kwelinye icala, ukuba ucatshukiswe ngumhlobo, uya kufumana inkcazelo eluncedo kwiSahluko 10.
b Abantu abazenzakalisayo ngabantu abazisikayo, bazitshise, bazigruzule okanye bazikrwele ulusu ngabom.
c Ukuba akukwazi ukuthetha ngokuthe ngqo nomntu ofuna ukumxelela ingxaki yakho, mbhalele ileta okanye umtsalele umnxeba. Ukuphalaza imbilini yakho linyathelo lokuqala lokupholisa amanxeba.
d Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokudandatheka, funda Umqulu 1, isahluko 13.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.”—Roma 12:21.
ICEBISO
Suku ngalunye, xelela abazali bakho ngento entle eyenzeke kuwe—kungakhathaliseki ukuba incinane kangakanani na. Kuya kuba lula ukuthetha nabo naxa kuvela ingxaki enzulu. Kuya kuba lula nakubo ukukuphulaphula.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ukuba akuphumli ngokwaneleyo yaye akondlekanga kunokuba nzima ukulawula indlela ovakalelwa ngayo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Eyona nto kunzima ukuyinyamezela ․․․․․
Nantsi indlela endiza kuhlangabezana ngayo nale ngxaki ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni uThixo engakholiswa nje ngumntu ongawulawuliyo umsindo?
● Kunokukwenzakalisa njani ukufukama umsindo?
● Ziziphi ezinye iindlela onokujamelana ngazo nokunxunguphala?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 223]
“Okubalulekileyo kukuba ndandisazi ukuba ndinomntu ondikhathaleleyo, endandinokubhenela kuye xa izinto zingahambi kakuhle.”—UJennifer
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 221]
Isalathiso Samaphepha
Wulawule Umsindo Bhala kwesi sicangca
Okwenzekayo Indlela Indlela endimele
endisabela ngayo ndisabele ngayo
Umntwana endifunda → Ndisuka ndimthuke → Andimhoyi, ukuze abone
naye uyandigculela ukuba andinaxesha
laloo nto
Udadewethu unxibe → Ndiziphindezela → ․․․․․
izihlangu zam ngokusebenzisa
endizithandayo eyakhe into
engazicelanga
Abazali bam → ․․․․․ → ․․․․․
bayandohlwaya
[Umfanekiso okwiphepha 220]
Umntu ofukama ingqumbo uzivumela ukuba alawulwe ngomnye umntu