Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?

Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?

Isahluko 31

Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?

Ubaluleke kangakanani umculo kuwe?

□ Ndingahlala ngaphandle kwawo.

□ Andinakuphila ngaphandle kwawo.

Uwuphulaphula nini umculo?

□ Xa ndiseluhambeni

□ Xa ndifunda

□ Ngalo lonke ixesha

Uthanda luphi uhlobo lomculo yaye ngoba? ․․․․․

KUBONAKALA ngathi sonke sinotyekelo lwemvelo lokuthanda ukuphulaphula umculo omnandi. Yaye kulutsha oluninzi, umculo yeyona nto ibalulekileyo. UAmber oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Andinakulunga ngaphandle komculo. Ndiphulaphula umculo phantse lonk’ ixesha—xa ndicoca, ndipheka, naxa ndithunyiwe okanye ndifunda.”

Kolunye uhlobo lomculo kuphindaphindwa nje amazwi athile, kodwa umculo awupheleli nje engqondweni koko ufikelela emazantsi eentliziyo zethu. Kanye njengokuba ‘ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo, lilungile!’ umculo odlalwa ngexesha elifanelekileyo unokukuthuthuzela! (IMizekeliso 15:23) UJessica oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Maxa wambi uye ucinge ukuba akukho mntu uyiqondayo indlela ovakalelwa ngayo. Kodwa xa ndiphulaphule umculo endiwuthandayo, nditsho ndibone ukuba asindim ndedwa odandathekileyo.”

Ngaba Umculo Uyanixabanisa Okanye Nonke Niyawuthanda?

Ngoxa ngokuqinisekileyo uwuthanda umculo wakho, kusenokwenzeka ukuba abazali bakho bawugqala ngokwahlukileyo. “UTata uye athi, ‘Cima loo nto! Iyangxola!’” itsho njalo enye inkwenkwe eselula. Xa udikwe koko kungxoliswa, usenokuvakalelwa kukuba abazali bakho bakungxolisela into engenamsebenzi. Enye intwazana eselula ithi: “Kwakunjani ngokuya bona babesebancinane? Ngaba abazali babo babecinga ukuba umculo wabo awufanelekanga?” UIngred oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Kubonakala ngathi abantu abadala basadla ngendeb’ endala. Kunokuba bhetele xa benokuqonda ukuba nathi thina bantu basebatsha sinohlobo lwethu lomculo esiluthandayo!”

Yinyaniso le ithethwa nguIngred. Ngokuqhelekileyo, abantu abadala nabantwana bayathanda ukuxabana ngokuphathelele ukhetho lobuqu. Kodwa oko akuthethi kuthi umculo ufanele unixabanise lonk’ ixesha. Ukuze uphephe oku, kufuneka ufumanise izinto ovumelana ngazo nabazali bakho. Ukuba abazali bakho bayayihlonela iBhayibhile, kuhle kakhulu. Kutheni sisitsho nje? Ngenxa yokuba iLizwi likaThixo linokuninceda nikwazi ukubona xa umculo ungafanelekanga naxa kufuneka kuyekelwe kukhetho lobuqu. Ukuze nikwazi ukwenjenjalo, kufuneka nihlolisise ezi zinto zimbini zibalulekileyo: (1) amazwi eengoma oziphulaphulayo (2) nexesha olichitha uphulaphule umculo. Okokuqala, masihlolisise lo mbuzo . . .

Athini Amazwi Eengoma Endiziphulaphulayo?

Umculo ufana nokutya. Ukutya ukutya okunezondlo ngomlinganiselo ofanelekileyo, kuyingenelo. Ukutya okuyingozi empilweni, kungakhathaliseki ukuba ukutya kangakanani na, kuyingozi. Into ebuhlungu kukuba, umculo ongafanelekanga ngowona uthandwayo. USteve oselula uyakhalaza: “Kutheni le nto ezona ngoma zimnandi zinamazwi angcolileyo?”

Ukuba ingoma inesingqi esimnandi, ngaba umele uzikhathaze ngamazwi ayo? Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo, zibuze: ‘Xa umntu efuna ukundityisa ityhefu, unokundiqhatha njani ukuze ndiyitye? Ngaba unokuyithi nkxu kwiviniga okanye unokuyifaka kwilekese?’ UYobhi owayethembekile wabuza: “Ngaba indlebe ayiwavavanyi amazwi njengoko inkalakahla ingcamla ukutya?” (Yobhi 12:11) Ngoko kunokuba uphulaphule ingoma kuba nje uthanda isingqi sayo—nto leyo efana ncam nelekese efakwe ityhefu—‘vavanya amazwi ayo’ ngokuhlolisisa umxholo namazwi ayo. Ngoba? Kuba amazwi engoma aya kuphembelela iingcinga nesimo sakho sengqondo.

Into ebuhlungu yeyokuba, amazwi omculo omninzi wezi mini, akhuthaza isini, ugonyamelo nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi. Ukuba uvakalelwa kukuba ukuphulaphula umculo onjalo akukuchaphazeli nganto, yazi ukuba sele ‘utyhefekile.’

Zenzele Isigqibo

Oontanga bakho basenokuzama ukukuphembelela ekubeni uphulaphule umculo ongcolileyo. Namashishini omculo anempembelelo. Ngenxa kanomathotholo, i-Internet, nomabonwakude, ishishini lomculo liye langenisa izityhwentywe zemali. Kuqeshwa iingcali zorhwebo ukuze ziphembelele ukhetho lwakho ngokuphathelele umculo.

Kodwa ukuba umculo owuphulaphulayo uwukhethelwa ngoontanga bakho okanye ngamajelo osasazo, uya kugqibela ungawazi nowona mculo mawuwukhethe. Uya kuba likhoboka nje elingakwaziyo ukusebenzisa ingqondo. (Roma 6:16) IBhayibhile iyakubongoza ukuba uyixhathise impembelelo yehlabathi kwizinto ezinjalo. (Roma 12:2) Ngoko kuhle ukuba uqeqeshe ‘amandla akho okuqonda ukuze ukwazi ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) Unokuwasebenzisa njani amandla akho okuqonda xa ukhetha umculo? Nanga amacebiso anokukunceda:

Jongisisa kakuhle isingxobo ofakwe kuso. Ngokuqhelekileyo, xa ujonga isingxobo okanye isibhengezo somculo othile, kudla ngokuba lula ukuqonda ukuba luhlobo luni na lomculo olo. Ukuba kukho imifanekiso ebonisa ugonyamelo, isini ngokuphandle okanye ubugqi, ufanele ulumke. Kusenokwenzeka ukuba nomculo olapho ngaphakathi awufanelekanga.

Hlola amazwi. Athini amazwi ale ngoma? Ngaba ngokwenene uyafuna ukuwaphulaphula okanye ukuwaphindaphinda? Ngaba ingcamango edluliselwa ngulo mculo iyavisisana nemilinganiselo ophila ngayo kuquka leyo yobuKristu?—Efese 5:3-5.

Phawula oko kwenzekayo emva kokuba uwuphulaphule. “Ndifumanisa ukuba amazwi eengoma ezininzi endiziphulaphulayo andenza ndizive ndidandathekile,” utsho njalo uPhilip osemtsha. Liyinyaniso elokuba, umculo ubachaphazela ngeendlela ezahlukahlukeneyo abantu. Kodwa owakho umculo ukwenza uvakalelwe njani? Zibuze: ‘Ngaba emva kokuba ndiphulaphule ingoma ethile ndisoloko ndicinga izinto eziphosakeleyo? Ngaba xa ndithetha ndisebenzisa amagama athile angamkelekanga endiweva kwiingoma endiziphulaphulayo?’—1 Korinte 15:33.

Cingela abanye. Abazali bakho bavakalelwa njani ngomculo wakho? Babuze. Cinga nangendlela amanye amaKristu anokuvakalelwa ngayo ngalo mculo. Ngaba umculo wakho unokuwakhubekisa amanye? Ukulungisa isimo sakho sengqondo kuba ucingela iimvakalelo zabanye, kubonisa ukuba uqolile.—Roma 15:1, 2.

Xa uzibuza le mibuzo ingasentla, uya kukwazi ukukhetha umculo oya kukwenza uhlaziyeke kwangaxeshanye ongayi kukubeka engozini ngokomoya. Kodwa ikho nenye into ekufuneka uyiphawule.

Unokubona Njani Ukuba Uyazibaxa Izinto?

Kumnandi ukuphulaphula umculo omyoli kanye njengokuba kunjalo ngokutya okunezondlo. Noko ke, nasi isilumkiso somzekeliso: “Ngaba ufumene ubusi? Yidla obukulingeneyo, uze ungathabathi obuninzi kakhulu uze ubuhlanze.” (IMizekeliso 25:16) Ubusi baziwa ngokunyanga izigulo ezithile. Noko ke, nokuba into iluncedo inokuba yingozi xa ibaxiwe. Sifikelela kwesiphi isigqibo? Nakwizinto ezimnandi sifanele silinganisele.

Noko ke, olunye ulutsha luvumela ukuba umculo ube yeyona nto iphambili ebomini balo. Ngokomzekelo, uJessica ocatshulwe ngaphambilana, uthi: “Ndiphulaphula umculo lonk’ ixesha—nditsho naxa ndifund’ iBhayibhile. Abazali bam ndiye ndibaxelele ukuba umculo uyandinceda ndikwazi ukunikela ingqalelo. Kodwa abayikholelwa loo nto.” Ngaba nawe uvakalelwa njengoJessica?

Unokubona njani ukuba indlela ophulaphula ngayo umculo ibaxiwe? Zibuze le mibuzo ilandelayo:

Lingakanani ixesha endilichitha ndiphulaphule umculo suku ngalunye? ․․․․․

Ingakanani imali endiyichitha emculweni nyanga nganye? ․․․․․

Ngaba umculo ubangel’ ingxaki phakathi kwam namanye amalungu entsapho? Ukuba kunjalo, bhala apha ngezantsi indlela onokuyiphucula ngayo le meko. ․․․․․

Ukunciphisa Ixesha Olichitha Uphulaphule Umculo

Ukuba uphulaphula umculo ngokugqithiseleyo, kunokuba kuhle xa unokwenza uhlengahlengiso uze ulinciphise ixesha olichitha uphulaphule umculo. Ngokomzekelo, kusenokufuneka uyeke ukuhlala ufake iiheadphone imini yonke okanye ukuvulel’ umculo qho xa ufika ekhaya.

Eneneni, kutheni ungabi namaxesha okuhlala nje endaweni ethe cwaka? Xa usenza oko unokukwazi nokunikel’ ingqalelo kwizifundo zakho. USteve, ocatshulwe ngaphambilana uthi, “Ufunda kakuhle xa umculo ucinyiwe.” Khawuzame ukufunda kungekho mculo ukhalayo, uze ubone enoba akuyi kubakho mahluko na.

Kufuneka uzibekele nexesha lokufunda iBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo. Maxa wambi uYesu Kristu wayekhangela indawo ethe cwaka ukuze athandaze yaye acamngce. (Marko 1:35) Ngaba nawe indawo ofundela kuyo ithe cwaka? Ukuba akunjalo, akuyi kukhula msinya ngokomoya.

Khetha Kakuhle

Eneneni, umculo sisipho esivela kuThixo kodwa lumka ungasisebenzisi kakubi. Ungafani nentwazana egama linguMarlene, ithi: “Phakathi komculo endinawo, kukho endazi kakuhle ukuba ndimele ndiwulahle. Kodwa umnandi.” Cinga nje ngomonakalo awenzayo engqondweni nasentliziyweni yakhe ngokuphulaphula umculo ongafanelekanga! Wuphephe loo mgibe. Musa ukuvumela umculo ukutyhefe okanye ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Sebenzisa imilinganiselo yobuKristu xa ukhetha umculo. Thandazela ukhokelo noncedo lukaThixo. Nxulumana nabantu abaneenkolelo ezifana nezakho.

Umculo unokukunceda uphumle kamnandi uze uzive uhlaziyekile. Unokukuthuthuzela xa uziva ulilolo. Kodwa xa uwucima, iingxaki ziqala apho beziyeke khona. Umculo awunakuthabath’ indawo yabahlobo. Ngoko musa ukuvumela umculo ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Kunandiphe ukuphulaphula umculo kodwa lumka ungachithi lonke ixesha lakho kuwo.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Kuyafuneka ukuzihlaziya ngamanye amaxesha. Imilinganiselo yeBhayibhile inokukunceda njani uwanandiphe loo mathuba?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ngaba indlebe ayiwavavanyi amazwi njengoko inkalakahla ingcamla ukutya?”—Yobhi 12:11.

ICEBISO

Xa ufuna abazali bakho baqonde isizathu sokuba uthande ingoma okanye iqela elithile lomculo, qala ubonakalise umdla kumculo abawuthandayo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukuba akufuni abazali bakho bazive iingoma ozithandayo, oko kusenokubonisa ukuba kukho undonakele ngomculo wakho.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ndingahlala ndilungelelene ngokuphathelele umculo xa ․․․․․

Ukuba oontanga bam bafuna ndiphulaphule umculo ongafanelekanga, ndiza kuthi ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Kutheni kubalulekile ukuba uwukhethe umculo?

Unokwazi njani ukuba ingoma ethile ifanelekile?

Yintoni onokuyenza ukuze uthande nolunye uhlobo lomculo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 259]

“Maxa wambi ndikhe ndizibhaqe ndiphulaphule ingoma endiyaziyo ukuba ayifanelekanga. Ndiye ndiyicime ngokukhawuleza. Ukuba andiyicimi ngokukhawuleza ndisuka ndizibhaqe sele ndizithethelela.”—UCameron

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 258]

Phulaphula Umculo Owahlukahlukeneyo

Ngaba zikho ezinye iintlobo zokutya ozithandayo ngoku, owawungazithandi ngoxa wawuneminyaka emihlanu ubudala? Ukuba kunjalo, kungenxa yokuba uye waziqhela nezinye iintlobo zokutya. Kuyafana ke nangomculo. Musa ukuphulaphula uhlobo olunye lomculo. Phulaphula nezinye iintlobo.

Enye indlela onokwenza ngayo kukufunda ukudlala isixhobo somculo. Oku kunokuba nzima kodwa kunokukuzisela uvuyo yaye unokufunda nezinye iintlobo zomculo, ungapheleli nje ekuphulaphuleni umculo weemvumi. Unokulifumana phi ixesha lokufunda? Unokusebenzisa ixesha obulichitha ubukele umabonwakude okanye kwimidlalo ye-elektroniki. Khawuve oko kuthethwa lolunye ulutsha.

“Kumnandi gqitha ukudlala isixhobo somculo, utsho ukwazi ukuvakalisa okusentliziyweni. Ngokufunda ukudlala iingoma ezintsha nditsho ndathanda nezinye iintlobo zomculo.”—UBrian, oneminyaka eli-18 ubudala, udlala isiginkci, amagubu nepiyano.

“Ukuze ube yincutshe ekudlaleni isixhobo somculo, kufuneka usidlale qho. Oko akusoloko kulula xa usafunda. Kodwa xa sele uyincutshe ekudlaleni loo ngoma, uyavuya yaye uzive wanelisekile.”—UJade, oneminyaka eli-13 ubudala, udlala i-“viola.”

“Xa izinto zingandihambeli kakuhle okanye ndikhathazekile, ndiye ndincedwe kukudlala isiginkci. Ndikuthanda gqitha ukudlala umculo omyoli nothuthuzelayo.”—UVanessa, oneminyaka engama-20 ubudala, udlala isiginkci, ipiyano ne-“clarinet.”

“Ndandicinga ukuba andisokuze ndibe yincutshe njengabanye abantu. Kodwa ndafunda ngokuzimisela ibe ngoku kuthi ngco xa ndidlala ingoma ethile. Ndiyakuthanda nokuphulaphula ezinye iimvumi.”—UJacob, oneminyaka engama-20 ubudala, udlala isiginkci.

[Umfanekiso okwiphepha 255]

Umculo ufana nokutya. Ukutya ukutya okunezondlo ngomlinganiselo ofanelekileyo, kuyingenelo. Ukutya okuyingozi empilweni, kungakhathaliseki ukuba ukutya kangakanani na, kuyingozi