Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?

Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?

Isahluko 16

Ubomi Obumbaxa—Ngubani Omele Azi?

□ Ukusela utywala

□ Ukunxulumana nabantu abangathandwayo ngabazali bakho kuba beziphethe kakubi

□ Ukuphulaphula umculo ongafanelekanga

□ Ukuya kumatheko apho abantu benza unothanda

□ Ukuthandana ngokufihlakeleyo

□ Ukubukela imifanekiso nokudlala imidlalo yevidiyo enogonyamelo okanye engcolileyo

□ Ukuthuka

KHAWUQWALASELE ezi zinto zichazwe kwiphepha elingaphambili. Ngaba ikho into oyenzayo kwezi bengazi abazali bakho? Ukuba kunjalo, mhlawumbi uyazi ukuba oko kuphosakele. Kusenokwenzeka ukuba utyiwa nasisazela. (Roma 2:15) Sekunjalo, ukufumanisa kunzima ukubachazela abazali bakho. Xa ucinga ngendlela abaza kusabela ngayo, usenokuqiqa ngelithi, “Kubhetele ukuba abazali bam bangayazi le nto.” Kodwa ngaba ukhe wayicinga into yokuba ukuqhubeka usenza ezo zinto kuthetha ukuba uphila ubomi obumbaxa? Yintoni esenokubangela ukuba uzifihle izinto ozenzayo?

Ukufuna Inkululeko

IBhayibhile ithi ekugqibeleni “indoda iya kumshiya uyise nonina.” (Genesis 2:24) Kakade ke la mazwi akwabhekisela nakwibhinqa. Kungokwemvelo ukufuna ukuzimela uze uzenzele izigqibo. Kodwa xa olunye ulutsha lungavunyelwa ngabazali balo ukuba lwenze izinto zobuyatha—okanye eziphosakeleyo—luyavukela.

Liyinyaniso elokuba abanye abazali basenokuba ngqongqo ngokugqithiseleyo. Intombazana eselula, uKim, iyakhalaza: “Asivumelekanga ukuba sibukele iimovie. UTata akasivumeli ukuba siphulaphule phantse wonke umculo esiwuthandayo!” Xa lubona ngathi lumiselwa imiqathango engqongqo gqitha, olunye ulutsha luye lunqwenele ukufana noontanga balo, ababonakala benenkululeko.

Intwazana egama linguTammy ichaza esinye isizathu sokuba abanye baphile ubomi obumbaxa—bafuna ukwamkeleka kwabo bafunda nabo esikolweni. Uthi: “Ndaqala ngokuthuka esikolweni. Oko kwandenza ndaziva ndifana nabanye abantwana. Emva koko ndaqalisa ukutshaya. Ndandisela utywala ndinxile. Ndandula ke ndathandana ngokufihlakeleyo, kaloku abazali bam babengqongqo gqitha yaye bengandivumeli ukuba ndithandane.”

Umfana ogama linguPete wenza into efanayo: “Ndakhuliswa njengeNgqina likaYehova. Kodwa ndandisoyika ukunxwalwa.” Wenza ntoni ke uPete? Uthi: “Ndandifuna ukuthandwa ngabanye. Ndandidla ngokuxoka ndichaze ezinye izizathu zokuba ndingakhange ndifumane zipho ngexesha leeholide zonqulo.” Ukulalanisa kwabangela ukuba uPete enze izono ezinzulu.

Akukho Nto Ifihlakala Kuphele

Ukuphila ubomi obumbaxa akunto intsha. Namanye amaSirayeli amandulo ayephila ubomi obumbaxa. Kodwa ke, umprofeti uIsaya wawalumkisa: “Yeha ke abo bangena nzulu ekufihleni icebo likaYehova, nabo bazenzo zenzeke endaweni emnyama, ngoxa besithi: ‘Ngubani na osibonayo, ingubani na nosaziyo?’” (Isaya 29:15) AmaSirayeli ayelibele ukuba uThixo uyazibona izinto azenzayo. Ngexesha elifanelekileyo wawaphendulisa ngeziphoso zawo.

Kuyafana ke nanamhlanje. Nokuba uyabafihlela abazali bakho indlela oziphethe ngayo, akunakumfihlela uYehova uThixo. AmaHebhere 4:13 athi: “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe, kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” Ngoko ke, kunceda ngantoni ukufihla? Khumbula ukuba, akunakumqhatha uThixo ngokuzenza ngathi unyanisekile xa ukwiintlanganiso zonqulo. UYehova uyazi xa abantu ‘bembeka ngemilebe yabo, kodwa zibe iintliziyo zabo zikude lee kuye.’—Marko 7:6.

Uyazi na ukuba abo baphila ubomi obumbaxa bamenza buhlungu uYehova? Ngaba kunokwenzeka oko? Ewe kunokwenzeka! Xa amaSirayeli amandulo awugatyayo uMthetho kaThixo, ‘amenza buhlungu Lowo uyiNgcwele kaSirayeli.’ (INdumiso 78:41) Kumele ukuba nanamhlanje uba buhlungu xa ulutsha olukhuliselwe “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova” lusenza izinto eziphosakeleyo ngokufihlakeleyo!—Efese 6:4.

Yilungise Le Ngxaki

Eneneni, kuya kukunceda ukuchazela uThixo nabazali bakho oko ubukwenza emfihlekweni. Kuyinyaniso ukuba, oku kusenokukubangela iintloni yaye mhlawumbi unokufumana nesohlwayo. (Hebhere 12:11) Ngokomzekelo, ukuxokisa nokuqhatha abazali bakho, kunokwenza kube nzima ukuba bakuthembe. Ngoko ungothuki xa bekubekela imiqathango engakumbi. Sekunjalo, ukuvuma iziphoso zakho lelona khondo lifanelekileyo. Ngoba?

Khawucinge ngalo mzekelo: Masithi wena nentsapho yakowenu ninyuka intaba. Bengakuboni abazali bakho, uyaphambuka uze ulahlekane nabo. Emva koko uqalisa ukuzika entlabathini. Ngaba unganeentloni zokucela uncedo? Ngaba unganexhala lokuba abazali bakho baza kukungxolisa ngenxa yokungabaphulaphuli? Akunjalo! Ungakhwaza kangangoko unako.

Ngokufanayo, ukuba uphila ubomi obumbaxa, umele ufune uncedo ngokukhawuleza. Khumbula ukuba, akunakuzijika izinto osele uzenzile. Kodwa unokwenza ukhetho olwahlukileyo emva koko. Nangona oko kunokuba nzima, kububulumko ukuba ucele uncedo ngaphambi kokuba konakale kakhulu. Ukuba uyazisola ngehambo yakho, uYehova uya kukwenzela inceba.—Isaya 1:18; Luka 6:36.

Ngoko ke, baxelele inyani abazali bakho. Yiqonde into yokuba ubakhathazile. Samkele isohlwayo sabo. Ukuba wenjenjalo, uya kubavuyisa abazali bakho noYehova uThixo. Kwakhona uya kuba nesazela esicocekileyo.—IMizekeliso 27:11; 2 Korinte 4:2.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Zininzi izinto ofana ngazo nabantwana ofunda nabo. Kodwa yintoni ofanele uyazi ngokuba nabahlobo esikolweni?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.”—IMizekeliso 28:13.

ICEBISO

Ungazithabathi lula iziphoso zakho, kodwa kwangaxeshanye musa ukuvakalelwa kukuba uyinjubaqa engenakuncedakala. Khumbula ukuba uYehova ukulungele ukuxolela.—INdumiso 86:5.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Kulungile ukutyiwa sisazela; oku kunokubangela umntu alungise ihambo yakhe ephosakeleyo. Kodwa umntu oqhubeka esona uyasonakalisa isazela sakhe. Sigqibela ngokungasebenzi, oku kwesikhumba esitshileyo esijika sibe ndindisholo.—1 Timoti 4:2.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba bendiphila ubomi obumbaxa, ndiza kuthetha no ․․․․․

Ndiza kukwazi ukumelana nesohlwayo endisifumanayo ngokuthi ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Yintoni ebangela olunye ulutsha luphile ubomi obumbaxa?

● Yiyiphi eminye imiphumo yokuphila ubomi obumbaxa?

● Kutheni kuyingenelo ukuzama ukwahlukana nalo mkhwa?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 140]

“Ndicinga ukuba abantu abasebatsha bafanele bazichaze ukuba bangamaKristu yaye banemilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha. Bafanele bakwenze oku ngokukhawuleza. Ukuba bakubekela amangomso, kuya kuba nzima.”—ULinda

[Umfanekiso okwiphepha 141]

Ukuba unengxaki yokuphila ubomi obumbaxa, oku komntu ozika entlabathini, ufanele ucele uncedo