Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuzonwabisa Njani?

Ndinokuzonwabisa Njani?

Isahluko 32

Ndinokuzonwabisa Njani?

Phawula oku kulandelayo ngokuthi yinyaniso okanye bubuxoki.

Ngokutsho kweBhayibhile . . .

Kusoloko kuphosakele ukuba nenxaxheba kwimidlalo.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

Zonke ii-“movie” neenkqubo zikamabonwakude zinempembelelo embi.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

Zonke iintlobo zomdaniso azifanelekanga.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

USEBENZE nzima iveki yonke. Akuyi esikolweni. Uyigqibile imisebenzi yasekhaya. Kuba usemtsha, usenamandla okwenza enye into. (IMizekeliso 20:29) Ngoku ufuna ukuzonwabisa.

Abahlobo bakho bacinga ukuba iBhayibhile ikubandeza ulonwabo. Kodwa ngaba banyanisile? Makhe sihlolisise izinto ekuthethwe ngazo kwiphepha elingaphambili size sibone oko iBhayibhile ikutshoyo ngokuzonwabisa.

Kusoloko kuphosakele ukuba nenxaxheba kwimidlalo.

Bubuxoki. IBhayibhile ithi “ingqeqesho yomzimba iyingenelo.” (1 Timoti 4:8) Ibinzana lantlandlolo lesiGrike elithi “ingqeqesho” elisetyenziswe nguPawulos apha libhekisela ‘ekulolongeni umzimba.’ Mininzi imidlalo onokuzilolonga ngayo yaye ikonwabise, njengomtyibilizi, ukuzilolonga ngebhayisekile, ukubaleka, intenetya, ibaseball, ibhola ekhatywayo nevolleyball.

Ngaba oku kuthetha ukuba akuyomfuneko ukuba sizilumkele ezi ndlela zokuzonwabisa? Khawuqwalasele umongo wale ndinyana icatshulwe ngasentla. Xa wayebhalela uTimoti, umpostile uPawulos wathi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane; kodwa lona uzinikelo lobuthixo luyingenelo kuzo zonke izinto, njengoko lusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.” Amazwi kaPawulos asikhumbuza ukuba eyona nto imele ize kuqala kuthi kukukholisa uThixo. Unokuqinisekisa ukuba uzinikelo lobuthixo yeyona nto iza kuqala ebomini bakho—naxa ukhetha umdlalo wokuzonwabisa—ngokuzibuza le mibuzo ilandelayo:

1. Uyingozi kangakanani lo mdlalo? Musa ukuphulaphula izinto ezithethwa lolunye ulutsha okanye uluve luwuncoma lo mdlalo. Zifumanele iinkcukacha. Ngokomzekelo, nazi izinto omele uzazi: Benzakala kangakanani abantu kulo mdlalo? Ziziphi iindlela abantu abazikhusela ngazo? Ngaba abantu bayaqeqeshwa ngaphambi kokudlala lo mdlalo baze banikwe nezinto zokubakhusela? Nakuba usenokwenzakala nakuwuphi na umdlalo, ngaba lo mdlalo ubeka ubomi bakho engozini okanye esichengeni sokufa?

Ubomi sisipho esivela kuThixo, yaye uMthetho uThixo awawunika amaSirayeli wawusithi umntu ufanele ohlwaywe ngokuqatha xa ebulele omnye ngengozi. (Eksodus 21:29; Numeri 35:22-25) Loo nto yayisenza ukuba abantu bakaThixo baziphephe iingozi. (Duteronomi 22:8) Ngokufanayo amaKristu namhlanje anembopheleleko yokubonisa intlonelo ngobomi.

2. Ngaba abantu endiza kudlala nabo banempembelelo entle? Ukuba uyinjuze kwezemidlalo, oontanga bakho nootitshala basenokufuna ukuba udlalele iqela lesikolo. Nawe usenokufuna ukudlalela isikolo. UmKristu oselula ogama linguMark uthi, “Ndandivakalelwa kukuba abazali bam bandidlel’ indlala xa bengafuni ndidlalele iqela lesikolo.” Kodwa kunokuba unyanzele abazali ukuba bakuvumele, cinga ngezi zinto zilandelayo: Abadlali badla ngokudlala ukuphuma kwesikolo. Ukuba udlala kakuhle uya kukhuthazwa ukuba uchithe ixesha elingakumbi emidlalweni. Kodwa xa ungadlali kakuhle, uya kuziva unyanzelekile ukuba uchithe ixesha elingakumbi uzilolonga. Abadlali bachitha ixesha elininzi kunye xa bebhiyozela impumelelo naxa bebuhlungu kuba bengaphumelelanga.

Zibuze: ‘Ngaba ukuchitha ixesha kwezemidlalo nolutsha olungaphili ngemilinganiselo yeBhayibhile kunokuba nempembelelo entle kum?’ (1 Korinte 15:33) ‘Ngaba ndizimisele ukuphulukana nayo yonk’ into kuba nje ndifuna ukudlala neqela elithile?’

3. Kuza kunditya ixesha nemali engakanani ukudlala lo mdlalo? IBhayibhile isiyalela ukuba ‘siqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Ukuze ukwazi ukusebenzisa eli cebiso, zibuze: ‘Ngaba ukudlala lo mdlalo kuza kuphazamisana nomsebenzi wesikolo okanye nezinto zokomoya? Ndiza kudleka malini ngalo mdlalo? Ngaba ndinokuba nayo imali engako?’ Ukuphendula le mibuzo kuya kukunceda uziqonde ezona zinto zibalulekileyo.

Zonke ii-“movie” neenkqubo zikamabonwakude zinempembelelo embi.

Bubuxoki. IBhayibhile iyalela amaKristu ukuba ‘abambelele nkqi koko kuhle yaye akhwebuke kulo lonke uhlobo lobungendawo.’ (1 Tesalonika 5:21, 22) Asizizo zonke iimovie neenkqubo zikamabonwakude ezingqubana nalo mgaqo. a

Ngokuqinisekileyo, kumnandi ukuya kubukela imovie nabahlobo. Intombazana yaseMzantsi Afrika uLeigh uthi: “Xa ndifuna ukubukela imovie ethile, ndifowunela nje abe mnye kubahlobo bam, emva koko sixelele nabanye abahlobo bethu.” Olu lutsha ludla ngokubukela iimovie zasemini. Emva koko luphuthunywa ngabazali baze bonke baye kutya kwiivenkile zokutya.

Nangona iimovie neenkqubo zikamabonwakude izizinto zale mihla, zifana nje nendlela yokuzonwabisa eyayisetyenziswa mandulo—ukubalisa amabali. UYesu wayeyincutshe ekufikeleleni iintliziyo zabantu ngokubalisa amabali. Kumzekeliso wakhe womSamariya olungileyo ufundisa abantu ukuba babe nemfesane nobuntu.—Luka 10:29-37.

Nabenzi beemovie bayabaphembelela abantu. Bafuna umbukeli athande umdlali othile—enoba usisaphuli-mthetho, unobundlobongela okanye uxolele ukwenza nantoni na ngenxa yokufun’ igunya. Xa ungalumkanga, usenokuzibona uxhasa isaphuli-mthetho, ungaboni nto iphosakeleyo ngokuziphatha kwaso kakubi nenkohlakalo yaso! Unokuwuphepha njani lo mgibe?

Xa ukhetha imovie okanye inkqubo kamabonwakude, zibuze: ‘Ngaba le nkqubo iza kundikhuthaza ukuba ndibe novelwano?’ (Efese 4:32) ‘Okanye ngaba iza kundenza ndivuye xa ndibona umntu osengxakini?’ (IMizekeliso 17:5) ‘Ngaba iza kwenza kube nzima ngam “ukuthiya okubi”?’ (INdumiso 97:10) ‘Ngaba iza kundenza ndibe ngakwicala “labenzi bobubi”?’—INdumiso 26:4, 5.

Izibhengezo zeemovie zinokukunceda ubone ukuba kuthethwa ngantoni kuloo movie. Kodwa, musa ‘ukukholwa ngamazwi onke.’ (IMizekeliso 14:15) Ngoba? Kwizibhengezo zeemovie kuchazwa nje imbono yomnye umntu. Kunokungachazwa ukuba loo movie inezinto ezilumezayo. Intwazana egama linguConnie ithi, “Ndifumanise ukuba ukwazi abadlali abaphambili bemovie kukunceda ubone ukuba iza kuba injani.”

Oontanga bakho abangamaKristu abayaziyo imilinganiselo yeBhayibhile basenokwazi enoba imovie ethile ifanelekile kusini na. Kodwa khumbula, abantu badla ngokukuxelela oko bakuthandileyo kwimovie. Kutheni ungabuzi ukuba yintoni embi kuloo movie? Umele ubuze kanye oko ufuna ukukwazi. Ngokomzekelo, buza enoba ayibonisi bundlobongela, iintlobano zesini okanye ubudemon kusini na. Abazali bakho banokukucebisa. UVanessa oselula uthi: “Ndiye ndibuze abazali bam. Ndiyibukela kuphela xa besithi ifanelekile.”

Kubalulekile ukuba ukhethe xa ufuna ukubukela imovie okanye inkqubo kamabonwakude. Ngoba? Kaloku, indlela ozonwabisa ngayo ibonisa oko kusentliziyweni yakho nemilinganiselo ophila ngayo. (Luka 6:45) Indlela ozonwabisa ngayo, ityhila uhlobo lwabantu othanda ukunxulumana nabo, kwanokuba akunangxaki ngentetho engcolileyo nangabantu abaziphethe kakubi ngokwesini. Ngoko ke, khetha!

Zonke iintlobo zomdaniso azifanelekanga.

Bubuxoki. Xa amaSirayeli asindiswa kumkhosi waseYiputa kuLwandle Olubomvu, uMiriyam wangqungqa elandelwa nangabanye abafazi. (Eksodus 15:20) Nakumzekeliso kaYesu wonyana wolahleko xa kwakusamkelwa lo nyana, kwabakho “ikonsathi yomculo nokungqungqa.”—Luka 15:25.

Kunjalo nanamhlanje. Kwiindawo ezininzi, xa abaselula nabakhulileyo bekunye neentsapho nabahlobo bayakuthanda ukudanisa. Noko ke, simele silumke. Nakuba iBhayibhile ingakugatyi ukuhlanganisana, iyasilumkisa ‘ngeziyunguma,’ okanye “iimbutho ezingalawulekiyo.” (Galati 5:19-21; Byington) Umprofeti uIsaya wathi: “Yeha ke abo bavuka ekuseni ukuze bafune nje isiselo esinxilisayo, abazilazila kude kuhlwe ekutshoneni kwelanga ukuze batshiswe yiwayini! Kubakho uhadi, nomrhubhe, nentambula, nembande, ndawonye newayini emathekweni abo; kodwa umsebenzi kaYehova abawukhathalele, nomsebenzi wezandla zakhe abawubonanga.”—Isaya 5:11, 12.

Kwezo mbutho kwakubakho ‘iziselo ezinxilisayo’ nomculo ongxola kakhulu. Kwakududwa imini nobusuku. Babeziphatha ngokungathi uThixo akakho. Yiloo nto kanye eyabangela ukuba uThixo angazifuni ezo mbutho.

Ukuba umenywe kwitheko ekuza kudaniswa kulo, zibuze: ‘Ngoobani abanye abaza kubakho? Bangabantu abanjani? Ngubani oququzelela le mbutho? Ngubani oza kuba liliso? Ngaba abazali bam bayavuma ukuba ndiye kwelo theko? Kuza kudaniswa njani?’ Imidaniso emininzi ivuselela inkanuko yesini. Ngaba ukudanisa ngale ndlela okanye ukubukela loo mdaniso kuya kukunceda ukuba ‘ulusabe uhenyuzo’?—1 Korinte 6:18.

Kuthekani ukuba umenywa ukuba uye kudanisa kwinightclub? Khawuphulaphule oko kuthethwa nguShawn oselula, owayedla ngokuya kwiinightclub ngaphambi kokuba abe ngumKristu. Uthi: “Umculo odlalwa apho uthob’ isidima, indlela ekudaniswa ngayo ivuselela inkanuko yesini yaye abaninzi beza beneenjongo ezitenxileyo.” UShawn uthi injongo yabo kukuba ngamnye azifumanele umntu aza kuba neentlobano zesini naye. Emva kokufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, uShawn wahlukana ngokupheleleyo nezo zinto. Uzijonga njani ngoku? “Iinightclub aziwafanelanga amaKristu.”

Kutheni Umele Uhlale Ulumkile?

Ijoni liba sesichengeni sokuhlaselwa nini—xa lisedabini okanye xa lihleli lipholile nabahlobo? Liba sesichengeni xa lihleli nabahlobo, lingananzanga nto. Ngokufanayo, xa usesikolweni okanye emsebenzini usoloko uphaphile. Ulumkele nantoni na enokukufaka engozini. Kodwa xa uhleli nabahlobo bakho usenokulalanisa kwimilinganiselo yakho yokuziphatha.

Abanye abahlobo banokukugculela kuba unamathela kwimilinganiselo ephakamileyo eseBhayibhileni ngokuphathelele ukuzonwabisa. Usenokucinezelwa nalulutsha olunabazali abangamaKristu. Kodwa olo lutsha lunezazela ezitshileyo. (1 Timoti 4:2) Lusenokuthi uyazibaxa izinto yaye uzenza ngcwele. Kunokuba unikezele kwingcinezelo yoontanga, ‘yiba nesazela esilungileyo.’—1 Petros 3:16.

Okona kubalulekileyo koko kucingwa nguYehova ngawe kungekhona oontanga bakho! Yaye ukuba abahlobo bakho bayakugculela ngenxa yesazela sakho, kubhetele uzifunele abanye abahlobo. (IMizekeliso 13:20) Khumbula ukuba nguwe onembopheleleko ngendlela omele uziphathe ngayo—kunjalo naxa uzonwabisa.—IMizekeliso 4:23.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1 ISAHLUKO 37

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Imifanekiso engamanyala ixhaphakile yaye ifumaneka lula namhlanje. Unokuwuphepha njani lo mgibe?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 1, isahluko 36.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Yiba nemihlali, mfana, ebutsheni bakho, uyenzele okulungileyo intliziyo yakho ngemihla yobufana bakho, uze uhambe ngeendlela zentliziyo yakho nangokubona kwamehlo akho. Kodwa yazi ukuba ngenxa yezi zinto zonke uThixo oyinyaniso uya kukusa ekugwetyweni.”—INtshumayeli 11:9.

ICEBISO

Cela kubazali bakho ukuba, kunokuba nibukele umabonwakude nizonwabise njengentsapho, enoba kukanye ngenyanga.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Umdaniso nomculo wawubalulekile kunqulo lokwenyaniso lwamaSirayeli.—INdumiso 150:4.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba ndicelwa ukuba ndidlale umdlalo emva kweeyure zesikolo, ndiza ․․․․․

Ukuba i-“movie” endiyibukele nabahlobo bam iyathandabuzeka, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Kutheni amaKristu emele ayiphephe imidlalo eyingozi?

Unokuyazi njani imovie engafanelekanga?

Unokuyichaza njani indlela efanelekileyo yokudanisa?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 269]

“Ndiyakuthanda ukudanisa, kodwa ndiye ndabona ukuba kubalulekile ukuphulaphula abazali bam. Andifuni ukuba ukudanisa kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini.”—UTina

[Umfanekiso okwiphepha 268]

Kanye njengokuba ijoni lisiba sesichengeni sokuhlaselwa xa lihleli nabahlobo, lingananzanga nto—nawe uba sesichengeni sokulalanisa kwimilinganiselo yokuziphatha xa uzonwabele nabahlobo bakho