Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ndifanele Ndibhaptizwe?

Ngaba Ndifanele Ndibhaptizwe?

Isahluko 37

Ngaba Ndifanele Ndibhaptizwe?

Bhala apha ngezantsi ngokuthi yinyaniso okanye bubuxoki:

Kuyimfuneko ukuba amaKristu abhaptizwe.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

Eyona njongo yokubhaptizwa kukukukhusela esonweni.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

Xa ubhaptiziwe unokusindiswa.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

Ukuba akubhaptizwanga, uThixo akanakukuphendulisa ngezinto ozenzayo.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

Ukuba abahlobo bakho bayabhaptizwa loo nto ithetha ukuba nawe ufanele ubhaptizwe.

□ Yinyaniso

□ Bubuxoki

UKUBA uphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo, unobuhlobo noThixo yaye uyathetha nabanye abantu ngeenkolelo zakho, usenokucinga ngokubhaptizwa. Kodwa wazi njani ukuba ukulungele ukubhaptizwa? Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, makhe sihlolisise oko kuthethwe ngasentla.

Kuyimfuneko ukuba amaKristu abhaptizwe.

Yinyaniso. UYesu wayalela ukuba abafundi bakhe babhaptizwe. (Mateyu 28:19, 20) Eneneni, noYesu wabhaptizwa. Ukuze ube ngumlandeli kaKristu, ufanele ubhaptizwe xa sele umdala ngokwaneleyo ukuba wenze eso sigqibo yaye ufuna ngokwenene ukubhaptizwa.

Eyona njongo yokubhaptizwa kukukukhusela esonweni.

Bubuxoki. Ukubhaptizwa kukubonisa ekuhleni ukuba uzahlulele kuYehova. Ukuzahlulela akusosivumelwano nje singenamsebenzi esikuthintelayo ekwenzeni izinto ofuna ukuzenza. Kunoko, wahlulela ubomi bakho kuYehova ngenxa yokuba ufuna ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe.

Xa ubhaptiziwe unokusindiswa.

Yinyaniso. IBhayibhile ithi, ubhaptizo linyathelo elibalulekileyo elikhokelela kusindiso. (1 Petros 3:21) Kodwa ke, ukubhaptizwa akuthethi ukuba unesiqinisekiso sokusinda kwintlekele. Ubhaptizwa ngenxa yokuba uyamthanda uYehova yaye ufuna ukumkhonza ngonaphakade ngentliziyo yakho iphela.—Marko 12:29, 30.

Ukuba akubhaptizwanga, uThixo akanakukuphendulisa ngezinto ozenzayo.

Bubuxoki. UYakobi 4:17, ubhekisa kubantu ababhaptiziweyo nabangabhaptizwanga xa esithi: “Ukuba ubani uyakwazi ukwenza okulungileyo kodwa angakwenzi, kusisono oko kuye.” Ukuba ke uyakwazi okulungileyo yaye umdala ngokwaneleyo ukuba uhlolisise indlela ophila ngayo, mhlawumbi eli lixesha lokuba uthethe nabazali bakho okanye nomnye umKristu oqolileyo ngalo mbandela. Ngaloo ndlela, unako ukwenza inkqubela de ubhaptizwe.

Ukuba abahlobo bakho bayabhaptizwa, loo nto ithetha ukuba nawe ufanele ubhaptizwe.

Bubuxoki. Isigqibo sokubhaptizwa simele siphume entliziyweni. (INdumiso 110:3) Umele ubhaptizwe kuphela xa sele ukwazi kakuhle oko kuthethwa kukuba liNgqina likaYehova yaye uqinisekile ukuba uyilungele loo mbopheleleko.—INtshumayeli 5:4, 5.

Umele Wenze Utshintsho Ebomini

Ubomi bakho buyatshintsha xa ubhaptiziwe yaye oko kuzisa iintsikelelo. Kwelinye icala, ubhaptizo yimbopheleleko enzulu—ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuYehova.

Ngaba sele ukulungele ukubhaptizwa? Kumele kukuvuyise oko. Uya kuba ufumene ilungelo elikhulu, lokukhonza uYehova ngentliziyo iphela nokuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuye.—Mateyu 22:36, 37.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Zibekele usukelo ukuze uphile ubomi obunenjongo.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu engqiqo.”—Roma 12:1.

ICEBISO

Abazali bakho banokukunceda ufumane umntu ebandleni onokukunceda wenze inkqubela ngokomoya.—IZenzo 16:1-3.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ubhaptizo ‘luphawu’ olubalulekileyo ukuze usindiswe.—Hezekile 9:4-6.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndifanelekele ukubhaptizwa ndiza kuphanda ngakumbi ngezi mfundiso zeBhayibhile: ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni ubhaptizo luyinto ebaluleke kangaka?

● Yintoni enokwenza umntu osemtsha afune ukubhaptizwa ngaphambi kwexesha?

● Yintoni enokwenza umntu oselula abe mathidala ukuzahlulela nokubhaptizwa?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 306]

“Ukwazi ukuba ndibhaptiziwe kwandinceda ndenza izigqibo zobulumko ndaza ndaziphepha ezinye iindlela ezaziza kuba yingozi.”—UHolly

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 307]

Imibuzo Edla Ngokubuzwa Ngobhaptizo

Lufuzisela ntoni ubhaptizo? Ukuntywiliselwa emanzini nokukhutshwa kuwo kuthetha ukuba uye wafa kwihambo yakho yokuzingca waza wenziwa waphila ukuze wenze ukuthanda kukaYehova.

Kuthetha ukuthini ukuzahlulela kuYehova? Kuthetha ukuba uzinikela kuThixo, umthembisa ukuba ukuthanda kwakhe kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. (Mateyu 16:24) Ufanele uzahlulele kuYehova ngomthandazo ngaphambi kokuba ubhaptizwe.

Yintoni omele uyenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe? Umele uphile ngokuvisisana neLizwi likaThixo yaye uthethe nabanye ngokholo lwakho. Umele ube ngumhlobo kaThixo, uthandaze ufunde neLizwi lakhe. Umele ukhonze uYehova kuba ukhethe ukwenza oko—unganyanzelwa ngabanye.

Ngaba ufanele ube neminyaka ethile ukuze ubhaptizwe? Ayibalulekanga into yokuba uneminyaka emingaphi. Kodwa ke, ufanele ube mdala ngokwaneleyo—yaye ube ukhule ngokwaneleyo—ukuze uqonde intsingiselo yokuzahlulela.

Kuthekani ukuba ufuna ukubhaptizwa kodwa abazali bakho bathi linda? Mhlawumbi bafuna wazi okungakumbi ngobomi bamaKristu. Baphulaphule uze usebenzise elo xesha ekuphuculeni ulwalamano lwakho noYehova.—1 Samuweli 2:26.

[Ibhokisi ekwiphepha 308, 309]

Isalathiso Samaphepha

Ngaba Ucinga Ngokubhaptizwa?

Phawula inkqubela oyenzayo ngokuphendula le mibuzo ingezantsi. Funda imibhalo ebonisiweyo ngaphambi kokuba uphendule.

Ubonisa njani ukuba unentembelo kuYehova?INdumiso 71:5. ․․․․․

Yintoni ebonisa ukuba amandla akho engqondo aqeqeshelwe ukwahlula okulungileyo nokubi?Hebhere 5:14. ․․․․․

Uthandaza kangaphi? ․․․․․

Ingqale kangakanani imithandazo yakho yaye ibonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?INdumiso 17:6. ․․․․․

Bhala apha ngezantsi usukelo onalo ngokuphathelele imithandazo yakho. ․․․․․

Ngaba uyifunda rhoqo iBhayibhile?Yoshuwa 1:8. ․․․․․

Yiyiphi enye incwadi oyifundayo xa usenza ufundisiso lobuqu? ․․․․․

Bhala apha ngezantsi usukelo onalo ngokuphathelele ufundisiso lobuqu. ․․․․․

Ngaba uyaphumelela kubulungiseleli basentsimini? (Ngokomzekelo: Ngaba uyakwazi ukucacisa iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile kwabanye? Ngaba uyabuyela kwababonise umdla? Ngaba uzama ukufumana isifundo seBhayibhile?)

□ Ewe □ Hayi

Ngaba uyaya entsimini naxa abazali bakho bengayi?IZenzo 5:42.

□ Ewe □ Hayi

Bhala usukelo onalo ngenkonzo yasentsimini.2 Timoti 2:15. ․․․․․

Ngaba uya rhoqo kwiintlanganiso zebandla okanye uya manqaphanqapha?Hebhere 10:25. ․․․․․

Ziziphi iindlela oba nenxaxheba ngazo kwiintlanganiso zebandla? ․․․․․

Ngaba uyaya kwiintlanganiso xa abazali bakho bengazukuya (ukuba bayakuvumela uye)?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba ngokwenene uyayoliswa kukwenza ukuthanda kukaThixo?INdumiso 40:8.

□ Ewe □ Hayi

Ngaba zikho izihlandlo onokuzichaza, oye woyisa ngazo ingcinezelo yoontanga?Roma 12:2. ․․․․․

Yintoni onokuyenza ukuze umthande ngakumbi uYehova?Yude 20, 21. ․․․․․

Ngaba unokuqhubeka ukhonza uYehova nokuba abazali nabahlobo bakho banokuyeka?Mateyu 10:36, 37.

□ Ewe □ Hayi

[Umfanekiso okwiphepha 310]

Njengaxa utshata, xa ubhaptizwa, ubomi bakho buyatshintsha yaye oku akumele kujongwe njengento engenamsebenzi