Ndinokulumela Njani Ukholo Lwam KuThixo?
Isahluko 36
Ndinokulumela Njani Ukholo Lwam KuThixo?
Yintoni engakuthintela ekuthetheni nomntwana ofunda naye esikolweni ngokholo lwakho?
□ Kukungayazi kakuhle iBhayibhile
□ Kukoyika ukuhlekwa
□ Kukungayazi indlela yokuqalisa incoko
Yiyiphi indlela yokuthetha ngokholo lwakho enokuba lula kuwe?
□ Kukuthetha nomfundi omnye
□ Kukuthetha phambi kweklasi
□ Kukubhala isincoko ngeenkolelo zam ezisekelwe eBhayibhileni
Bhala igama lomntwana ofunda naye ocinga ukuba angasabela kakuhle xa nincokola ngeBhayibhile, ukuba ubuyazi indlela ongaqalisa ngayo incoko. ․․․․․
KUSENOKWENZEKA ukuba abantwana ofunda nabo abathandi ukuthetha ngoThixo. Ukuba ungathetha nje ngenye into—ezemidlalo, iimpahla, abantu besini esahlukileyo—ningaba nengxubusho ebangel’ umdla. Kodwa thetha nje ngoThixo, abantu basenokuthi cwaka.
Oku akuthethi ukuba oontanga bakho abakholelwa kuThixo; ulutsha oluninzi luyakholelwa kuye. Kodwa olunye luba neentloni zokuthetha ngalo mbandela. Lunokuthi: “Akubangeli mdla oko.”
Kuthekani Ngawe?
Siyaqondakala isizathu sokuba ube madolw’ anzima ukuthetha nabantwana ofunda nabo ngoThixo. Akakho umntu ofuna ukungathandwa, yaye asikuthandi nokuhlekwa! Ngaba oku kungenzeka xa uthetha ngokholo lwakho? Kungenzeka. Kwelinye icala, oontanga bakho bangakumangalisa. Abaninzi kubo bafuna iimpendulo kumbuzo onjengothi: Liza kuphelela phi eli hlabathi? nothi Kutheni kukho iingxaki ezingaka nje? Oontanga bakho bangathanda ukuyixubusha nomntu olingana nabo le mibandela kunokuba baxubushe nomntu omdala.
Sekunjalo, kusenokuba nzima ukuthetha noontanga ngonqulo. Kodwa ke, akukho mfuneko yokuba ubonakale njengomntu onenzondelelo yempambano,
kungekho mfuneko yakuba nexhala lokuba uza kuthetha into engachananga. Ukuthetha ngokholo lwakho kunokufana nokudlala isixhobo somculo. Ngaba kuba nzima ekuqaleni? Kusenokwenzeka. Kodwa xa uqhubeka usidlala eso sixhobo kuba lula ngakumbi, yaye imizamo yakho iya kuba nemiphumo emihle. Kodwa ke, unokuyiqalisa njani incoko?Unokuyiqalisa ngento ekulula ukuthetha ngayo. Ngokomzekelo, xa kukho into ekuthethwa ngayo esikolweni, unokuchaza imbono yakho esekelwe eZibhalweni. Okanye unokuzama ukuthetha nje nomntwana omnye. Olunye ulutsha olungamaKristu lusuka lubeke nje incwadi esekelwe eBhayibhileni phezu kwedesika ukuze itsale ingqalelo yabanye. Oku kudla ngokubatsala abanye kuze kuqaliswe incoko!
Yiyiphi kwezi ndlela onokuzama ukuyisebenzisa? ․․․․․
Ngaba unokucinga ngenye indlela yokuthetha ngokholo lwakho nomntwana ofunda naye? Ukuba ikho, yibhale apha ngezantsi.
․․․․․
Maxa wambi umsebenzi othile wesikolo unokuvelisa ithuba lokuba unikele ubungqina ngokholo lwakho. Ngokomzekelo, unokwenza ntoni xa kuthethwa ngendaleko? Unokuyithethelela njani inkolelo yakho kwindalo?
Ukumela Indalo
URyan oselula uthi: “Xa kwakuthethwa ngendaleko esikolweni ndaphawula ukuba kuthethwa ngento eyahlukileyo kuleyo ndandiyifundisiwe. Yayichazwa ngokungathi iyinyaniso, nto leyo yayindoyikisa.” Intwazana egama linguRaquel ithetha into efanayo. Ithi: “Ndoyika xa utitshalakazi wezifundo zentlalo esithi kwisifundo esilandelayo siza kufunda ngendaleko. Ndandisazi ukuba ndifanele ndichazele iklasi ngoko ndikukholelwayo ngalo mba kuphikiswanayo ngawo.”
Uvakalelwa njani xa kuthethwa ngendaleko eklasini? Uyakholelwa ukuba uThixo “wadala zonke izinto.” (ISityhilelo 4:11) Uyabubona ubungqina bokuba izinto zayilwa ngumntu okrelekrele. Kodwa iincwadi zesikolo zithi ubomi babakho ngendaleko yaye notitshala wakho uthetha into efanayo. Ndingubani ke mna ukuba ndingaphikisana “neengcali”?
Qiniseka ukuba asinguwe wedwa ovakalelwa ngale ndlela ngendaleko. Eneneni, kwanezinye izazinzulu azivumelani nayo. Kunjalo nangootitshala abaninzi nangabanye abantwana.
Sekunjalo, ukuze ukwazi ukumela ukholo lwakho kwindalo, ufanele ukwazi oko iBhayibhile ikufundisayo ngalo mbandela.
Akukho mfuneko yakuphikisana nabanye ngezinto iBhayibhile engathethi ngazo ngokungqalileyo. Nantsi eminye imizekelo.Incwadi yam yesikolo yenzululwazi ithi umhlaba nommandla wesijikelezi-langa uneminyaka engamawaka ezigidi ukho. IBhayibhile ithi umhlaba nendalo iphela wawukho ngaphambi kosuku lokuqala lokudala. Ngoko ke, kusenokwenzeka ukuba umhlaba nommandla wesijikelezi-langa uneminyaka engamawaka ezigidi ukho.—Genesis 1:1.
Utitshala wam uthi akunakwenzeka ukuba umhlaba wadalwa ngeentsuku nje ezintandathu. IBhayibhile ayithi iintsuku ezintandathu zokudala ziiyure ezingama-24 zokoqobo.
Eklasini bekuthethwa ngemizekelo eliqela yendlela izilwanyana nabantu abatshintsha ngayo baza baba zezinye izinto emva kwexesha elithile. IBhayibhile ithi uThixo wadala izinto eziphilayo “ngohlobo lwazo.” (Genesis 1:20, 21) Ayiyixhasi ingcamango yokuba ubomi babakho ngamabona-ndenzile okanye uThixo wadala iseli enye. Sekunjalo, ‘kuhlobo’ ngalunye kusenokubakho iindidi ezahlukahlukeneyo. Ngoko ke, iBhayibhile iyavuma ukuba lunokubakho utshintsho “kuhlobo” ngalunye.
Xa ucinga ngoko kuye kwaxutyushwa kwesi sahluko, ungaphendula njani xa utitshala wakho okanye omnye wabantwana ofunda nabo esithi:
“Inzululwazi ingqina ukuba sabakho ngendaleko.” ․․․․․
“Andikholelwa kuThixo kuba andimboni.” ․․․․․
Qiniseka Ngeenkolelo Zakho!
Ukuba abazali bakho bangamaKristu, unokukholelwa kwindalo kuba nje ukhule ufundiswa oko. Kodwa ke, ekubeni ngoku sele umdadlana, ufuna ukukhonza uThixo ‘ngokwamandla akho engqiqo,’ unesiseko esiqinileyo seenkolelo zakho. (Roma 12:1) Ngenxa yoko, zibuze, ‘Bubuphi ubungqina endinabo bokuba uMdali ukho?’ Xa ecinga ngomzimba womntu, uSam oneminyaka eli-14 ubudala uvakalelwa ngale ndlela: “Untsonkothe ngokwenene, yaye onke amalungu awo asebenza kunye ngolungelelwano. Akunakwenzeka ukuba umntu wabakho ngendaleko!” UHolly oneminyaka eli-16 ubudala uyavumelana noSam. Uthi: “Emva kokufumanisa ukuba ndinesifo seswekile, ndiye ndafunda lukhulu ngendlela umzimba osebenza ngayo. Ngokomzekelo, iyamangalisa indlela elisebenza ngayo ilungu elincinane, udakada, ukugcina igazi namanye amalungu esebenza.”
Ngezantsi, dwelisa izinto ezintathu ezikwenza uqiniseke ukuba uMdali ukho.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
Akukho mfuneko yakuziva uneentloni kuba ukholelwa kuThixo nakwindalo. Xa ucinga ngabo bonke ubungqina, kusengqiqweni ukukholelwa ukuba thina bantu sadalwa ngumntu okrelekrele.
Ngoko ke, eyona nto ingumnqa yingcamango yendaleko efundisa ukuba izinto zazenzekela! Emva kokuba ucingisise ngalo mbandela, usebenzisa amandla akho engqiqo, uya kukwazi ukulumela ukholo lwakho kuThixo.
Ubona oontanga bakho bebhaptizwa. Ngaba nawe sele ukulungele ukubhaptizwa?
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.”—Roma 1:16.
ICEBISO
Yilumkele indlela oma ngayo xa uthetha ngeenkolelo zakho. Ukuba ukhangeleka uneentloni, oontanga banokukuhleka. Kodwa ukuba uthetha uzithembile—ngendlela abantwana ofunda nabo abathetha ngayo xa bethetha ngezimvo zabo—baza kukuhlonela.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Maxa wambi xa ootitshala becelwa ukuba bacacise ngendaleko, baye bangakwazi yaye loo nto ibenza baqonde ukuba le ngcamango bayikholelwa nje kuba bafundiswa ngaloo ndlela.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndiqalise incoko yeBhayibhile nomntwana endifunda naye esikolweni, ndiza ․․․․․
Xa ndibuzwa isizathu sokuba ndikholelwe kuMdali, ndiza kuthi ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni kubalulekile ukuthetha nabanye ngoko ukukholelwayo?
● Ziziphi ezinye iindlela ekunokuba lula ukuzisebenzisa esikolweni xa uthetha ngenkolelo yakho kwindalo?
● Unokulubonisa njani uxabiso ngaLowo udale zonke izinto?—IZenzo 17:26, 27.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 299]
“Sithi sodwa abanokusebenza intsimi yasesikolweni.”—UIraida
[Umfanekiso okwiphepha 298]
Ukuthetha ngokholo lwakho kufana nokudlala isixhobo somculo, kufuna ubuchule—xa ukwenza rhoqo uba nabo obo buchule
[Umfanekiso okwiphepha 300, 301]
Uloyiko lokumela iinkolelo zakho lunokuphela