Ndinokulifumana Phi Icebiso Elifanelekileyo?
Intshayelelo
Ndinokulifumana Phi
Icebiso Elifanelekileyo?Kumantombazana
Ayikho enye into oyicingayo ngaphandle kwenzwana esandul’ ukufika eklasini. Uzithethelela ngelithi ‘Ayinaxesha lam, ngoko yintoni ephosakeleyo ngokusoloko ndicinga ngayo?’ Ngaphezu koko asinguwe wedwa othe swii yile nkwenkwe. Onke amantombazana athe phithi yiyo. Kaloku namanye amantombazana asoloko ethetha ngayo.
Kuthi kusenjalo ningqamane ngamehlo. Uyibhaqa ikuthe ntsho itsho ngolo ncumo luhle. Nawe uyancuma. Emva koko iyasondela.
Izenza manyonywana ithi: “Molo.”
Uphendule uthi: “Ewe.”
“NdinguVuyo.”
Ngomothuko uthi “Usandul’ ukufika apha andithi?”
“Intsapho yakuthi ifudukele apha kwiiveki ezimbalwa ezidluleyo.”
Unemincili kuba uVuyo ethetha nawe!
UVuyo uthi: “Kuza kubakho itheko ekhaya ukuphuma kwesikolo. Ndicela ubekho nawe.”
Emva koko ukuqwabazel’ iliso.
Aze athi: “Jonga, abazali bam abakho, yaye kweli theko kuza kube kukho notywala. Uza kuza andithi?”
UVuyo ulindele impendulo. Enye intombazana ngekudala ivumile!
Uza kuthini?
Kumakhwenkwe
Kuthi gqi abantwana ababini ofunda nabo. Kuthi ngo uvalo kuba kule veki sebezame kabini ukukuhendela ekubeni utshaye. Ngoku iza kuba kokwesithathu.
Inkwenkwe yokuqala ithi: “Usahleli wedwa nangoku? Kukho umhlobo wam endifuna umazi.” Iqwabaz’ iliso ize ithi rhuthu nto ithile epokothweni.
Ngoko nangoko uyabona ukuba ikhupha icuba. Uvalo lutsho lungongoze ngamandla.
Uthi: “Bafondini, bendinixelele nje ukuba andi . . .”
Inkwenkwe yesibini ikubeth’ emlonyeni ithi: “Yilaa cawa yakowenu andithi? Anikwazi nokukhe nonwabe!”
Leya yokuqala ikugculela ngelithi: “Uligwala ndiyakubona!”
Uyaziqinisa uze uthi: “Andenziwa bubugwala!”
Emva koko eny’ inkwenkwe ikubamb’ egxeni. Iyakucenga ithi, “Khawuthi mpaku nje kube kanye.”
Leya yokuqala isondeza umdiza kuwe ize ngeliphantsi ithi: “Asizukuxelela mntu. Akukho mntu uza kwazi ukuba ukhe watshaya.”
Uza kwenza ntoni?
EZI zinto zenzeka yonk’ imihla phantse kuyo yonk’ indawo. Noko ke, olunye ulutsha luye lwaxhotyiswa ukuze lukwazi ukuhlangabezana nezilingo ezinjalo. Xa inkwenkwe ihendelwa ukuba itshaye, isenokuthi: ‘Andifuni kunikezela, kodwa ndidikiwe kukugculelwa. Ndibawela ukubabonisa ukuba “ndiyafana” nabo.’ Intombazana ecelwa ngumfana ukuba baye kubethwa ngumoya kunye isenokuthi: ‘Mhle. Kutheni ndingenakuvuma nokuba kukanye nje?’
Kwelinye icala, ulutsha oluninzi luye lwaqeqeshwa ukuba lukwazi ukumela iinkolelo zalo. Ngenxa yoko—nangona isenokungakholeleki loo nto—luyakwazi ukuxhathisa xa luphenjelelwa ukuba lwenze izinto eziphosakeleyo. Ngaba ungathanda ukufana nalo? Okuvuyisayo kukuba, ungakwazi ukufana nalo! Njani?
IBhayibhile inokukunceda ukwazi ukuhlangabezana neengxaki zobutsha. Inawona macebiso aluncedo kuba iliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. (2 Timoti 3:16, 17) Ziziphi iingxaki enokukunceda kuzo iBhayibhile? Jonga uludwe olungezantsi uze ufake olu phawu ✔ kwimixholo onomdla ngokukhethekileyo kuyo.
□ Utshintsho olwenzeka emzimbeni
□ Abahlobo
□ Imali
□ Abazali
Njengoko uya kubona kwiphepha 4 nelesi-5, le mibandela ingasentla ixutyushwa kumacandelo asithoba ale ncwadi. Yiyiphi onomdla kuyo? Usenokuqala ufunde amacandelo onomdla kuwo. Imigaqo yeBhayibhile inokukunceda kwinkalo nganye yobomi. Le ncwadi iza kukubonisa indlela enokukunceda ngayo. a
Kule ncwadi kukho neendawo onokubhala kuzo izimvo zakho. Ngokomzekelo, ngasekupheleni kwesahluko ngasinye, kukho ibhokisi ethi “Oko Ndiceba Ukukwenza!” Kule bhokisi ukhuthazwa ukuba ubhale indlela oza kuzisebenzisa ngayo izinto ozifundileyo. Kukho amaphepha onokubhala kuwo oko ukucingayo—njengephepha 132 ukusa kwele-133 elinomxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga”—naya kukunceda ucinge ngendlela onokuhlangabezana ngayo neengxaki ojamelana nazo. Ukongezelela, ekupheleni kwecandelo ngalinye lale ncwadi kukho iphepha elinomxholo othi “Uluvo Lwam,” onokubhala kulo indlela ochaphazeleka ngayo koko kuxutyushwe kwelo candelo. Kwicandelo ngalinye lale ncwadi kukho nomxholo othi “Umzekelo Omhle.” Kule mixholo kuxutyushwa ngabantu abahlukahlukeneyo esinokubaxelisa, ekuthethwa ngabo eBhayibhileni.
IBhayibhile iyakubongoza: “Zuza ubulumko, zuza ukuqonda.” (IMizekeliso 4:5) Igama elithi “ubulumko” nelithi “ukuqonda” akathethi nje ngokwazi okulungileyo nokubi. Kufuneka ube nembono ephangaleleyo. Ngokomzekelo, ukwazi oko kuya kwenzeka xa usenza okubi nemivuzo oya kuyifumana ngokwenza okulungileyo, kuya kukunceda ukwazi ukumelana nengcinezelo yoontanga ngenkalipho.
Qiniseka: Enoba zinzima kangakanani na iingxaki onazo, akuwedwa. Bakho nabanye abaye batyhubela kwiingxaki ezifanayo yaye baye bazoyisa. Nawe unokwenza okufanayo! Sebenzisa uMqulu 2 wencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo. Iya kukunceda ubone ukuba yiBhayibhile kuphela enamacebiso anokukunceda uphumelele!
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanqaku amaninzi ale ncwadi athatyathwe kumanqaku kaVukani! abakho rhoqo anomxholo othi “Abantu Abaselula Bayabuza,” iphephancwadi elipapashwa ngamaNgqina kaYehova.