Umzekelo Wokuxeliswa—UmShulamikazi
Umzekelo Wokuxeliswa—UmShulamikazi
UmShulamikazi oselula uyazi ukuba kufuneka angamfanyekiswa luthando. Uthi kubahlobo bakhe: “Ndiyanifungisa, . . . ukuba ningazami ukuluvusa okanye niluvuluselele uthando lwam lude luzivukele ngokwalo.” Lo mShulamikazi uyazi ukuba iimvakalelo zinokummfamekisa umntu. Ngokomzekelo, uyazi ukuba abanye banokumenza athandane nomntu ongamfanelanga. Nkqu neemvakalelo zakhe zinokumbangela angenzi sigqibo sifanelekileyo. Ngoko ke, lo mShulamikazi uhlala ‘eludonga.’—INgoma yazo iiNgoma 8:4, 10.
Ngaba ubonakalisa ukukhula kwimibanandela yothando njengomShulamikazi? Ngaba unokusebenzisa ingqondo kunokulandela intliziyo? (IMizekeliso 2:10, 11) Ngamanye amaxesha abanye basenokukuphembelela ukuba uthandane ungekakulungeli. Nawe unokuzifaka kule meko. Ngokomzekelo, xa ubona inkwenkwe nentombazana bebambene ngezandla, ngaba uye unqwenele ukuthandana? Ngaba unokukhetha umntu oneenkolelo ezingafaniyo nezakho? UmShulamikazi wabonakalisa ukuqola ngokwenza isigqibo esifanelekileyo. Nawe unokwenza okufanayo!