Ngaba Ndifanele Ndiyidlale Imidlalo Ye-elektroniki?
Isahluko 30
Ngaba Ndifanele Ndiyidlale Imidlalo Ye-elektroniki?
UBRIAN uthi: “Imidlalo yekhompyutha ibangel’ umdla kwaye imnandi. Kule midlalo wenza izinto ebezinokukufaka engxakini ukuba ubunokuzenza ngokoqobo.” Yena uDeborah uthi uyakuthanda ukudlala imidlalo yekhompyutha. Kodwa, ulumkisa ngelithi: “Inokukuchithela ixesha elininzi, ize ikwenze ube likhoboka layo.”
Imidlalo ye-elektroniki asiyomidlalo nje iqhelekileyo yokuzonwabisa. Enyanisweni, ikwenza ukwazi ukubona ubuchule onabo ize iphelise isithukuthezi. Kodwa yenza okungakumbi. Inokukwenza uphaphame ngakumbi. Eminye inokude iphucule ubuchule bakho kwizibalo nasekufundeni. Ngaphezu koko, imidlalo ye-elektroniki yeyona nto kuncokolwa ngayo esikolweni. Ukuba ubukhe wadlala umdlalo othile, uya kuba nento yokuncokola noontanga bakho.
Ngokuqinisekileyo, ukuba ukhetha ngenyameko, uya kuwufumana umdlalo ofanelekileyo nobangel’ umdla. Kodwa ke, kutheni ufanele ulumke?
Into Ephosakeleyo Ngayo
Ngelishwa, asiyiyo yonke imidlalo ye-elektroniki engenabungozi. Emininzi kuyo ikhuthaza oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘yimisebenzi yenyama’—ukungcola okungafunwayo nguThixo.—Galati 5:19-21.
UAdrian oneminyaka eli-18 ubudala, uthi omnye umdlalo othandwa gqitha, ubalaselisa “amaqela alwayo, ukusetyenziswa kweziyobisi, ukuziphatha okubi ngokwesini, ukuthuka, nokuphalazwa kwegazi ngogonyamelo.” Eminye imidlalo ikhuthaza ukusebenzelana nemimoya. Mdlalo ngamnye omtsha uyagabadela ngobubi. Imidlalo emininzi unokuyidlala
kunye nomnye umntu kwi-Internet. Oku kwenza le midlalo ibangel’ imincili ngeyona ndlela. UJames oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Unokukhuphisana nabantu abakwelinye ilizwe usebenzisa ikhompyutha yakho.”Kwimidlalo emininzi yeInternet uyakwazi ukuzikhethela indima ofuna ukuyidlala. Indima ayikhethayo umdlali isenokuba yeyomntu, isilwanyana, okanye abe zizo zombini, aze adlale namawakawaka abanye abadlali ehlabathini lonke. Kule midlalo kukho iivenkile, iimoto, izindlu, iindawo zemidaniso nezamahenyukazi—eneneni iba ngathi yindawo yokoqobo. Abadlali bokoqobo bathumelelana imiyalezo ngekhompyutha, ngoxa bona abadlali abenziwe ngekhompyutha bedlala iindima zabo.
Abanye abadlali abenziwe ngekhompyutha ababalaseleyo kule midlalo yimigulukudu, amahenyukazi, abantu abanobuqhetseba nezigwinta. Abadlali benza izinto ezixhomis’ amehlo abebengenakuzenza ngokoqobo. Ngokucofa amaqhosha nje ambalwa, abadlali abenziwe ngekhompyutha banokubandakanyeka kwiintlobano zesini ngoxa bona abadlali bokoqobo bethumelelana imiyalezo ethetha ngesini. Eminye imidlalo yenza ukuba lowo udlalayo abonakale esiba neentlobano zesini kunye nabadlali abenziwe ngekhompyutha abangabantwana. Oku kuyabaxhalabisa abanye abantu, ekubeni le midlalo ibalaselisa izenzo ezingekho mthethweni.
Isizathu Sokuba Kubalulekile Ukukhetha
Abo badlala le midlalo yogonyamelo okanye ebonisa ukuziphatha okubi ngokwesini basenokuthi: “Ayinabungozi.
Asiyonto yokoqobo. Ngumdlalo nje.” Kodwa musa ukuqhatheka!IBhayibhile ithi: “Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.” (IMizekeliso 20:11) Ukuba udlala imidlalo ye-elektroniki enogonyamelo nebonisa ukuziphatha okubi, ngaba kunokuthiwa unengqondo esulungekileyo yaye uthe tye? Uphando lubonisa ukuba ukubukela ugonyamelo kwenza abantu babe ndlongo-ndlongo. Ezinye iingcali zithi, ukubandakanyeka kwimidlalo ye-elektroniki kunempembelelo ngakumbi kunokubukela umabonwakude.
Ukukhetha ukudlala imidlalo enogonyamelo okanye ebonisa ukuziphatha okubi kufana nokudlala ngemichiza eyingozi—usenokungayiboni ngoko nangoko ingozi yayo, kodwa ngokuqinisekileyo ibakho. Njani? Ukuzichanaba ngokugqithiseleyo kule michiza kunokuba yingozi esiswini kuze kubangele iintsholongwane, nto leyo enokwenza umntu agule. Ngokufanayo, ukuzichanaba kwimidlalo ebonisa ukuziphatha okubi ngokwesini nogonyamelo kunokonakalisa Efese 4:19; Galati 6:7, 8.
‘ukuziphatha’ kwakho yaye loo nto inokuphembelela ingqondo nezenzo zakho.—Ndifanele Ndikhethe Yiphi Imidlalo?
Ukuba abazali bakho bayakuvumela ukuba udlale imidlalo ye-elektroniki, unokuyikhetha njani yaye ufanele uchithe ixesha elingakanani kuyo? Zibuze le mibuzo ilandelayo:
UYehova uya kuvakalelwa njani ukuba ndikhetha lo mdlalo? INdumiso 11:5 ithi: “UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo, yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” Ngokuphathelele abo basebenzelana nemimoya, iLizwi likaThixo lithi: “UYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto.” (Duteronomi 18:10-12) Ukuba ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo, ufanele usebenzise icebiso elikwiNdumiso 97:10 elithi: “Kuthiyeni okubi.”
1 Korinte 6:18) Imidlalo evuselela inkanuko yesini ayiyi kukunceda ukuba uhlale ucinga ngezinto ezibubulungisa, ezinyulu nezinesidima.—Filipi 4:8.
Lo mdlalo uya kuyichaphazela njani indlela endicinga ngayo? Zibuze, ‘Ngaba lo mdlalo uya kwenza kube lula okanye kube nzima ukuba “ndisabe kuhenyuzo”?’ (Ndiza kuchitha ixesha elingakanani kulo mdlalo? Kwanemidlalo engeyongozi inokukuchithela ixesha. Ngoko bhala phantsi ixesha olichitha kule midlalo. Ngaba idla ixesha obufanele ulichithe kwizinto ezibalulekileyo? Ukuhlola indlela olichitha ngayo ixesha lakho kuya kukunceda unikele ingqalelo kwezona zinto zibalulekileyo.—Efese 5:16.
Kakade ke, iBhayibhile ayithi ufanele uchithe lonke ixesha lakho ekufundeni okanye ekusebenzeni. Kunoko isikhumbuza ukuba kukho ‘ixesha lokuhleka nexesha lokudloba.’ (INtshumayeli 3:4) Noko ke, simele siqonde ukuba igama elithi ‘ukudloba’ libhekisela kwimidlalo eyahlukahlukeneyo. Ngoko kutheni ungakhe udlale neminye imidlalo eshukumis’ igazi kunokuhlala nje phambi kwekhompyutha?
Khetha Ngobulumko
Akuthandabuzeki ukuba imidlalo ye-elektroniki inokuba mnandi, ingakumbi xa ulichule ekuyidlaleni. Naso kanye isizathu sokuba ufanele ukhethe ngobulumko. Zibuze, ‘Ziziphi izifundo endibalasele kuzo esikolweni?’ Ngaba asizizo ezo uzithanda gqitha? Eneneni, isifundo osithanda kakhulu sidla ngokuba seso ubalaseleyo kuso. Ngoko zibuze: ‘Nguwuphi owona mdlalo we-elektroniki ndiwuthandayo? Undifundisa ntoni lo mdlalo?’
Kunokuba udlale umdlalo kuba nje uthandwa ngoontanga bakho, zikhethele owakho umdlalo. Okubaluleke nangakumbi, sebenzisa eli cebiso leBhayibhile: ‘Qinisekisa ngoko kwamkelekileyo eNkosini.’—Efese 5:10.
Uyawuthanda umculo, yaye akukho nto iphosakeleyo ngaloo nto. Kodwa ngaba ulikhoboka lawo?
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Nina nithanda uYehova, kuthiyeni okubi.”—INdumiso 97:10.
ICEBISO
Bhala ngokufutshane umdlalo ngamnye ofuna ukuwudlala, ubhale injongo yawo nendlela yokuwudlala. Thelekisa oko ukubhalileyo nemigaqo yeZibhalo ekhankanywe kwesi sahluko, uze emva koko ubone enoba loo mdlalo ufanelekile kusini na.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ikliniki yokuqala ngqa ehlabathini yokunceda abantu abakhotyokiswe yimidlalo yekhompyutha yavulwa eAmsterdam, eNetherlands, ngowama-2006.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuba umhlobo wam ucela ukuba ndidlale umdlalo we- elektroniki onogonyamelo nokuziphatha okubi, ndiza kuthi ․․․․․
Nanku umlinganiselo wexesha endiza kulichitha ekudlaleni imidlalo ye-elektroniki ngeveki ․․․․․yaye ndakukwazi ukuwugcina lo mlinganiselo ukuba ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Imidlalo ye-elektroniki inokuyichaphazela njani indlela acinga navakalelwa ngayo lowo uyidlalayo?
● Kutheni kubalulekile ukucinga ngemilinganiselo kaYehova yokuziphatha xa ukhetha umdlalo?
● Unokumnceda njani umntwana wakowenu ongaphantsi kuwe othanda ukudlala imidlalo engafanelekanga?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 249]
“Imidlalo emininzi inokukwenza ungaboni nto iphosakeleyo ngogonyamelo, ukuthuka nokuziphatha okubi, yaye ekuhambeni kwexesha inokukubeka esichengeni sokwenza nezinye izinto ezimbi. Ufanele uwulumkele umdlalo owukhethayo.”—UAmy
[Umfanekiso okwiphepha 250]
Ukudlala imidlalo enogonyamelo okanye ukuziphatha okubi kufana nokudlala ngemichiza eyingozi—usenokungayiboni ngoko nangoko ingozi yayo, kodwa ngokuqinisekileyo ibakho