Ndiza Kwenza Ntoni Ngobomi Bam?
Isahluko 38
Ndiza Kwenza Ntoni Ngobomi Bam?
“Ekuqaleni ndandingazikhathazi ngekamva. Kodwa xa ndandisele ndiza kugqiba esikolweni, ndaqonda ukuba ndikhulile, kuza kufuneka ndiphangele. Yaye kuza kufuneka ndihlawule amatyala.”—UAlex.
MASITHI uceba ukuthabatha uhambo olumgama nekhaya lakho. Mhlawumbi uqala ujonge imaphu ukuze ubone indlela eya apho. Kunjalo ke naxa uceba ikamva lakho. Omnye umfana ogama linguMichael, okhonza kwelinye lamasebe amaNgqina kaYehova uthi: “Ziba ninzi izinto onokukhetha kuzo.” Uza kukhetha yiphi ke kwezo zinto? UMichael uthi: “Kuxhomekeke kusukelo onalo.”
Usukelo lwakho lufanise nendawo oya kuyo. Akunakufika kwindawo oya kuyo ukuba ulibala kukujikeleza. Eyona nto ibhetele kukujonga imaphu uze ucebe indlela ofuna ukuhamba ngayo. Ngaloo ndlela uya kuba uthobela isilumkiso esikwiMizekeliso 4:26: “Wugudise umkhondo wonyawo lwakho.” IContemporary English Version iguqulela eli binzana ngokuthi: “Yazi indawo oya kuyo.”
Kwiminyaka ezayo, kuya kufuneka wenze izigqibo ezininzi ezibalulekileyo eziphathelele unqulo, umsebenzi, umtshato, intsapho neminye imiba ebalulekileyo. Kuya kuba lula ukwenza izigqibo zobulumko ukuba uyayazi eyona
nto uyifunayo. Ibe njengoko uceba oko ufuna ukukwenza ebomini, kukho into ongamele uyityeshele.“Mkhumbule UMdali Wakho”
Ukuze wonwabe ngokwenene, ufanele uthobele amazwi kaKumkani uSolomon osisilumko: “Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.” (INtshumayeli 12:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Ngamany’ amazwi, ufanele ucinge ngokukholisa uThixo xa usenza izigqibo.
Kutheni kubalulekile nje oku? IBhayibhile ithi kwiSityhilelo 4:11: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” Zonke izidalwa ezisezulwini nezisemhlabeni zifanele zibe nombulelo kuMdali. Ngaba unombulelo kuba ekunike “ubomi nempefumlo nezinto zonke”? (IZenzo 17:25) Ngaba akuziva unyanzelekile ukuba ubuyisele uYehova uThixo okuthile, ubonise uxabiso ngako konke akunike kona?
Ulutsha oluninzi olungamaNgqina kaYehova, olukhumbula uMdali walo, luye lwangenela inkonzo yexesha elizeleyo. Nazi ezinye iintlobo ezahlukahlukeneyo zenkonzo yexesha elizeleyo onokuzixhakamfula.
Ubuvulindlela. Oovulindlela abathe ngxi bachitha ixesha elingakumbi entsimini. Njengoko befumana uqeqesho baze babe namava, baphucula ubuchule babo njengabafundisi beBhayibhile.
Ukukhonza kwimimandla enemfuneko engakumbi. Abanye bafudukela kwimimandla enabavakalisi boBukumkani abambalwa. Abanye bafunda ulwimi olutsha baze bakhonze kwibandla elikufutshane ekuthethwa kulo ulwimi lwasemzini okanye bafudukele kwilizwe lasemzini. a
Ubuvangeli Basemazweni. Oovulindlela abafanelekayo abaphilileyo nabanamandla bayaqeqeshwa ukuze bakhonze kumazwe asemzini. Abavangeli basemazweni bonwabile yaye banelisekile.
Inkonzo yaseBheteli. Amalungu entsapho yaseBheteli
akhonza kwiiofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova. Kwamanye amazwe oku kuquka ukushicilelwa nokuthunyelwa koncwadi lweBhayibhile.Ukukhonza kumazwe ngamazwe. Abo bakule nkonzo baya kwamanye amazwe ukuya kuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, iiHolo zeNdibano nezakhiwo zamasebe.
ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Abadala nezicaka zolungiselelo ezingekatshati nezifanelekayo baqeqeshwa kwindlela esebenza ngayo intlangano nasekuthetheni esidlangalaleni. Abanye abaphumelela apho bathunyelwa ukuba baye kukhonza kwamanye amazwe.
Ukuceba Ikhondo Oza Kulithabatha
Inkonzo yexesha elizeleyo lelona lungelo libalaseleyo anokuba nalo umntu yaye izisa iintsikelelo ezingathethekiyo. Sekunjalo, kufuneka ucebe kusengaphambili. Ngokomzekelo zibuze, ‘Bubuphi ubuchule endinabo endinokubusebenzisa ukuze ndizixhase?’
UKelly wayenosukelo lokuba nguvulindlela, ngoko wacingisisa kakuhle ngomsebenzi aza kuwenza ukuze
azixhase. Uthi: “Kwafuneka ndikhethe umsebenzi oza kundixhasa ngoxa ndinguvulindlela.”UKelly wafumana uqeqesho kwisikolo semfundo ephakamileyo. Oku kwamnceda walufikelela usukelo awayezibekele lona. UKelly uthi: “Eyona nto ndandiyifuna kukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Yonk’ enye into yayimele ilandele.” UKelly uthi: “Andizisoli ngesigqibo endasenzayo.”
Funa Ulwalathiso
Ukuba ubuhamba kwindawo ongayazi kakuhle, ubuya kuhamba ubuzisa. Unokwenza okufanayo xa uceba ikamva lakho. Funa icebiso kwabanye. IMizekeliso 20:18 ithi: “Amacebo ayamiselwa ngokuqinileyo ngengcebiswano.”
Abanye abantu abanokukucebisa ngabazali bakho. Kodwa unokufuna amacebiso nakwamanye amaKristu aqolileyo nahlonela
uThixo. URoberto oneminyaka engaphezu kwama-20 ubudala, olilungu lentsapho yaseBheteli uthi: “Khangela kwabo bayimizekelo emihle kwibandla okulo okanye kumabandla akufuphi nawe.”Ngaphezu kwakhe nabani na, uYehova uThixo ufuna ukukunceda wenze ukhetho oluya kukwenza wonwabe ebomini. Ngoko mcele akuncede ‘uqhubeke ukuqonda into okuyiyo ukuthanda kwakhe’ ngokuphathelele ikamva lakho. (Efese 5:17) Kuyo yonke into oyenzayo, sebenzisa icebiso elikwiMizekeliso 3:5, 6: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”
Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo, bukela iDVD enomxholo othi “Young People Ask—What Will I Do With My Life?” Ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-30
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda ibhokisi ekwiphepha 164.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“‘Ndivavanyeni,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘enoba andiyi kunivulela kusini na amasango ezikhukula emazulwini ndize okunene ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo kude kungasweleki nto.’”—Malaki 3:10.
ICEBISO
Thetha nabantu abanexesha elide bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Babuze ngesizathu sokuba bakhethe le nkonzo neentsikelelo abaye bazifumana.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Umbane unokwenza isixhobo sombane sisebenze. Ngokufanayo, umoya oyingcwele kaThixo unokukunceda wenze okungakumbi kwinkonzo yakhe.—IZenzo 1:8.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndifumane uvuyo olungakumbi entsimini, ndiza kuthetha no ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Bubuphi ubuchule onabo?
● Unokubusebenzisa njani ubuchule onabo ekudumiseni uYehova?
● Luluphi uhlobo lwenkonzo yexesha elizeleyo olukhankanywe kwesi sahluko oluthanda kakhulu?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 313]
“Ndibahlonela gqitha abazali bam. Baye bandinceda ngenzondelelo yabo entsimini, indlela abaye bahlangabezana ngayo neengxaki zoqoqosho nangokundikhuthaza ukuba ndiqhubeke nenkonzo yexesha elizeleyo.”—UJarrod
[Ibhokisi ekwiphepha 314]
Isalathiso Samaphepha
Usukelo Lwam
Beka uphawu ecaleni kosukelo ofuna ukuzibekela lona. Bhala ezinye izinto onosukelo lokuzenza kwindawo ethi ezinye izinto.
Entsimini
□ Ndiza kwandisa ixesha endilichitha entsimini libe ziiyure ezi ․․․․․ ngenyanga
□ Ndiza kuhambisa iimpapasho ezi ․․․․․ nyanga nganye
□ Ndiza kusebenzisa iBhayibhile xa ndichaza iinkolelo zam
□ Ndiza kubuyela kubantu aba ․․․․․ nyanga nganye
□ Ndiza kuqalisa isifundo seBhayibhile
□Ezinye izinto: ․․․․․
Ufundisiso
□ Ndiza kufunda amaphepha eBhayibhile a ․․․․․suku ngalunye
□ Ndiza kulungiselela iintlanganiso zebandla zeveki nganye
□ Ndiza kuphanda ngale mixholo yeBhayibhile ilandelayo: ․․․․․
Ebandleni
□ Ndiza kuphendula kube kanye ubuncnane kwintlanganiso nganye
□ Ndiza kuqalisa incoko nomntu ongaphezulu kum ngeminyaka endifuna ukumazi ngakumbi
□ Ndiza kutyelela ilungu lebandla elisele likhulile okanye elingaphilanga
Ezinye izinto: ․․․․․
Umhla ․․․․․
Emva kweenyanga ezintandathu phinda uhlole usukelo lwakho, uze ubone enoba uye walufikelela kusini na. Yenza uhlengahlengiso xa kuyimfuneko.
[Umfanekiso okwiphepha 312]
Ukuzibekela usukelo kuya kukunceda ungadlali ngamandla akho