Umzekelo Wokuxeliswa—UHezekiya
Umzekelo Wokuxeliswa—UHezekiya
Lifikile ixesha lokuba uHezekiya enze ukhetho ebomini bakhe. Uneminyaka engama-25 kuphela ubudala yaye sele engukumkani wakwaYuda. Uza kuba ngukumkani onjani? Ngaba uza kulandela umzekelo ombi kayise, uKumkani uAhazi? UAhazi wafa engumwexuki ongaguqukiyo. Wakhuthaza unqulo lobuhedeni yaye wade watshisa nomnye wabantakwaboHezekiya kwisibingelelo sabahedeni. (2 Kronike 28:1-4) Nakuba kunjalo, uHezekiya akaphazanyiswa ziindlela zikayise zobuhedeni ekunquleni uYehova yaye akenzi iimpazamo ezenziwa nguyise. Kunoko, uHezekiya uqhubeka “enamathele kuYehova.”—2 Kumkani 18:6.
Ngaba omnye wabazali bakho uhlekisa ngonqulo lukaYehova? Ngaba uyakuxhaphaza okanye ngaba ulikhoboka lotywala okanye leziyobisi? Ukuba kunjalo, akuyomfuneko ukuba wenze iimpazamo ezenziwa ngabazali bakho! UHezekiya akazange avume ukuba iimeko awakhulela phantsi kwazo zonakalise ubomi bakhe. Eneneni, waba ngukumkani olungileyo kangangokuba “emva kwakhe akuzange kubekho unjengaye kubo bonke ookumkani bakwaYuda.” (2 Kumkani 18:5) NjengoHezekiya, unokuphumelela nokuba ukhulele kwikhaya elinjani. Njani? Ngokuhlala ‘unamathele kuYehova.’