Kutheni Ndifanele Ndiphile Ngemilinganiselo YeBhayibhile?
Isahluko 34
Kutheni Ndifanele Ndiphile Ngemilinganiselo YeBhayibhile?
Utya isidlo sasemini namantombazana amabini ofunda nawo esikolweni, kuze kungene inkwenkwe esandul’ ukufika.
Enye ithi kuwe: “UVuyo uyakuthanda. Ndibona indlela akujonge ngayo. Ukuthe ntsho!”
Enye iyakuhlebela ithi: “Uyazi yintoni, akanantombi!”
Ubusele uyibonile loo nto. Kaloku uVuyo ubekhe wakumemela kwitheko lakowabo. Kodwa, akukhange uvume, nangona ubunomnqweno wokwazi ukuba bekuza kuba njani.
Uthi usacinga uphazanyiswe yeny’ intombazana.
Ithi: “Akwaba bendingenamntu ndithandana naye. Bendingazukumyeka uVuyo.”
Yandula ke ikujonge, imangalisiwe. Ikubuza umbuzo obuwulindele.
Ithi: “Kutheni ungenamntu uthandana naye nje?”
Uyakoyikisa lo mbuzo! Kuba enyanisweni, uyakufuna ukuthandana. Kodwa uye waxelelwa ukuba ufanele ulinde de ulungele ukutshata ngaphambi kokuba uqalise ukuthandana. Kungenxa . . .
“Yecawa yakho, andithi?” itsho enye intombazana.
Ngaphakathi uthi, ‘Ebeyibona kanti into endiyicingayo?’
Ngeligculelayo ithi: “Ayikho eny’ into oyicingayo ngaphandle kwale Bhayibhile. Kutheni ungakhe wonwabe nje?”
NGABA wakha wagculelwa kuba uzama ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile? Ukuba kunjalo, mhlawumbi wawuzibuza enoba kukho into ekuphosayo kusini na. UDeborah oselula wayevakalelwa ngaloo ndlela. Uthi: “Imilinganiselo yeBhayibhile yayingathi ingqongqo gqitha. Ndandibona ngathi abahlobo bam basesikolweni baphila kamnandi.”
Ukufunda Kwimizekelo Yabanye
Akuyomfuneko ukuba ufunde kabuhlungu. Eneneni, kububulumko yaye neZibhalo ziyakukhuthaza ukufunda kwiimpazamo zabanye, njengomdumisi uAsafu. Wakha wavakalelwa kukuba imilinganiselo kaThixo ingqongqo gqitha. Kodwa xa ehlolisisa ihambo yabo bashiya iindlela zikaThixo wafunda okuthile. Kamva uAsafu wagqiba ngelithi ‘basemhlabeni omtyibilizi.’—INdumiso 73:18.
Unoko engqondweni, khawuve la magqabaza olutsha olwakha lwayeka ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile lwaza lwaziphatha kakubi ngokwesini.
● Yintoni eyayiphembelela indlela ocinga ngayo nezinto owawuzenza?
UDeborah: “Esikolweni wonke umntu wayethandana, yaye babekhangeleka bonwabile. Xa ndikunye nabo ndize ndibabone bephuzana yaye besangana, ndandibawa ndize ndizive ndililolo. Ndandidla ngokucinga ngomfana othile endimthandayo. Oku kwakundenza ndifune ukuba kunye naloo mfana.”
UMike: “Ndandifunda iincwadi yaye ndibukela iinkqubo ezikhuthaza ukuziphath’ okubi. Ukuthetha ngesini nabahlobo bam kwandenza ndafuna ukwazi okungakumbi. Ngenye imini ndandihleli nenye intombazana, yaye ndacinga ukuba singaphathaphathana kodwa singabi nantlobano zesini.”
UAndrew: “Ndandidla ngokubukela imifanekiso engamanyala kwi-Internet. Ndaqalisa ukuzintyintya ngotywala. Yaye ndandihamba amatheko kunye nolutsha olungayihloneliyo imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile.”
UTracy: “Ndandisazi ukuba kuphosakele ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, kodwa ndandingakuthiyanga. Ndandingazimiselanga ukuba neentlobano zesini, kodwa iimvakalelo zam zandoyisa. Kangangethuba, isazela sam sasingasasebenzi.”
● Ngaba yayikonwabisa indlela owawuphila ngayo?
UDeborah: “Ekuqaleni, ndaziva ndikhululekile yaye ndandivuyiswa kukuba ekugqibeleni ndide ndafana noontanga. Kodwa andizange ndonwabe ixesha elide. Ndaqalisa ukuziva
ndingcolile, ndingekho nyulu, yaye ndandingonwabanga. Ndandizisola ngeyona ndlela kuba ndiphulukene nobunyulu.”UAndrew: “Kwaya kusiba lula nangakumbi ukwanelisa iminqweno ephosakeleyo. Kodwa kwangaxeshanye, ndandinesazela yaye ndingonwabanga.”
UTracy: “Ukuziphatha okubi konakalisa ubomi bam. Ndandicinga ukuba mna nesithandwa sam siza konwaba. Asizange sonwabe. Ekugqibeleni sakhathazana. Ndandilila ubusuku bonke, ndizisola kuba ndingakhange ndenze izinto ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova.”
UMike: “Ndandivakalelwa kukuba ndiphulukene nokuthile. Ndazama ukungayikhathaleli indlela ababechaphazeleka ngayo abanye ngenxa yezenzo zam, kodwa andizange ndikwazi. Ndaba buhlungu ukubona abanye bekhathazeka kuba nje mna ndifuna ukonwaba.”
● Ungathini kulutsha olucinga ukuba imilinganiselo yeBhayibhile yokuziphatha ingqongqo gqitha?
UTracy: “Phila ngemilinganiselo kaYehova uze unxulumane nabantu abaphila ngayo. Ngaloo ndlela uya konwaba.”
UDeborah: “Khumbula ukuba, izenzo zakho azichaphazeli wena kuphela. Ziya kuchaphazela nabanye. Yaye ukuba uyalityeshela icebiso likaThixo, uya kuzenzakalisa.”
UAndrew: “Xa ungenamava ucinga ukuba oontanga bakho baphila kamnandi. Baya kukuphembelela. Ngoko bakhethe
ngobulumko abahlobo. Thembela kuYehova ukuze ungazisoli.”UMike: “Phakathi kwezinye izinto ezibalulekileyo uYehova akuphe zona sisidima nobunyulu. Ukulahlekelwa zezo zipho kuba nje ungakwazi ukuzibamba, kukuzithoba isidima. Thetha nabazali bakho nabanye abantu abaqolileyo ngeengxaki zakho. Xa wenze impazamo, thetha ngayo uze uyilungise ngokukhawuleza. Xa usenza izinto ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, uya kuba noxolo.”
Imilinganiselo YeBhayibhile—Ngaba Ingqongqo Gqitha Okanye Iyakhusela?
UYehova ‘nguThixo onoyolo’ yaye ufuna nawe wonwabe. (1 Timoti 1:11; INtshumayeli 11:9) Imilinganiselo eseBhayibhileni yeyokuba kungenelwe wena. Liyinyaniso elokuba, unokuyibona ingqongqo gqitha kangangokuba uzive ungenankululeko. Kodwa eneneni, imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile iyakhusela njengebhanti elisemotweni elikhusela abantu abakhwele kuyo.
Ngokuqinisekileyo, unako ukuyithemba iBhayibhile. Ukuba uphila ngemilinganiselo yayo, akuyi kuvuyisa uYehova kuphela kodwa nawe uya kungenelwa.—Isaya 48:17.
Unokuba ngumhlobo kaThixo. Fumanisa indlela ongakwenza ngayo oku.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.”—Isaya 48:17.
ICEBISO
Cinga ngendlela obuya kuyithethelela ngayo imilinganiselo yeBhayibhile kumntwana wakowenu ongaphantsi kuwe. Xa uthetha ngeenkolelo zakho ziyahlala entliziyweni.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ulwalamano lwakho noYehova unokulonakalisa nje ngomzuzwana, kodwa kuthabatha iminyaka ukuze uphinde ube nolwalamano oluhle naye.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndikwazi ukuqonda ukuba ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile kububulumko, ndiza ․․․․․
Ukuba ndiqalisa ukubawela ubomi obuphilwa ngabantu behlabathi, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Xa ucinga ngemiphumo yokungathobeli imithetho kaThixo, kutheni kungebobulumko ukufunda kabuhlungu?
● Ufunda ntoni koko kuthethwe nguDeborah, uMike, uAndrew noTracy?
● Kutheni abanye becinga ukuba imilinganiselo yeBhayibhile ingqongqo gqitha, yaye kutheni kungekho ngqiqweni ukucinga ngolo hlobo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 285]
“Ukoyika ukohlwaywa ngenxa yesono osenzileyo akukho buhlungu ngaphezu kokuzama ukusifihla.”—UDonna
[Imifanekiso ekwiphepha 288]
Imilinganiselo yeBhayibhile ayikwenzi ungonwabi; iyakukhusela