Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngabahlobo Basesikolweni?

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngabahlobo Basesikolweni?

Isahluko 17

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngabahlobo Basesikolweni?

“Ngamanye amaxesha ndidla ngokubona iqela labantwana, ndize ndithi, ‘Ngabahlobo bokwenene abaya. Nam ndifuna ukuba nabahlobo abanjalo.’”—UJoe.

“Ndandingenayo ingxaki yokuba nabahlobo esikolweni. Kwakuyinto nje elula. Yiloo nto kanye eyayiyingxaki.”—UMaria.

WONK’ UMNTU funa ukuba nabahlobo—abantu anokubutha kunye nabo nanokubhenela kubo xa kuvela iingxaki. UYesu wayenabo abahlobo, yaye wayekuthanda ukuchitha ixesha nabo. (Yohane 15:15) Ngoko xa wayeza kufa kwisibonda sentuthumbo, oyena mhlobo wakhe usenyongweni uYohane, ‘umfundi awayemthanda,’ wayekufutshane naye. (Yohane 19:25-27; 21:20) Bayafuneka abahlobo abanjalo—abantu abaya kuhlala bekunye nawe ngamaxesha amyoli nabuhlungu!

Mhlawumbi uvakalelwa kukuba unabo abahlobo abanjalo esikolweni—uvana nomntwana omnye okanye ababini ofunda nabo. Nithanda izinto ezifanayo yaye nidla ngokuncokola kamnandi. Akubagqali ‘njengonxulumano olubi.’ (1 Korinte 15:33) UAnne uthi: “Aba bantwana ubabona yonk’ imihla. Ngenxa yoko uziva ukhululekile ukuhlala nabo. Akufani naxa uhleli nabazalwana noodade basebandleni, ekufuneka usoloko uchul’ ukunyathela xa ukunye nabo. Xa usesikolweni uyakhululeka.” Ukongezelela, usenokuba nembono kaLois, owathi: “Ndandifuna abantwana endifunda nabo babone ukuba amaNgqina kaYehova akahlukanga njengokuba abanye abantu becinga, ndandifuna ukubabonisa ukuba siyafana nabanye abantu.” Ngaba ezo zizizathu ezivakalayo zokuba nobuhlobo obusenyongweni nabantwana ofunda nabo?

Kutheni Umele Ulumke?

Khawucinge ngoko kwenzeka kuMaria ekuthethwe ngaye ekuqaleni kweli nqaku. Ukuba liqhakraqhakra kwenza kwalula ngaye ukuba nabahlobo kodwa kwakunzima ukukhetha abona bafanelekileyo. Uthi: “Ndandivuya xa ndibona ukuba ndiyathandwa, ngamantombazana namakhwenkwe. Ngenxa yoko, ndazibona sele ndingena ngokunzulu ehlabathini.” Kwenzeka into efanayo nakuLois. Uthi: “Ndaphenjelelwa sisimo sengqondo sabantwana endandifunda nabo. Ndaqalisa ukuziphatha njengabo.”

Ayothusi loo nto. Ngaphezu koko, ukuze ube ngumhlobo osenyongweni nomnye umntu, umele uthande izinto azithandayo yaye uziphathe ngendlela aziphethe ngayo. Ukuba uqhogene nabantu abangaphili ngeenkolelo nemilinganiselo eseZibhalweni, unxulumano olunjalo luya kuyichaphazela indlela oziphethe ngayo. (IMizekeliso 13:20) Ngenxa yeso sizathu uPawulos wabhala wathi: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.”—2 Korinte 6:14.

Onokukwenza

Ngaba isiluleko sikaPawulos sithetha ukuba umele ucezele kude nabantwana ofunda nabo okanye ube likheswa? Akunjalo! Ukuze azalisekise uthumo lwawo ‘lokwenza abafundi abantu beentlanga zonke’ amaKristu kufuneka akwazi ukusebenzisana namadoda namabhinqa azo zonke iintlanga, unqulo nezithethe.—Mateyu 28:19.

Umpostile uPawulos usimisela umzekelo omhle kule nkalo. Wayeyazi indlela yokuthetha ‘nabantu bazo zonke iintlobo,’ nakuba wayengekho kunqulo olufana nolwabo. (1 Korinte 9:22, 23) Unako ukulandela umzekelo kaPawulos. Yiba nobuhlobo noontanga bakho. Funda indlela yokuncokola kakuhle kunye nabo. Noko ke, luxhathise utyekelo lokufuna ukuxelisa abantwana ofunda nabo ngendlela abathetha ngayo nabenza ngayo izinto. Kunoko, ngokukhawuleza, bacacisele kakuhle isizathu sokuba ukhethe ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile.—2 Timoti 2:25.

Liyinyaniso lona elokuba uza kwahluka kwabanye, yaye oko akuyonto ilula. (Yohane 15:19) Kodwa khawujonge izinto ngale ndlela: Ukuba ukhwele kwiphenyane uze ubone abantu berhaxwa ngamanzi, yiyiphi indlela yokubanceda—ngaba kukushiya iphenyane uze uziphose emanzini ube kunye nabo? Akunjalo!

Ngokufanayo, esikolweni urhangqwe ngabantu abangekho phantsi kwenkuselo kaYehova. (INdumiso 121:2-8) Ukuba utyeshela imilinganiselo kaYehova ukuze nje usondelelane nabantwana ofunda nabo, uya kuba ubeka esichengeni impilo-ntle yakho yokomoya nolonwabo lwakho. (Efese 4:14, 15; Yakobi 4:4) Bekuya kuba bhetele ukunceda abantwana ofunda nabo ukuba bangene kwiphenyane okulo, ngokubabonisa indlela yokukhonza uYehova. Enyanisweni, yiyiphi enye indlela obunokubonisa ngayo ukuba ungumhlobo wokwenene?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndabelane nabanye ngazo.”—1 Korinte 9:23.

ICEBISO

Ukuba kukho abantwana ofunda nabo abanomdla kwiinkolelo zakho, bavumele bavakalise izimvo zabo. Baphulaphule ngenyameko. Xa uthetha nabo, thetha “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.”—1 Petros 3:15.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Uninzi lwabantu abakhonza uThixo namhlanje lwafunda iBhayibhile kubantwana ababefunda nalo esikolweni ababa nenkalipho baza bathetha ngeenkolelo zabo.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba ndivakalelwa kukuba ndingumhlobo osondeleyo nomntwana endifunda naye esikolweni, ndiza ․․․․․

Ukuba kukho umntwana ohlekisa ngeenkolelo zam, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Ucinga ukuba kutheni kulula ukuba nabahlobo esikolweni kunokuba kunjalo kwibandla lamaKristu?

● Ziziphi iingozi ezinokubakho xa uchitha ixesha elininzi nabantwana abangakholwayo ofunda nabo emva kokuphuma kwesikolo?

● Ziziphi iingenelo zokuxelela abantwana ofunda nabo ukuba uliNgqina likaYehova?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 143]

“Ndandidla ngokulinganisa abantwana basesikolweni, ngoko kwakulula ukuba nabahlobo. Kodwa ndafunda kwiimpazamo zam. Ngoku ndinabahlobo ebandleni—abahlobo endinokubathemba.”—UDaniel

[Umfanekiso okwiphepha 146]

Unokumnceda njani umntu orhaxwa ngamanzi—ngokuziphosa emanzini okanye ngokumkhupha?