Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Siyagabadela?

Ngaba Siyagabadela?

Isahluko 4

Ngaba Siyagabadela?

Yinyaniso okanye bubuxoki . . .

Kuphosakele naninina ukuba abantu abathandanayo babambane.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

Abantu abathandanayo basenokuziphepha iintlobano zesini kodwa babe netyala lohenyuzo.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

Ukuba abantu abathandanayo abaphathaphathani ngendlela evuselela inkanuko, oko kuthetha ukuthi abathandani ngokwenene.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

NGOKUQINISEKILEYO ukhe ucinge ngezi zinto. Ngaphezu koko, xa nithandana kunokuba nzima ukwazi umda enimele ningadluli kuwo xa nibonakalisa uthando. Makhe sihlolisise ezi ngongoma zintathu zingasentla size sibone ukuba iLizwi likaThixo lisinceda njani ekuphenduleni umbuzo othi, “Ngaba siyagabadela?”

Kuphosakele naninina ukuba abantu abathandanayo babambane.

Bubuxoki. IBhayibhile ayikwaleli ukubonakalisa uthando ngendlela eyamkelekileyo necocekileyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile isixelela ngomShulamikazi nesithandwa sakhe esingumalusi. Ukuthandana kwabo kwakunyulu. Kodwa kuyabonakala ukuba kukho iindlela ezithile ababebonakalisa ngazo uthando ngaphambi kokuba batshate. (INgoma yazo iiNgoma 1:2; 2:6; 8:5) Namhlanje abantu abasele beza kutshata basenokuvakalelwa kukuba kwamkelekile ukubonakalisa uthando ngendlela ecocekileyo. a

Noko ke, abantu abathandanayo kufuneka balumke ngeyona ndlela. Ukuphuzana, ukuwolana okanye ukwenza nantoni na enokuvusa iinkanuko zesini kunokukhokelela ekuziphatheni okubi. Nabantu ebebengazimiselanga kuziphatha kakubi, banokuwela kulo mgibe.—Kolose 3:5.

Abantu abathandanayo basenokuziphepha iintlobano zesini kodwa babe netyala lohenyuzo.

Yinyaniso. Igama lantlandlolo lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uhenyuzo” (por·neiʹa) linentsingiselo ebanzi. Libhekisela kuzo zonke iintlobano zesini phakathi kwabantu abangatshatanga yaye ngokuyintloko libhekisela ekusebenziseni amalungu esini ngendlela engafanelekanga. Ngaloo ndlela, uhenyuzo asikokuba neentlobano zesini kuphela kodwa kuquka nezenzo ezifana nokuphulula amaphambili omnye omntu, ukuba neentlobano zesini emlonyeni okanye ezimpundu.

Ngaphezu koko, iBhayibhile ayigwebi uhenyuzo kuphela. Umpostile uPawulos wabhala: “Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile, uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala.” Wongezelela wathi: “Abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—Galati 5:19-21.

Kuthetha ukuthini “ukungahlambuluki”? Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ukungahlambuluki liquka ukungcola kwalo naluphi na uhlobo, intetho nezenzo. Ngokuqinisekileyo kukungcola ukufaka isandla ngaphantsi kwempahla yomnye umntu, ukukhulula omnye umntu iimpahla okanye ukumphulula amalungu afihlakeleyo, njengamabele. Ukuphulula amabele ekuthethwa ngako eBhayibhileni kubhekisela kubantu abatshatileyo kuphela.—IMizekeliso 5:18, 19.

Olunye ulutsha luyayidelela le milinganiselo yobuthixo. Lugabadela ngabom, okanye lufune ukuziphatha kakubi nabantu abahlukahlukeneyo. Abanye basenokuba netyala loko umpostile uPawulos akubiza ngokuba ‘yihambo evakalala.’ Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ihambo evakalala’ lithetha ‘ukugabadela, ukuqaqadeka nenkanuko engalawulekiyo.’ Ngokuqinisekileyo akufuni kwaziwa njengomntu ‘ongasazivayo konke konke ngokokuziphatha’ ngenxa yokuzinikela ‘kwihambo evakalala ukuze usebenze ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo lokubawa.’—Efese 4:17-19.

Ukuba abantu abathandanayo abaphathaphathani ngendlela evuselela inkanuko, oko kuthetha ukuthi abathandani ngokwenene.

Bubuxoki. Ngokwahlukileyo kwiimbono zabanye, ukuphathaphathana ngendlela evuselela inkanuko akwenzi ulwalamano lube luqilima. Kunoko, kuphelisa ukuhlonelana nokuthembana. Khawucinge ngokwenzeka kuLaura. Uthi: “Ngenye imini umfana endandithandana naye wafika ekhaya umama engekho, wahlala sabukela umabonwakude. Ekuqaleni wabamba isandla sam. Ngesiquphe nje waqalisa ukundiphathaphatha. Ndandisoyika ukumnqanda, ndicinga ukuba uza kuba nomsindo afune ukuhamba.”

Ucinga ntoni? Ngaba lo mfana wayemthanda uLaura, okanye wayefuna nje ukwanelisa inkanuko yakhe? Ngaba umntu ozama ukukuhendela kwihambo engacocekanga ukuthanda ngokwenene?

Xa inkwenkwe ihendela intombazana ekubeni yonakalise isazela sayo sobuKristu esiqeqeshiweyo, yaphula umthetho kaThixo yaye oko kubonisa ukuba ayiyithandi ngokwenene loo ntombazana. Ngaphezu koko, xa intombazana inikezela lula, ivumela ukuba ixhatshazwe. Okubi nakakhulu kukuba yenza isenzo esingcolileyo—mhlawumbi de ihenyuze. b1 Korinte 6:9, 10.

Zibekeleni Imida

Ukuba niyathandana, ninokukuphepha njani ukubonisa uthando ngendlela engafanelekanga? Elona khondo lobulumko kukubeka imida ecacileyo kwasekuqaleni. IMizekeliso 13:10 ithi: “Kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.” Ngoko thetha nalo mntu uthandana naye uchaze indlela efanelekileyo yokubonakalisa uthando. Ukulinda de nithi swii luthando ngaphambi kokubeka imida kufana nokulinda de indlu yakho itshe ngaphambi kokufaka ialam.

Ewe, ukuncokola ngombandela ontununtunu ngolo hlobo kunokuba nzima—mhlawumbi kude kwenz’ iintloni—ingakumbi xa nisaqala ukuthandana. Kodwa ukumisela imida kunokuthintela iingxaki ezinzulu ezinokuvela kamva. Loo mida ifana nealam ekhalayo xa kusitsha. Ngaphezu koko, xa nincokola ngezi zinto niya kutsho nibone enoba luya kuphumelela kusini na ulwalamano lwenu. Eneneni, ukuzeyisa, umonde nokungazingci sisiseko sokuba neentlobano zesini ezanelisayo emtshatweni.—1 Korinte 7:3, 4.

Enyanisweni, akukho lula ukunamathela kwimilinganiselo kaThixo. Kodwa unokuyithemba imilinganiselo emiselwe nguYehova. Ngaphezu koko, kuIsaya 48:17, uzichaza ‘njengaLowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.’ UYehova ufuna ukuba uphumelele!

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 24

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ukuba nyulu akuthethi ukuba kukho into ephosakeleyo ngawe. Kunoko, kulikhondo lobulumko. Isizathu soko uya kusifumana kwesi sahluko.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kwezinye iindawo ukubonakalisa uthando esidlangalaleni kwabantu abangatshatanga kujongwa njengokungabi nasimilo. AmaKristu ayakuphepha ukukhubekisa abanye.—2 Korinte 6:3.

b Oku kunokubhekisela nakwintombazana.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Uthando . . . aluziphathi ngokungandilisekanga.”—1 Korinte 13:4, 5.

ICEBISO

Phumani njengeqela, okanye niqiniseke ukuba nisoloko nikunye nomntu wesithathu. Ziphepheni iimeko ezinokuba yingozi, njengokuba nibe nedwa emotweni okanye endlwini.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Xa nithembisene ngomtshato, nifanele nithethe ngemibandela ephathelele isini. Kodwa ukuthetha ngesini ngenjongo yokuvuselela inkanuko kukungcola—enoba kusefowunini.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ndinokukuphepha ukuhendelwa ekuziphatheni okubi ngokuthi ․․․․․

Ukuba umntu endithandana naye undihendela kwihambo engcolileyo, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Yiyiphi imida onokuyibekela umntu wesini esahlukileyo?

Chaza umahluko phakathi kohenyuzo, ukungcola nehambo evakalala.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 46]

“Mna nomntu endiza kutshata naye siye safunda iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ezithetha ngokuhlala unyulu. Siyixabisa kakhulu indlela ezisincede ngayo ekugcineni izazela zethu zicocekile.”—ULeticia

[Ibhokisi ekwiphepha 44]

Kuthekani Ukuba Siye Sagabadela?

Kuthekani ukuba uye wabandakanyeka kwihambo engafanelekanga? Ungazikhohlisi ucinge ukuba unokuyilungisa wedwa le ngxaki. Omnye oselula wathi: “Ndandidla ngokuthandaza ndithi, ‘Sincede singaphindi sikwenze oku.’ Ngamanye amaxesha sasikwazi ukuzeyisa kodwa izihlandlo ezininzi asizange sikwazi.” Ngoko ke, thetha nabazali bakho. IBhayibhile inikela eli cebiso lihle: ‘Biza amadoda amakhulu ebandla.’ (Yakobi 5:14) Aba balusi bangamaKristu banokukunika isiluleko, icebiso nesohlwayo ukuze ukwazi ukuba nolwalamano oluhle noThixo kwakhona

[Imifanekiso ekwiphepha 47]

Ngaba ubuya kulinda indlu yakho itshe kuqala ngaphambi kokufaka ialam? Ngoko musani ukulinda de nithi swii luthando ngaphambi kokubeka imida yokuziphatha