Umzekelo Wokuxeliswa—UDavide
Umzekelo Wokuxeliswa—UDavide
UDavide uyawuthanda umculo. Uyimvumi yaye unesiphiwo sokuqamb’ iingoma. Uyakwazi nokuzenzela izixhobo zokudlala umculo. (2 Kronike 7:6) Ngenxa yesi siphiwo sakhe, ucelwa ngukumkani wakwaSirayeli ukuba aze kucula ebhotwe. (1 Samuweli 16:15-23) UDavide uyavuma. Kodwa loo nto ayimenzi abe nekratshi, okanye yenze umculo ube yeyona nto iphambili ebomini bakhe. Kunoko, usebenzisa esi siphiwo anaso ekudumiseni uYehova.
Ngaba uyawuthanda umculo? Kusenokwenzeka ukuba akungumlonjikazi, kodwa usenako ukuxelisa umzekelo kaDavide. Njani? Ngokungavumeli umculo ube yeyona nto iphambili ebomini bakho okanye ukubangele wenze izinto ezingamkholisiyo uThixo. Kunoko, umculo umele ukwenze unandiphe ubomi. Umculo sisipho esivela kuThixo. (Yakobi 1:17) UDavide wasebenzisa esi sipho ukuze akholise uYehova. Ngaba nawe uza kusisebenzisa ngendlela efanayo?