Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umzekelo Wokuxeliswa—AmaHebhere Amathathu

Umzekelo Wokuxeliswa—AmaHebhere Amathathu

Umzekelo Wokuxeliswa—AmaHebhere Amathathu

UHananiya, uMishayeli noAzariya bemi kwithafa laseDura kufuphi naseBhabhiloni. Wonk’ umntu uqubuda kumfanekiso omkhulu. Nakuba begculelwa ngoontanga yaye betyityinjiselwa umnwe ngukumkani, aba bafana bema beqinile. Baxelela uNebhukadenetsare ngentlonelo kodwa ngokungqalileyo ukuba isigqibo sabo sokukhonza uYehova asinakuguqulwa.Daniyeli 1:6; 3:17, 18.

Aba bafana babeselula kakhulu ukuthinjelwa kwabo eBhabhiloni. Bathembeka beselula kuba abazange bavume ukutya izinto ezazalelwe nguMthetho kaThixo, yaye oko kwabanceda ukuba bakwazi ukujamelana nezilingo ezaziza kulandela ebomini. (Daniyeli 1:6-20) Babesazi ukuba ukuthobela uYehova likhondo lobulumko. Ngaba nawe ukulungele ukunamathela kwimilinganiselo kaThixo xa uphantsi kwengcinezelo yoontanga? Ukuba ufunda ukuthobela uYehova ngoxa uselula kwizinto ezinokubonakala zingenamsebenzi, unokukwazi ukuthembeka naxa ujamelene neemvavanyo ezingakumbi ebomini.—IMizekeliso 3:5, 6; Luka 16:10.