Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuyixhathisa Njani Ingcinezelo Yoontanga?

Ndinokuyixhathisa Njani Ingcinezelo Yoontanga?

Isahluko 15

Ndinokuyixhathisa Njani Ingcinezelo Yoontanga?

“Esikolweni uhlangabezana nezilingo ezininzi—ukutshaya, iziyobisi nesini. Uyazi ukuba izinto abanye abantwana abafuna uzenze zibubuyatha. Kodwa akufuni kubonakala njengegwala.”—UEve.

NGOKWEMVELO sifuna ukwamkelwa ngabanye abantu. Ngenxa yoko kulula ukuphenjelelwa ngoontanga. Ngokomzekelo, ukuba ukhuliswe njengomKristu, uyazi ukuba izinto ezinjengeentlobano zesini ngaphambi komtshato nokusebenzisa kakubi utywala ziphosakele. (Galati 5:19-21) Kodwa oontanga bakho abaninzi bayakucenga ukuba wenze ezi zinto kunye nabo. Ngaba baye bacingisisa kuqala baza bazenzela isigqibo sokubandakanyeka kwizenzo ezinjalo? Akunjalo. Badla ngokwenza ezi zinto kuba bephenjelelwa ngabanye. Bafuna ukwamkeleka, ngoko bahamba nomndilili. Ngaba nawe unjalo? Okanye ngaba ngenkalipho unamathela kwisigqibo osenzileyo?

UAron, umntakwaboMoses, wakha woyiswa yingcinezelo yoontanga ngesinye isihlandlo. Xa amaSirayeli amngqingayo emcenga ukuba awenzele uthixo, wawenzela! (Eksodus 32:1-4) Khawufan’ ucinge nje—le yindoda eyajamelana noFaro, yadlulisela kuye ngenkalipho isigidimi sikaThixo. (Eksodus 7:1, 2, 16) Kodwa kwayena lo Aron, wanikezela kwingcinezelo yamaSirayeli awayekhonza kunye nawo. Kuyabonakala ukuba, wakufumanisa kulula ukumelana nokumkani waseYiputa kunokumelana noontanga bakhe!

Kuthekani ngawe? Ngaba ukufumanisa kunzima ukumela into oyaziyo ukuba ifanelekile? Ngaba ungakwazi ukumelana ngenkalipho nengcinezelo yoontanga? Ewe ungakwazi! Okubalulekileyo kukuba ukwazi ukubona xa oontanga bakho beza kukuphembelela uze wenze isigqibo ngendlela oza kusabela ngayo. La manyathelo mane angezantsi aya kukunceda ekwenzeni oku.

1. Yibone ingozi iseza. (IMizekeliso 22:3) Ngokufuthi, unokuyibona kwangaphambili ingozi. Ngokomzekelo, masithi ubona abo ufunda nabo bemile qelele phayaa betshaya. Ngaba abayi kukunika nawe icuba? Ukuba ingozi uyibona iseza, uya kubaphepha okanye uye kubo uxhobile.

2. Cinga. (Hebhere 5:14) Usenokuzibuza, ‘Ukuba ndilandela isininzi, ndiya kuvakalelwa njani ekuhambeni kwexesha?’ Liyinyaniso elokuba, usenokubakholisa oontanga bakho okwethutyana. Kodwa uya kuvakalelwa njani kamva, xa ukunye nabazali bakho okanye amaKristu okhonza nawo? Ngaba uxolele ukuncama ulwalamano lwakho noThixo kuba nje ufuna ukukholisa abo ufunda nabo?

3. Yenza isigqibo. (Duteronomi 30:19) Abakhonzi bakaThixo bafanele bakhethe ukuthembeka baze bafumane iintsikelelo okanye kungenjalo baya kuvuna imiphumo ebuhlungu. Amadoda anjengoYosefu, uYobhi noYesu enza ukhetho oluhle, kodwa yena uKayin, uEsawu noYudas bakhetha ikhondo eliphosakeleyo. Ngoku lithuba lokuba nawe wenze isigqibo. Uza kwenza isigqibo esinjani?

4. Yenza okuthile. Usenokucinga ukuba le yeyona nxalenye inzima. Kanti ke ayinzimanga tu! Ukuba sele ucingisisile ngemiphumo waza wenza isigqibo, usenokumangaliswa yindlela ekulula ngayo ukuxelela abanye yaye oko kunokuba nemiphumo emihle. (IMizekeliso 15:23) Ungakhathazeki—akukho mfuneko yokuba wenze intshumayelo ende yeBhayibhile. Ukuthi hayi nje kuphela kwanele. Okanye, ukuze kucace kakuhle ukuba akuzukuyenza loo nto, usenokukhetha ukuthi:

“Ningandiquki!”

“Andiyenzi loo nto!”

“Umele ukuba uyayiqonda into yokuba andizenzi ezo zinto!”

Umele usabele ngokukhawuleza nangenkalipho. Ukuba wenjenjalo, oontanga bakho banokukhawuleza bakuyeke! Kodwa, kuthekani ukuba bayakugculela? Kuthekani ukuba bathi, “Kutheni—unentaka?” Xa bekugculela ngolo hlobo—khumbula ukuba yingcinezelo yoontanga leyo. Unokusabela njani? Zintathu iindlela onokusabela ngazo.

● Usenokuvuma. (“Unyanisile, ndiyoyika!” Emva koko chaza ngokufutshane isizathu sokuba woyike.)

● Unokuyijika ingcinezelo ngokuchaza uluvo lwakho, ngaphandle kokudala ingxwabangxwaba.

● Unokuphindisa. Bachazele oontanga bakho isizathu sokwala kwakho uze ubashukumisele ekubeni basebenzis’ ingqondo. (“Ayifani nawe into yokutshaya!”)

Ukuba oontanga bakho bayaqhubeka bekugculela, mka kuloo ndawo! Ukuba akuhambi, iza kuya iqina ngakumbi ingcinezelo. Nokuba kunokufuneka ude uhambe, khumbula: Ukwazile ukuyisingatha loo meko. Akubavumelanga oontanga bakho ukuba bakunyanzelele kwihambo yabo!

Abanye oontanga bakho basenokukugculela bathi akusebenzis’ ingqondo yakho, ucingelwa ngabany’ abantu. Kodwa akunjalo! Enyanisweni, uYehova ufuna uyingqine ngokwakho into yokuba ukwenza ukuthanda kwakhe kokona kulungileyo. (Roma 12:2) Ngoko kutheni uvumela oontanga bakho bakwenze unodoli wabo? (Roma 6:16) Yimele into oyaziyo ukuba ifanelekile!

Enyanisweni, akunakuyiphepha ingcinezelo yoontanga. Kodwa unokwenza isigqibo, ubachazele ngaso, yaye unamathele kuso. Ekugqibeleni, nguwe omele enze ukhetho!—Yoshuwa 24:15.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 9

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba uphila ubomi obumbaxa? Unokuncedakala njani xa abazali bakho benokwazi ukuba uphila ubomi obunjalo?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.”—IMizekeliso 13:20.

ICEBISO

Ukuze ube nenkalipho engakumbi, funda amava abakhonzi bakaYehova banamhlanje abaye bakumela ngokuphumelelayo oko kulungileyo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Bambalwa abantwana ofunda nabo oya kudibana nabo kwisithuba sonyaka emva kokuba ugqibile esikolweni. Abaninzi basenokungalikhumbuli negama eli lakho. Kodwa intsapho yakowenu, noYehova uThixo baya kusoloko benomdla kwimpilo-ntle yakho.—INdumiso 37:23-25.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndimelane nengcinezelo yoontanga ndiza ․․․․․

Ukuba oontanga bam bazama ukundeyisela kwihambo ephosakeleyo, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Amanyathelo amane achazwe kwesi sahluko anokukunceda kweziphi iimeko?

● Yintoni enokwenzeka ukuba uyanikezela kwingcinezelo yoontanga?

● Ziziphi iindlela onokuyixhathisa ngazo ingcinezelo yoontanga?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 131]

“Amakhwenkwe amaninzi ayazi ukuba ndiliNgqina, yaye ayandihlonela. Xa eza kuthetha ngezinto ezingcolileyo, aye athi, ‘Mike, siza kuthetha ngoku, ukuba ufuna ukuhamba, ungakhululeka.’”—UMike

[Isicangca esikwiphepha 132, 133]

Isalathiso Samaphepha

Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga Umzekelo

1 Yilindeleinto yokuba usenokugculelwa

Basenokundivavanyangantoni? Ngokutshaya.

Basenokukwenza phi oku? Kwindlu yangasese.

Kuza kwenzeka ntoni ukuba ← 2 Cinga → Kuza kwenzeka ntoni ukuba

ndiyanikezela? ndiyaxhathisa?

andiyi kumkholisa uYehova ndisenokugezelwa okanye

nabazali bam. Ndiya kutyiwa ndithukwe. Abanye endifunda

sisazela. Kuza kuba nzima nabo esikolweni basenokundiphepha.

ukuba ndale kwixesha Kodwa ndiya kumvuyisa uYehova,

elizayo. yaye oko kuya kuthetha

ukuba ndiziphethe kakuhle.

Ndisenokunikezela kuba ← 3 Yenza isigqibo → Ndiza xhathisa kuba

ndingakuxhobelanga ndiyazi ukuba ukutshaya

ngokwaneleyo ukumelana akumkholisi uYehova yaye

nengcinezelo yoontanga. kunokuyonakalisa

Ndifuna ukukholisa impilo yam.

oontanga bam kunoYehova

← 4 Yenza okuthile → Ndiza

kwala ndize ndimke.

Ukugculelwa ngoontanga

Ukuba omnye umntwana uthi: “Thatha nank’ umdiza.

Uyoyika?”

Ndisenokusabela ngenye yezi ndlela zilandelayo xa ndigculelwa

Ndinokuvuma Ndinokuyijika Ndinokuphindisa

“Unyanisile. Ndiyoyika “Sukudlala “Hayi enkosi.

ukutshaya. Andifuni ngecuba Ayifani nawe into

kuba nomhlaza lakho.” yokutshaya!”

wemiphunga.”

PHAWULA: Hamba ngokukhawuleza ukuba oontanga bakho bayaqhubeka bekunyanzela. Ukuba akuhambi, basenokukoyisa. Bhala ezakho iimpendulo kwiphepha elilandelayo.

Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga Zenzele ikopi yeli phepha!

1 Yilindele into yokuba usenokugculelwa

Basenokundivavanya ngantoni? ․․․․․

Basenokukwenza phi oku? ․․․․․

Kuza kwenzeka ntoni ukuba ← 2 Cinga → Kuza kwenzeka ntoni ukuba

ndiyanikezela? ndiyaxhathisa?

․․․․․ ․․․․․

Ndisenokunikezela ← 3 Yenza isigqibo → Ndiza kuxhathisa kuba . . .

kuba . . .

․․․․․ ․․․․․

← 4 Yenza okuthile → Ndiza . . .

․․․․․ ․․․․․

Ukugculelwa Ngoontanga

Ukuba omnye umntwana uthi: ․․․․․

Ndisenokusabela ngenye yezi ndlela zilandelayo xa ndigculelwa

Ndinokuvuma Ndinokuyijika Ndinokuphindisa

․․․․․ ․․․․․ ․․․․․

Lungiselela phambi komzali okanye komhlobo oqolileyo indlela oza kusabela ngayo.

[Umfanekiso okwiphepha 135]

Ukuba uyanikezela kwingcinezelo yoontanga, uba ngunodoli wabo