Umzekelo Wokuxeliswa—Umhlolokazi Olihlwempu
Umzekelo Wokuxeliswa—Umhlolokazi Olihlwempu
UYesu ubukele izityebi zifaka iminikelo kwisikhongozelo sobuncwane. Kweso sihlwele uphawula umhlolokazi osisisweli enikela ‘ngeengqekembe ezimbini ezincinane zexabiso elincinane kakhulu.’ (Luka 21:2) UYesu uyamncoma ngomoya wakhe wokupha. Ngoba? Kuba abanye banikele ‘ngokuphuma kwintsalela yabo, kodwa yena, ekusweleni kwakhe, uphose konke abenako, ukuphila kwakhe kuphela.’—Marko 12:44.
Ngaba nawe unoxabiso ngezinto ezibalulekileyo ebomini, njengeli bhinqa? Ngaba uzimisele ukuchitha ixesha nemali ekukhonzeni uThixo? Njengalo mhlolokazi owayeswele, unokunikela ukuze kunyanyekelwe iindawo zonqulo. Kwakhona unokuchitha ixesha nemali yakho ekuncedeni abanye bafunde ngoYehova uThixo. UYehova wawamkela loo mnikelo mncinane womhlolokazi. UThixo uya kuwuxabisa nowakho umnikelo yaye uya kukuxhasa xa ukwenza ukuthanda kwakhe kubalulekile kuwe.—Mateyu 6:33.