Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Utshintsho Ebomini

Utshintsho Ebomini

Icandelo 2

Utshintsho Ebomini

Ngaba akuluthandi utshintsho olwenzekayo emzimbeni wakho?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba utshintsho olubangelwa kukufikisa lukwenza uzive ulilolo, udidekile, okanye usoyika?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba usoloko ucinga ngabantu besini esahlukileyo?

□ Ewe □ Hayi

Ukuba uphendule ngokuthi “ewe” komnye wale mibuzo ingasentla, ungakhathazeki—oko akuthethi kuthi kukho into ephosakeleyo ngawe! Enyanisweni, utshintsho olwenzekayo emzimbeni nakwiimvakalelo lunokukwenza uvuye kakhulu uphinde uzive ukhathazekile yaye udidekile. Ngokuqinisekileyo, uyafuna ukukhula, kodwa utshintsho oluhambisana nako lunokukwenza uxhalabe! Funda ngendlela yokujamelana nolu tshintsho kwisahluko 6-8.

[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 56, 57]