Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuphucula Njani Esikolweni?

Ndinokuphucula Njani Esikolweni?

Isahluko 13

Ndinokuphucula Njani Esikolweni?

MASITHI uvaleleke kwintsunguzi yehlathi elishinyeneyo. Kumnyama thsu njengoko ilanga lisithwe ngoorhec’ izulu bemithi. Utyani obuphakathi kwayo benza kube nzima nokuhamba. Ukuze ukwazi ukuphuma kwelo hlathi, umele ugece obo tyani ngesabile.

Abanye basenokuthi imeko yasesikolweni ifana nqwa nokuhamba ehlathini elimnyama. Kaloku, uvaleleke eklasini imini yonke, uze naxa usekhaya ngokuhlwa uxakeke ngumsebenzi wesikolo kangangeeyure ezininzi. Ngaba yindlela ovakalelwa ngayo leyo? Kumgca ongezantsi, bhala isifundo osifumanisa sinzima ngaphezu kwazo zonke.

․․․․․

Kusenokwenzeka ukuba abazali bakho nootitshala baye bakukhuthaza ukuba uzibhokoxe ngakumbi kwesi sifundo. Ukuba kunjalo, abazami kwenza ubomi bakho bube nzima! Kunoko bafuna ukuba uphumelele. Ngoko yintoni onokuyenza xa uziva ufun’ ukunikezela? Ukuba unezixhobo ezifanelekileyo, unako ukugeca uvule indlela yokuphuma. Ziziphi ezi zixhobo?

Isixhobo 1: Isimo sengqondo esifanelekileyo ngokufunda. Akunakuqhuba kakuhle esikolweni xa ungakuthandi ukufunda. Ngoko zama ukuba nembono ephangaleleyo. Umpostile uPawulos ongumKristu wabhala wathi: “Umntu olimayo ufanele alime ngethemba, nomntu obhulayo ufanele enjenjalo ngethemba lokuba nesabelo.”—1 Korinte 9:10.

Kusenokuthath’ ixesha ukubona iingenelo zokuzimisela kwizifundo ezithile, njengokuba kuthath’ ixesha nokubona iingenelo ‘zokulima.’ Ngoba? Mhlawumbi okwangoku usenokubona ngathi ezinye izifundo ozenzayo azibalulekanga. Sekunjalo, ukwenza izifundo ezahlukahlukeneyo kuya kuyenza iphangalale ingqondo yakho, uziqonde kakuhle nezinto ezenzekayo ehlabathini. Kuya kukunceda ube “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo,” ukwazi ukuncokola nabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. (1 Korinte 9:22) Kwakhona kuya kuphucula amandla akho okuqiqa—nto leyo eya kuba luncedo kakhulu ekuhambeni kwexesha.

Isixhobo 2: Ukuba nesimo sengqondo esihle ngobuchule onabo. Xa usesikolweni iziphiwo onazo zinokubonakala. UPawulos wabhalela uTimoti wathi: ‘Sikhwezele njengomlilo isiphiwo owasinikwa nguThixo.’ (2 Timoti 1:6) Kuyabonakala ukuba uTimoti wayephumeza inkonzo ekhethekileyo ebandleni lamaKristu. Kodwa kwanobuchule abunikwe nguThixo—“isiphiwo” sakhe—babufuna ukuhlakulelwa, ukuze bungabi lilize. Kakade ke, oku akuthethi kuthi nguThixo ngokuthe ngqo okwenza uphumelele esikolweni. Sekunjalo, uneziphiwo ezingafaniyo nezabanye. Isikolo sinokukunceda wazi ukuba uneziphiwo ekusenokwenzeka ukuba ubungazi nokuba unazo.

Musa ukunikezela, ucinge ukuba akunakukwazi ukuphucula. Hlakulela iingcinga ezintle ezikukhuthazela ukuba usebenzise isiphiwo onaso. Ngokomzekelo, xa abantu bagxeka uPawulos ngokungakwazi ukuthetha, wathi: “Nokuba andinabuchule ngentetho, ngokuqinisekileyo andinjalo ngolwazi.” (2 Korinte 10:10; 11:6) UPawulos wayebazi ubuthathaka bakhe. Kodwa wayebazi nobuchule bakhe.

Kuthekani ngawe? Bubuphi ubuchule onabo? Ukuba akuqinisekanga, kutheni ungabuzi umntu okhulileyo onomdla wokukunceda? Umhlobo onjalo unokukunceda uqonde ubuchule onabo uze ubusebenzise ngokupheleleyo.

Isixhobo 3: Ukukhuthalela ukufunda. Ayikho indlela elula yokuphumelela esikolweni. Indlela inye kuphela, kukufunda. Iyaqondakala into yokuba, asinguye wonk’ umntu okuthandayo ukufunda. Kodwa ke, ukufunda kuneengenelo. Enyanisweni, xa uziqhelisa ukufunda, usenokude ukunandiphe ekugqibeleni.

Noko ke, ukuze ukukhuthalele ukufunda ufanele ulicwangcise kakuhle ixesha lakho. Khumbula—ngoxa usesesikolweni, ukufunda kubalulekile. Enyanisweni, iBhayibhile ithi kukho ‘ixesha lokuhleka, nexesha lokudloba.’ (INtshumayeli 3:1, 4; 11:9) Ngoko, njengolutsha oluninzi, umel’ ukuba uyalifuna ixesha lokuzonwabisa. a Kodwa iNtshumayeli 11:4 ilumkisa ngelithi: “Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.” Yintoni esiyifundayo koku? Qala ngokufunda, wandule ke udlale. Ungakhathazeki—unako ukulifumana ixesha lokuzenza zombini ezi zinto!

Ukwenza Umsebenzi Wesikolo Ekhaya

Noko ke, kuthekani ukuba unomsebenzi omninzi wesikolo omele uwenze ekhaya? Mhlawumbi uvakalelwa njengoSandrine oneminyaka eli-17 ubudala, owathi: “Ndichitha iiyure ezimbini ukuya kwezintathu busuku ngabunye ndisenza umsebenzi wesikolo, nangeempela-veki.” Unokuhlangabezana njani nale ngxaki? Zama ukusebenzisa amacebiso akwiphepha 119.

Ukuvula Indlela

Ngokuphathelele ukwenza inkqubela yokomoya, uPawulos wathi kuTimoti: “Nikela ingqalelo epheleleyo, zibhokoxe kwezi zinto, ukuze inkqubela yakho ibonakale ngokucacileyo kubo bonke.” (1 Timoti 4:15, Phillips) Ngokufanayo, ukuba uyazibhokoxa esikolweni, inkqubela yakho iya kubonakala.

Cinga ngomzekeliso esiwenze ekuqaleni kwesi sahluko. Xa uvaleleke kwihlathi elishinyeneyo, ufanele ube nesixhobo esifanelekileyo—isabile—ukuze uvule indlela. Kuyafana ke nangesikolo. Kunokuba ucaphuke xa ukhuthazwa ngabazali bakho nootitshala, sebenzisa izixhobo ezithathu ekuxutyushwe ngazo kwesi sahluko ukuze uphumelele esikolweni. Ngokuqinisekileyo akusayi kuzisola ngokwenza oko!

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 18

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Phezu kweengxaki onazo kakade esikolweni, ukhathazwa nangokwesini. Yintoni onokuyenza?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuzonwabisa, bona iCandelo 8 lale ncwadi.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu; nokhangela amafu akayi kuvuna.”—INtshumayeli 11:4.

ICEBISO

Xa ufunda, qala ngokuwuhlola wonke umbandela, ukuze wazi ukuba uthetha ngantoni. Emva koko, zibuze imibuzo esekelwe kwimixholwana. Yandula ke uwufunde umbandela, ukhangele iimpendulo. Okokugqibela, khangela ukuba usakukhumbula na oko ukufundileyo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukukopa kunokwenza ukuba ungathenjwa yaye ungenzi nkqubela esikolweni. Ngaphezu koko, konakalisa ulwalamano lwakho noThixo.—IMizekeliso 11:1.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Xa ndiphinda ndibhala iimviwo ndifuna ukufumana ․․․․․ kwesi sifundo silandelayo: ․․․․․

Ndiza kuzama ukuphucula kweso sifundo ngokwenza oku kulandelayo: ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni ufanele uzibhokoxe esikolweni?

● Liliphi elona xesha likufaneleyo lokufunda okanye lokwenza umsebenzi wakho wesikolo?

● Yiyiphi eyona ndawo ifanelekileyo onokufundela okanye wenzele kuyo umsebenzi wesikolo kokwenu?

● Yintoni onokuyenza ukuze ukuzonwabisa kungakuphazamisi kwizifundo zakho?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 117]

“Ndikuphawulile oku kolunye ulutsha olulingana nam. Iindlela zokufunda olwaluzisebenzisa esikolweni luye lwaqhubeka nazo nakwizinto zokomoya. Olo lwalungakuthandi ukufunda esikolweni alunamdla kangako nasekufundeni iBhayibhile.”—USylvie

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 119]

Khetha indawo yokufundela. Imele ingabi naziphazamiso. Hlala edesikeni ukuba kunokwenzeka. Mcime umabonwakude.

Qala ngezinto ezibalulekileyo. Ekubeni imfundo ibalulekile, zimisele ukuba akuyi kumbukela umabonwakude de ugqibe umsebenzi wakho wesikolo.

Musa ukuwubekela amangomso. Zenzele ucwangciso lokwenza umsebenzi wakho wesikolo, uze unamathele kulo.

Zenzele ucwangciso. Cwangcisa ukuba sisiphi isifundo oza kusenza kuqala, ulandelise ngesiphi, njalo njalo. Zidwelise ephepheni, ubhale nexesha oza kulichitha kwisifundo ngasinye. Krwela sifundo ngasinye osigqibileyo.

Yiba namaxesha ekhefu. Xa ingqondo yakho idiniwe, nqumama okwethutyana. Kodwa phinda uqhubeke nomsebenzi wakho wesikolo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.

Zithembe. Khumbula ukuba kukukhuthala, kungekhona ukuba krelekrele, okwenza ube ngumfundi ophumelelayo. Unako ukuphumelela esikolweni. Khumbula, ukuzimisela kunomvuzo.

[Umfanekiso okwiphepha 116]

Ukuphumelela esikolweni kunokufana nokuzama ukuhamba kwihlathi elishinyeneyo—kodwa unako ukuphumelela xa unezixhobo ezifanelekileyo