Isikolo Nabo Ufunda Nabo
Icandelo 4
Isikolo Nabo Ufunda Nabo
Ngaba ukufumanisa kunzima ukuphumelela kwezinye izifundo?
□ Ewe
□ Hayi
Ngaba wakha wangcungcuthekiswa okanye wakhathazwa ngokwesini esikolweni?
□ Ewe
□ Hayi
Ngaba maxa wambi uye unqwenele ukuxelisa ihambo engafanelekanga yabo ufunda nabo?
□ Ewe
□ Hayi
Usenokuthi, ‘Ukuba ndinokukwazi ukunyamezela esikolweni, ndinokunyamezela nantoni na!’ Mhlawumbi yinyaniso leyo. Ngapha koko, xa usesikolweni, ingqondo, iimvakalelo nobumoya bakho buyavavanywa. Unokuphumelela njani esikolweni, ngaphandle kokuphenjelelwa ngabantwana ofunda nabo abangamoyikiyo uThixo? Xa ufunda isahluko 13-17 uya kukwazi ukuhlakulela ubuchule obufunekayo.
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 112,
113]