Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuba Ngumhlobo KaThixo Njani?

Ndinokuba Ngumhlobo KaThixo Njani?

Isahluko 35

Ndinokuba Ngumhlobo KaThixo Njani?

Emva kokwehlelwa yinto ebuhlungu uJeremy wabona indlela ekubaluleke ngayo ukuba nolwalamano noThixo. Uthi: “Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, utata wemka ekhaya. Ngobunye ubusuku ndathandaza kuYehova, ndicela ukuba abuyise utata.”

Kuba ekuloo ntlungu, uJeremy waqalisa ukufunda iBhayibhile. Xa wayefunda INdumiso 10:14, wachukumiseka gqitha. Loo ndinyana ithi ngoYehova: “Uzinikela kuwe lowo unelishwa, inkwenkwe engenayise. Wena ungumncedi wayo.” UJeremy uthi: “Kwakungathi uYehova uthetha nam, uthi ungumncedi wam; unguBawo. Bendinokumfumana phi na omnye ubawo onjengaye?”

ENOBA ukwimeko efana nekaJeremy okanye akunjalo, iBhayibhile ibonisa ukuba uYehova ufuna ube ngumhlobo wakhe. Eneneni, iBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Cinga ngoko kuthethwa ngala mazwi: Nangona ungenakumbona—yaye engalingani nawe—uYehova uThixo ucela ukuba ube ngumhlobo wakhe!

Kodwa xa ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo kufuneka wenze okuthile. Ngokomzekelo: Ukuba unesityalo uyazi ukuba asisuki sizikhulele nje. Ukuze sikhule, ufanele usinkcenkceshele rhoqo uze usibeke kwindawo efanelekileyo. Kunjalo ke naxa ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo. Unokulukhulisa njani olo lwalamano?

Ukubaluleka Kokufunda

Xa abantu bengabahlobo bayathetha yaye bayaphulaphulana. Kunjalo ke nangokuba nolwalamano noThixo. Xa sifunda iBhayibhile siphulaphula oko uThixo asixelela kona.—INdumiso 1:2, 3.

Liyinyaniso elokuba, usenokuba akukuthandi ukufunda. Abantu abaninzi abaselula bathanda ukubukela umabonwakude, ukudlala imidlalo yevidiyo okanye ukubutha nabahlobo. Kodwa xa ufuna ukuba nolwalamano noThixo, akukho ndlela yimbi. Ufanele umphulaphule ngokufunda iLizwi lakhe.

Kodwa ke, ungakhathazeki. Ukufunda iBhayibhile akumele kube ngumthwalo onzima. Unokufunda ukukuthanda—nokuba akukuthandi ukufunda. Into yokuqala ofanele uyenze kukuzenzela ucwangciso lokufunda iBhayibhile. Intwazana egama linguLais ithi: “Ndizenzele ucwangciso. Ntsasa nganye ndifunda isahluko esinye seBhayibhile.” UMaria, oneminyaka eli-15 ubudala, unocwangciso olwahlukileyo. Uthi: “Ndifunda iindinyana ezimbalwa zeBhayibhile ngaphambi kokuba ndilale.”

Ukuze uzenzele olwakho ucwangciso, qwalasela  ibhokisi ekwiphepha 292. Emva koko, bhala apha ngezantsi ixesha onokufunda ngalo iLizwi likaThixo, uchitha imizuzu nje engama-30.

․․․․․

Ukuzibekela ixesha sisiqalo nje. Xa sele uqalisile ukuyifunda, uya kuzibonela ukuba akulula kangako ukufunda iBhayibhile. Unokuvumelana noJezreel, oneminyaka eli-11 ubudala, uthi, “Kunzima ukuziqonda ezinye iindawo eBhayibhileni yaye ezinye azibangeli mdla.” Ukuba uvakalelwa ngaloo ndlela, musa ukudimazeka. Xa ufunda iBhayibhile uphulaphula uYehova uThixo, ongumhlobo wakho. Ekugqibeleni, uya kuba nomdla wokufunda iBhayibhile uze ungenelwe.

Kubalulekile Ukuthandaza

Xa sithandaza sithetha noThixo. Cinga ngendlela esixabiseke ngayo isipho somthandazo! Unokuthetha noYehova uThixo nanini na, emini okanye ebusuku. Uhlala ekulungele ukuphulaphula. Ngaphezu koko, ufuna ukwazi oko ufuna ukukuthetha. Yiloo nto iBhayibhile isibongoza: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.”—Filipi 4:6.

Njengokuba esi sibhalo sibonisa, zininzi izinto onokuthetha ngazo noYehova. Ezo zinto zinokuquka iingxaki nezinto ezikuxhalabisayo. Zinokuquka nezinto onombulelo ngazo. Ngapha koko, ngaba akudli ngokubabulela abahlobo bakho ngezinto abakwenzele zona? Unokwenza okufanayo nakuYehova, okwenzele izinto ezininzi ngaphezu kwabahlobo bakho.—INdumiso 106:1.

Bhala apha ngezantsi izinto ombulela ngazo uYehova.

․․․․․

Alithandabuzeki elokuba zikho izinto ezikhe zikuxhalabise. INdumiso 55:22 ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”

Bhala apha ngezantsi, izinto ezikuxhalabisayo ongathanda ukuzithandazela.

․․․․․

Amava Obuqu

Kukho enye into omele uyikhumbule ngolwalamano lwakho noThixo. Umdumisi uDavide wabhala: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” (INdumiso 34:8) Xa uDavide wabhala iNdumiso yama-34, wayesandul’ ukwehlelwa yinto eyoyikisayo. Wayebaleka uKumkani uSawule owayefuna ukumbulala—enjani yona ukuba buhlungu into. Kodwa indawo awayebalekele kuyo yayineentshaba zakhe ezingamaFilisti. Kuba ejamelene nokufa, uDavide waziphambanisa waza wasinda.—1 Samuweli 21:10-15.

UDavide akazange acinge ukuba usindiswe bubukrelekrele bakhe. Kunoko waqonda ukuba usindiswe nguYehova. Ngaphambilana kwindumiso ekhankanywe ngasentla, wabhala: “Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula, yaye wandihlangula kwizinto ezindothusayo.” (INdumiso 34:4) Ngenxa yaloo mava, uDavide wabongoza abanye ukuba ‘bangcamle babone ukuba uYehova ulungile.’ a

Ngaba ungacinga ngoko kuye kwenzeka ebomini bakho okuye kwabonisa ukuba uYehova ukukhathalele? Ukuba kunjalo, kubhale ngezantsi. Akukho mfuneko yokuba ide ibe yinto enkulu. Cinga ngeentsikelelo ozifumana mihla le, ekusenokwenzeka ukuba uzigqala njengezingabalulekanga.

․․․․․

Mhlawumbi ufundiswe ngabazali bakho iBhayibhile. Ukuba kunjalo, yintsikelelo leyo. Sekunjalo, ufanele ube nolwalamano noThixo. Ukuze ube nolo lwalamano, sebenzisa amacebiso akwesi sahluko. UYehova uya kuyisikelela imigudu yakho. IBhayibhile ithi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana.”—Mateyu 7:7.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 38 NESAMA-39

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba ukufumanisa kunzima ukuthetha nabanye ngoThixo? Funda ngendlela onokuzimela ngayo iinkolelo zakho.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ezinye iiBhayibhile ziguqulele ibinzana elithi “ngcamlani nibone” ngokuthi “ziboneleni,” “zifumaneleni ngokwenu,” nangokuthi “niza kuzibonela kumava.”IContemporary English Version, iToday’s English Version, neThe Bible in Basic English.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

ICEBISO

Xa unokufunda amaphepha amane eBhayibhile suku ngalunye, unokuyigqiba kwisithuba esingangonyaka.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukuba nale ncwadi nokulandela isiluleko sayo esisekelwe eBhayibhileni kubonisa ukuba uYehova unomdla kuwe.Yohane 6:44.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndingenelwe xa ndifunda iBhayibhile, ndiza ․․․․․

Ukuze ndikwazi ukuthandaza rhoqo, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Unokwenza njani ukuze ukuthande ukufunda iBhayibhile?

● Kutheni uYehova efuna ukuphulaphula imithandazo yabantu abangafezekanga?

● Unokuyiphucula njani imithandazo yakho?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 291]

“Xa ndandisemncinane, ndandiphindaphinda into enye xa ndithandaza. Ngoku ndithandaza ngezinto ezivuyisayo nezibuhlungu eziye zenzeka ngolo suku. Ekubeni iimini zingafani, oku kundenza ndingathethi ngento enye qho.”—UEve

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 292]

 Yihlolisise IBhayibhile Yakho

1. Khetha ingxelo yeBhayibhile ongathanda ukuyifunda. Thandazela ubulumko bokuyiqonda loo nxalenye.

2. Yifunde ngenyameko loo ngxelo. Musa ukungxama. Njengoko ufunda, yiba nomfanekiso-ngqondweni. Yiba ngathi ukuloo ndawo yaye uyakubona oko kwenzekayo, yiva amazwi abantu ekuthethwa ngabo, yiva ivumba, uze ungcamle noko kutya. Yiba nombono woko kwenzekayo!

3. Cinga ngoko usandul’ ukukufunda. Zibuze imibuzo enjengale:

● Kutheni uYehova eyiqukile le ngxelo kwiLizwi lakhe?

● Ngabaphi abantu endinokubaxelisa, yaye ngoobani endimele ndilumkele ukufana nabo?

● Ndifunda ntoni koku?

● Le ngxelo indifundisa ntoni ngoYehova nangendlela enza ngayo izinto?

4. Yenza umthandazo omfutshane kuYehova. Mxelele ngoko ukufunde eBhayibhileni nendlela oceba ukukusebenzisa ngayo ebomini bakho. Hlala umbulela uYehova ngesipho akuphe sona—iLizwi lakhe, iBhayibhile eNgcwele!

[Umfanekiso]

“Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.”—INdumiso 119:105.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 294]

Qala Ngezinto Ezibalulekileyo

Ngaba uxakeke kakhulu kangangokuba akunaxesha lokuthandaza, nelokufunda iBhayibhile? Oko kudla ngokuxhomekeka kwindlela ozigqala ngayo izinto ezibalulekileyo.

Zama oku: Thatha iemele, uze ufake amatye amakhulu. Emva koko yizalise ngesanti. Le emele izele ngamatye nesanti.

Phinda uwakhuphe la matye nesanti. Ngoku faka isanti kuqala, ugqibele ngamatye. Akusekho ndawo, akunjalo? Oku kubangelwa kukuba ngoku uqale wagalela isanti.

Sifunda ntoni koku? IBhayibhile ithi: “Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.” (Filipi 1:10) Ukuba uqala ngokwenza izinto ezingabalulekanga ezifana nokuzonwabisa, akunakufumana xesha lokwenza izinto ezibalulekileyo—izinto zokomoya. Kodwa xa ulandela ulwalathiso oluseBhayibhileni, uya kufumanisa ukuba unalo ixesha lezinto zokomoya, kwakunye nexesha lokuzonwabisa. Kuxhomekeke kwinto oyifaka kuqala kwi-emele yakho!

[Umfanekiso okwiphepha 290]

Njengesityalo, ulwalamano noThixo lufanele lunyanyekelwe ukuze lukhule