Umzekelo Wokuxeliswa—UYosefu
Umzekelo Wokuxeliswa—UYosefu
UYosefu ujamelene nesigqibo esinzima. Umfazi wenkosi yakhe kudala efuna ukulala naye. Uzama ukumhenda kwakhona! Kodwa uYosefu akahendeki. Eneneni, umile kwisigqibo sakhe. Uthi kuye: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?” Xa lo mfazi efuna ukulala naye ngenkani—ade ambambe—uYosefu akanazintloni zokubaleka. Uyabaleka aphume phandle! Oku kubonisa ukuba uYosefu uziphethe kakuhle yaye uyayigcina ingqibelelo.—Genesis 39:7-12.
Nawe unokujamelana nemeko efanayo, kubekho umntu ofuna ube neentlobano zesini kunye naye. Akuyi kwala kuba nje unamandla okuxhathisa esi silingo. Kufuneka ube nomnqweno wokukholisa uMdali wakho, uYehova uThixo. Kaloku, noYosefu wayenawo umnqweno wesini, njengawe. Nakuba kunjalo, akazange akucinge nokukucinga ukwanelisa loo mnqweno ngendlela eyayiza kumenza one uMdali wakhe. Ngendlel’ efanayo, kufuneka weyiseke ukuba ukuziphatha kakubi akumkholisi uThixo yaye kuya kushiya intliziyo yakho ilihlwili. Ngoko ke, zabalazela ukuhlala uziphethe kakuhle njengoYosefu.