Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Ndingamele Ndiyibukele Imifanekiso Engamanyala?

Kutheni Ndingamele Ndiyibukele Imifanekiso Engamanyala?

Isahluko 33

Kutheni Ndingamele Ndiyibukele Imifanekiso Engamanyala?

Yenzeka kangaphi into yokuba kuthi gqi imifanekiso engamanyala ungalindelanga?

□ Ayizange yenzeke

□ Ayifane yenzeke

□ Yenzeka rhoqo

Idla ngokuvela phi?

□ Kwi-internet

□ Esikolweni

□ Kumabonwakude

□ Kwenye indawo

Yintoni oyenzayo xa ivela?

□ Ndisusa amehlo am ngoko nangoko.

□ Ngenxa yokuthand’ ukwazi ndikhe ndiyijonge kancinane.

□ Ndiyayibukela de ndikhangele neminye.

XA ABAZALI bakho babengangawe, yayinqabe gqitha imifanekiso engamanyala. Kodwa namhlanje ikho kuyo yonk’ indawo. Enye intombazana eneminyaka eli-19 ubudala ithi, “Maxa wambi ndithi xa ndivule i-Internet, ndikhangela okuthile, ndithenga izinto ezithile okanye ndijonga imali yam ebhankini—kuthi gqi imifanekiso engamanyala!” Ixhaphake gqitha loo nto. Kolunye uhlolisiso, kwafunyaniswa ukuba ama-90 ekhulwini olutsha oluneminyaka ephakathi kwesi-8 neli-16 ubudala luye lwabona imifanekiso engamanyala kwi-Internet lungazimiselanga—oku kudla ngokwenzeka ngoxa lusenza umsebenzi wesikolo!

Ekubeni ixhaphake kangaka le mifanekiso, usenokuba uyazibuza, ‘Ngaba kubi ngolo hlobo ukubukela imifanekiso engamanyala?’ Ewe kubi! Imifanekiso engamanyala ibathob’ isidima abo benza loo manyala nabo bayibukelayo, yaye isoloko ikhokelela ekuziphatheni okubi ngokwesini. Kodwa akupheleli apho.

Ukubukela imifanekiso engamanyala kunokubangela ingxaki nasemva kwexesh’ elide. Ngokomzekelo, nasemva kweminyaka eli-14 ingasayibukeli imifanekiso engamanyala, indoda egama linguJeff yathi: “Suku ngalunye kufuneka ndilwe nzima. Nakuba ndingasakunqweneli ngamandla ukuyibukela, usaman’ ukubakho loo mnqweno. Ndikhe ndibawele ukuyibukela. Le mifanekiso ayiphumi engqondweni. Akwaba ndandingayibukelanga kwasekuqaleni. Ekuqaleni kuba ngathi akukho ngozi. Kodwa ngoku ndiyazi ukuba ikho. Imifanekiso engamanyala iyingozi, igqwethekile yaye ibathob’ isidima abo benza loo manyala nabo bayibukelayo. Enoba abanye bayayithethelela, akukho kwanto angenelwa ngayo umntu ngokubukela imifanekiso engamanyala.”

Hlolisisa Indlela Evela Ngayo

Unokukuphepha njani ukubona imifanekiso engamanyala ungazimiselanga? Okokuqala, hlolisisa ukuba ivela xa kutheni. Nantsi imizekelo:

Ngaba abanye ofunda nabo esikolweni badla ngokukuthumelela imifanekiso engamanyala nge-e-mail okanye nge-“cell phone”? Ukuba kunjalo umele uyicime ungakhange uyivule loo miyalezo.

Xa ukhangela okuthile kwi-Internet, le mifanekiso ivela xa ubhale waphi amagama? Ukwazi oko kunokukwenza uzilumkele ngakumbi iindawo ozivulayo kwikhompyutha yakho.

Apha ngezantsi, dwelisa naziphi na iimeko eziye zakhokelela ekubeni ubone imifanekiso engamanyala.

․․․․․

Ngaba ikho into onokuyenza ukuze unciphise okanye ungaphinde uyibone le mifanekiso ungazimiselanga? Ukuba kunjalo, bhala apha ngezantsi oko uzimisele ukukwenza.

․․․․․

Ukuba Sele Ulikhoboka Layo

Ukubukela imifanekiso engamanyala ngabom, akufani nokuyibona ubungazimiselanga. Kuthekani xa isiba ngumkhwa? Ungaziqhathi—ukuphuncula kulo mkhwa akuyondlwan’ iyanetha. Ngokomzekelo: Masithi izandla zakho bezijijelwe ngomsonto werhali. Mhlawumbi bekuya kuba lula ukuwuqhawula ukhululeke ngokuvula nje izandla zakho. Kodwa masithi le rhali ijijelwe ngokuphindaphindiweyo. Bekuya kuba nzima gqitha ukuyiqhawula ukuze ukhululeke. Kunjalo ke nangabo bahlala bebukela imifanekiso engaanyala. Okukhona beyibukela, kokukhona bengakwazi ukwahlukana nayo. Ukuba nawe unale ngxaki, unokukhululeka njani?

Bazi kakuhle ubungozi bayo. Imifanekiso engamanyala yindlela kaSathana yokunyelisa oko uYehova wakudala kwanenjongo ebekekileyo. Ukwazi oku kuya kukunceda ‘ukuthiye okubi.’—INdumiso 97:10.

Cinga ngemiphumo. Imifanekiso engamanyala iyayichitha imitshato. Ibathoba isidima abo benza loo manyala. Imthoba isidima nalowo uyibukelayo. Ngenxa yoko iBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Bhala apha ngezantsi umzekelo wentlekele enokukwehlela xa usoloko ubukela imifanekiso engamanyala.

․․․․․

Zimisele. Indoda ethembekileyo uYobhi, yathi: “Sendazimisela ngomxhelo wam wonke ukuba kungaze kubekho ntombi ndiyincwasayo.” (Yobhi 31:1, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Nazi ezinye izinto ‘onokuzimisela’ ukuzenza:

Andiyi kuyisebenzisa i-Internet ndindedwa egumbini.

Ndiya kukhawuleza ndiyicime nayiphi na iwebsite ebonisa amanyala.

Ndiya kuthetha nomhlobo oqolileyo xa ndinokuphinda ndibukele imifanekiso engamanyala.

Ngaba zikho ezinye izinto onokuzenza eziya kukunceda uyeke ukubukela imifanekiso engamanyala? Ukuba zikho, zibhale apha.

․․․․․

Wuthandazele lo mbandela. Umdumisi wambongoza wathi uYehova: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” (INdumiso 119:37) UYehova uThixo ufuna uphumelele yaye unokukunika amandla okwenza oko kulungileyo!—Filipi 4:13.

Thetha nomnye umntu. Ukuphalaza imbilini yakho komnye umntu kubaluleke gqitha ukuba ufuna ukuyeka lo mkhwa. (IMizekeliso 17:17) Bhala apha ngezantsi igama lomntu oziva ukhululekile ukumchazela ngalo mbandela.

․․․․․

Qiniseka ukuba uya kuphumelela njengoko usilwa nomkhwa wokubukela amanyala. Ukuba ukhe ukwazi ukuzibamba ungawabukeli amanyala, oko kutheth’ ukuba uyoyisa. Xelela uYehova sihlandlo ngasinye uphumelela uze umbulele ngamandla akunika wona. Hlala ukhumbula ukuba, xa ungayibukeli imifanekiso engamanyala, uvuyisa intliziyo kaYehova!—IMizekeliso 27:11.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.”—Kolose 3:5.

ICEBISO

Qiniseka ukuba ikhompyutha yakho iyavalwa ingangeni kwiiweb sites ezinemifanekiso engamanyala. Kuphephe nokuvula imiyalezo oyithunyelelwe ngabantu ongabaziyo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Umntu othanda imifanekiso engamanyala ufana nqwa needemon zomhla kaNowa ezazithe phithi sisini.—Genesis 6:2.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndizikhusele ekuboneni imifanekiso engamanyala, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Imifanekiso engamanyala ikunyelisa njani oko kubekekileyo?

Unokumnceda njani umntwana wakowenu onengxaki yokubukela imifanekiso engamanyala?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 278]

“Ngaphambi kokuba ndifundisise iBhayibhile, ndandisebenzisa phantse zonke iziyobisi eziyingozi. Ndakwazi ukwahlukana nezo ziyobisi, kodwa kwaba nzima gqitha ukuyeka ukubukela imifanekiso engamanyala. NguYehova kuphela ondincede ndakwazi ukulwa nale ngxaki.”—UJeff

[Umfanekiso okwiphepha 276]

Ukuba umntu ukhe waqala ukubukela imifanekiso engamanyala kuba nzima ukuyeka