Umzekelo Wokuxeliswa—UPawulos
Umzekelo Wokuxeliswa—UPawulos
Umpostile uPawulos uyayazi indlela avakalelwa ngayo. Ngokunyaniseka uyavuma: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.” UPawulos ngumntu olungileyo. Uthi: “Ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi.” Yintoni kanti ingxaki kaPawulos? Uyaphendula: “Ndibona omnye umthetho . . . usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.” UPawulos uba buhlungu ngeempazamo zakhe. Udanduluka athi: “Hayi usizana endilulo!”—Roma 7:21-24.
Ngaba iimpazamo zakho zikwenza ube lusizi? Ukuba kunjalo, khumbula ukuba noPawulos wayevakalelwa njalo maxa wambi. Kodwa uPawulos wayesazi ukuba uKristu wafela bonke abantu, yaye oko kwambangela wathi: “Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!” (Roma 7:25) UPawulos wayijonga intlawulelo njengesipho esasenzelwe yena. Wathi: ‘UNyana kaThixo, wandithanda waza wazinikela ngenxa yam.’ (Galati 2:20) Xa unxunguphele camngca ngentlawulelo. Ukuba udinyazwa ziintsilelo zakho, ungalibali ukuba uKristu wafela aboni, kungekhona abantu abafezekileyo.