Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Isini Esahlukileyo

Isini Esahlukileyo

Icandelo 1

Isini Esahlukileyo

Ubona umfana nentombazana bebambene ngezandla bethe chu kwiipaseji zasesikolweni. Uvakalelwa njani?

□ Akunamsebenzi naloo nto

□ Uyabawa

□ Uyabamonela

Xa uye kubukela ii-“movie” kunye nabahlobo bakho ufumanisa ukuba bonk’ abanye bahamba ngababini—ngaphandle kwakho! Uvakalelwa njani?

□ Akunamsebenzi naloo nto

□ Akukhululeki

□ Uyabamonela

Umhlobo wakho uthe swii ngumntu wesini esahlukileyo yaye bayathandana. Uvakalelwa njani?

□ Uvuyisana naye

□ Uyammonela

□ Uyakhathazeka

Naphi na apho ujonga khona—esikolweni, ezitratweni nakwiindawo zentengiso—ubona amantombazana ethe chu nabafana. Ngalo lonke ixesha ubabona, unqwenela ukufana nabo, ukuze kuthiwe nawe uyathandana. Kodwa ngaba ukulungele ukuthandana? Ukuba kunjalo unokumfumana njani umntu okufaneleyo? Ukuba ke umfumene loo mntu, ninokuqhubeka njani niziphethe kakuhle? Loo mibuzo iza kuphendulwa kwisahluko 1-5.

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 12, 13]