Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Ndigula Kangaka Nje?

Kutheni Ndigula Kangaka Nje?

Isahluko 8

Kutheni Ndigula Kangaka Nje?

“Xa usemtsha, uvakalelwa kukuba akukho nto inokukoyisa. Kodwa, xa usuke ngequbuliso ugule kakhulu, uphelelwa ngamandla. Uziva ngathi waluphele ngesiquphe.”—UJason.

XA WAYENEMINYAKA eli-18 ubudala, uJason wahlaselwa sisifo esibuhlungu sokudumba kwamathumbu, esamenza wangumlwelwe. Mhlawumbi nawe unesifo esinganyangekiyo okanye isiphene. Izinto ezilula kwabaninzi—njengokunxiba, ukutya, okanye ukuya esikolweni—zisenokuba luxanduva kuwe.

Xa unesifo esinganyangekiyo usenokuvakalelwa kukuba akunankululeko, ufana nebanjwa elisentolongweni. Usenokuziva ulilolo. Usenokude ucinge ukuba wone uThixo, okanye ucinge ukuba uThixo uvavanya ingqibelelo yakho. Kodwa ke khumbula ukuba iBhayibhile ithi: “UThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Kulindelekile ukuba sigule, yaye sonke sehlelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.”—INtshumayeli 9:11.

Noko ke, okuvuyisayo kukuba uYehova uThixo usithembise ihlabathi elitsha apho ‘kungekho mntu uya kuthi: “Ndiyagula.”’ (Isaya 33:24) Nabantu abafileyo baza kuvuswa, ukuze nabo banandiphe elo hlabathi litsha. (Yohane 5:28, 29) Noko ke, unokuhlangabezana njani nemeko okuyo?

Yiba nesimo sengqondo esihle. IBhayibhile ithi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa.” (IMizekeliso 17:22) Abanye basenokuvakalelwa kukuba xa ugula kakhulu akufuneki ukuba uvuye okanye uhleke. Kodwa ukonwaba nokuhleka kunokuyihlaziya ingqondo yakho, komeleze nethemba lakho lokuphila. Ngoko cinga ngento onokuyenza ukuze uhlale wonwabile. Khumbula ukuba, uvuyo luphawu lobuthixo, yinxalenye yesiqhamo somoya kaThixo. (Galati 5:22) Loo moya unokukunceda uhlale uvuya noxa ugula.—INdumiso 41:3.

Zibekele usukelo olusengqiqweni. IBhayibhile ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Ukuthozama kuya kukunceda ukuba ungabi ngongakhathaliyo okanye uxhalabe ngokugqithiseleyo. Ngokomzekelo, ukuba impilo yakho iyakuvumela, ukulolonga umzimba ngomlinganiselo ofanelekileyo kunokukunceda uchache. Kungenxa yoko le nto oogqirha beneenkqubo zokulolonga imizimba yezigulana eziselula. Ubukhulu becala, ukulolonga umzimba ngendlela efanelekileyo akukuncedi ukuba uchache kuphela, kodwa kukwenza udlamke. Into ebalulekileyo yile, hlolisisa kakuhle imeko yakho uze uzibekele usukelo olusengqiqweni.

Indlela onokubaphendula ngayo abanye. Kuthekani ukuba abanye bathetha nje bengacinganga ngemeko yakho? IBhayibhile ithi: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu.” (INtshumayeli 7:21) Maxa wambi eyona nto ibhetele kukusuka nje ungayihoyi loo nto ithethwayo. Okanye usenokuyithintela loo meko. Ngokomzekelo, ukuba abanye babonakala bezibambile kuba bekubona uhleli kwisitulo sezigulana esinamavili, zama ukubenza bakhululeke. Usenokuthi: “Mhlawumbi niyazibuza ukuba kutheni ndihleli kwesi situlo nje. Ngaba niyafuna ukwazi?”

Unganikezeli. Xa wayebandezeleka kakhulu, uYesu wathandaza kuThixo, wathembela Kuye, waza wanikel’ ingqalelo kwikamva lakhe elivuyisayo kunokuba acinge ngentlungu akuyo. (Hebhere 12:2) Wafunda kumava akhe abuhlungu. (Hebhere 4:15, 16; 5:7-9) Walwamkela uncedo nokhuthazo. (Luka 22:43) Wazixhalabisa ngempilo-ntle yabanye kunokuzixhalabisa ngokubandezeleka kwakhe.—Luka 23:39-43; Yohane 19:26, 27.

UYehova ‘Ukukhathalele’

Singakhathaliseki isigulo onaso, akufanele uvakalelwe kukuba uThixo akakuxabisanga. Kunoko, uYehova ubagqala njengabaxabisekileyo abo bazabalazela ukumkholisa. (Luka 12:7) ‘Ukukhathalele’ ngokobuqu, yaye uyakuvuyela ukukusebenzisa enkonzweni yakhe—nangona ugula okanye unesiphene.—1 Petros 5:7.

Ngoko musa ukuvumela uloyiko okanye ukungazithembi kukuthintele ekwenzeni oko ufuna ukukwenza noko umele ukwenze. Ngalo lonke ixesha funa uncedo lukaYehova uThixo. Uyaziqonda iintswelo neemvakalelo zakho. Ngaphezu koko, unokukunika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze akuncede unyamezele. (2 Korinte 4:7) Ekuhambeni kwexesha, usenokuba nesimo sengqondo esikhuthazayo njengoTimothy owahlaselwa sisifo sokudinwa ngokugqithiseleyo (chronic fatigue syndrome) xa wayeneminyaka eli-17 ubudala. Uthi: “Ngokutsho kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:13, uYehova akayi kusivumela sibandezeleke ngaphezu kwamandla ethu. Ngoko, ukuba uMdali wam unentembelo yokuba ndinako ukumelana nesi silingo, bendingubani mna ukuba ndiphikisane naye?”

Ukuba Kugula Umntu Omaziyo

Kuthekani ukuba usempilweni, kodwa kukho umntu omaziyo ogulayo okanye onesiphene? Unokumnceda njani? Eyona nto ibalulekileyo kukuba ‘novelwano nemfesane.’ (1 Petros 3:8) Zama ukuqonda intlungu akuyo loo mntu. Zibeke kwimeko yakhe. UNina owazalwa enengxaki yomnqonqo (spina bifida), uthi: “Ekubeni ndinomzinjana omncinane yaye ndihleli kwisitulo sezigulana esinamavili, abanye abantu bathetha nam ngokungathi bathetha nomntwana, yaye kuyadimaza oko. Kodwa ke, bakho abenza umzamo wokuhlala phantsi xa bethetha nam, ukuze amehlo ethu angqamane. Ndikuxabisa ngokwenene oko!”

Uya kufumanisa ukuba abantu abagulayo banezinto ezininzi abafana nawe ngazo nangona begula. Xa uthetha nabo ‘unokubanika isipho somoya!’ Kanti nawe uya kungenelwa, kuba niya ‘kukhuthazana.’—Roma 1:11, 12.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 13

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ngelo xesha . . . akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—Isaya 33:23, 24.

ICEBISO

Xa unolwazi ngesigulo onaso akuhlali uxhalabile. Ngoko funda kangangoko ngaso. Xa kukho into ongayiqondi kakuhle, cela ugqirha akucacisele

NGABA UBUSAZI . . . ?

Akubangelwanga nguThixo ukuba ugule okanye ube nesiphene. Kunoko, oku kubangelwa kukungafezeki esiye sonke sakuzuz’ ilifa kuAdam.—Roma 5:12.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndihlale ndinesimo sengqondo esihle nangona ndigula okanye ndinesiphene, ndiza ․․․․․

Nalu usukelo olusengqiqweni endinokuzibekela lona ․․․․․

Xa kukho umntu othetha amazwi adimazayo ngokuphathelele isifo endinaso, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Unokuyisebenzisa njani inkcazelo ekwesi sahluko ekuncedeni umntu onesiphene okanye onesifo esinganyangekiyo?

Ukuba unesifo esinganyangekiyo, ziziphi izinto ezakhayo onokucamngca ngazo ukuze ukwazi ukuhlangabezana naso?

Wazi njani ukuba ukubandezeleka akuthethi kuthi uThixo akakholiswa nguwe?

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 75]

UDUSTIN oneminyaka engama-22 ubudala uthi:

“Umama wandanga wandithuthuzela xa ndandilila emva kokuva ukuba ndiza kuhlala kwisitulo sezigulana esinamavili ubomi bam bonke. Ndandineminyaka esibhozo kuphela ubudala ngelo xesha.

Ndine-“muscular dystrophy,” isifo esenza buthathaka izihlunu. Kufuneka ndinxityiswe, ndihlanjwe, ndize ndityiswe. Andikwazi tu ukuphakamisa iingalo. Sekunjalo, ndixakekile yaye ndiyabunandipha ubomi, kwaye zininzi izinto endinombulelo ngazo. Ndiya rhoqo entsimini yaye ndikhonza njengesicaka solungiselelo ebandleni. Ndide ndiyilibale nento yokuba ‘ndinesiphene.’ Xa ukhonza uYehova, zininzi izinto ezikugcina uxakekile. Eyona nto ndikhangele phambili kuyo lihlabathi elitsha likaThixo, apho ndiya ‘kutsiba njengexhama.’”—Isaya 35:6.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 75]

UTOMOKO oneminyaka engama-21 ubudala uthi:

“Xa ndandineminyaka emine kuphela ubudala, ugqirha wathi kum: ‘Kuza kufuneka uphile ngesitofu se-“insulin” ubomi bakho bonke.’

Kunzima ngomntu onesifo seswekile ukugcina iswekile ikumlinganiselo ofanelekileyo. Kangangezihlandlo ezininzi kuye kufuneke ndingatyi ndibe mna ndifuna ukutya, okanye kufuneke nditye ngoxa ndingafuni. Ukuza kuthi ga ngoku, senditofwe izihlandlo ezingama-25 000 ezingalweni nasemathangeni, kangangokuba andiseva naxa nditofwa. Kodwa abazali bam baye bandinceda ndakwazi ukuhlangabezana nale meko. Basoloko bechwayitile yaye bayandikhuthaza ukuba ndizixabise izinto zokomoya. UYehova ube nenceba kum. Yathi yakuba bhetele impilo yam, ndabonisa uxabiso endinalo ngokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 76]

UJAMES oneminyaka eli-18 ubudala uthi:

“Abantu abayazi indlela abamele bamphathe ngayo umntu onembonakalo engaqhelekanga, njengam.

Ndimfutshane ngendlel’ engaqhelekanga (dwarfism). Abantu banikel’ ingqalelo kakhulu kwimbonakalo, ngoko ndisoloko ndizama ukubabonisa ukuba andingomntwana nje omncinane onelizwi elingqokolayo. Kunokuba ndidakumbe, ndizama ukunikel’ ingqalelo kwizinto endikwaziyo ukuzenza. Ndiyabunandipha ubomi. Ndifunda iBhayibhile ndize ndithandaze ndicele uYehova ukuba andixhase. Intsapho yasekhaya isoloko indikhuthaza. Ndikhangele phambili kwixesha laxa uThixo eza kuphelisa zonke iziphene. Kodwa okwangoku andizukusivumela isiphene endinaso ukuba sindidakumbise.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 76]

UDANITRIA oneminyaka eli-16 ubudala uthi:

“Ndaqonda ukuba ukho undonakele kuba kwakubuhlungu nokuphakamisa iglasi le yamanzi.

Xa une-‘fibromyalgia’ uhlala usezintlungwini, emzimbeni nangokweemvakalelo. Ndiyakuthanda ukwenza izinto ezenziwa lolunye ulutsha, kodwa ngoku kuya kusiba nzima. Nasebusuku ubuthongo abuhli! Kodwa ndiye ndafunda ukuba uYehova unokundinceda ndijamelane nengxaki yam. Ndada ndakwazi nokuchitha ixesha elingakumbi entsimini njengovulindlela ongumncedani. Kwakunzima, kodwa ndaphumelela. Ndizama ukwenza konke okusemandleni. Ndimele ‘ndimamele’ umzimba wam ndize ndiphumle xa ndiziva ndidiniwe. Ukuba ndilibele, umama usoloko endikhumbuza!”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 77]

UELYSIA oneminyaka engama-20 ubudala uthi:

“Ndandikade ndingumfundi osemgqabini. Ngoku kunzima nokufunda isivakalisi nje esilula, kusuke kube ngathi mandilile.

Isifo sokudinwa ngokugqithiseleyo (chronic fatigue syndrome) senza nento engenamsebenzi ibe nzima. Ngamany’ amaxesha kuba nzima nkqu nokuphakama ebhedini. Kodwa andivumeli ukugula kube yeyona nto iphambili. Ndifunda iBhayibhile yonke imihla, nokuba ziindinyana nje ezimbalwa, okanye ndicele elinye ilungu lentsapho lindifundele. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngendlela endinceda ngayo intsapho yasekhaya. Utata wada wancama isabelo esibalulekileyo kwindibano yesithili ukuze andincede ndibekho kuloo ndibano. Akazange akhalaze. Wathi esona sabelo sixabisekileyo kukunyamekela intsapho yakhe.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 77]

UKATSUTOSHI oneminyaka engama-20 ubudala uthi:

“Ndisuka ndiphakuzele, ndigxwale ndize ndixhuzule, ndaphul’ izinto.

Ndaqala ukuba nesifo sokuwa xa ndandineminyaka emihlanu ubudala. Sindihlasela kude kube kasixhenxe ngenyanga. Ndisel’ amayeza yonk’ imihla, nto leyo endenza ndihlale ndidiniwe. Kodwa ndizama ukucinga nangabanye, kungekhona ngesiqu sam kuphela. Ebandleni lethu kukho abazalwana ababini abalinganayo nam ngobudala abakwinkonzo yexesha elizeleyo, yaye baye bandinceda kakhulu. Ukugqiba kwam esikolweni, ndalandisa ixesha endilichitha entsimini. Isifo sokuwa sikuqoba mihla le. Kodwa xa ndiziva ndidakumbile, ndiyaphumla. Ndiye ndizive ndibhetele ngosuku olulandelayo.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 78]

UMATTHEW oneminyaka eli-19 ubudala uthi:

“Kunzima ukuhlonelwa ngoontanga bakho xa bengakugqali njengomntu ‘oqhelekileyo.’

Ndingathanda ukuba kwiqela labadlali, kodwa andinakukwazi. Ndine-“cerebral palsy” (ndenzakala ebuchotsheni ndiselusana), ngoko kunzima nokuhamb’ oku. Kodwa andizikhathazi ngezinto endingenakukwazi ukuzenza. Ndizibhokoxa kwizinto endinokukwazi ukuzenza, njengokufunda. Ndiyakhululeka xa ndiye kwiHolo yoBukumkani kuba akukho mntu undithela nqa apho. Kwakhona kuyakhuthaza ukwazi ukuba uYehova undithanda ndinjalo. Enyanisweni, andizigqali njengomntu onesiphene. Ndizigqala njengomntu ojamelene nocelomngeni olukhethekileyo.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 78]

UMIKI oneminyaka engama-25 ubudala uthi:

“Ndandikade ndisiba nenxaxheba kwezemidlalo. Kodwa yaphela yonke loo nto ndisekwishumi elivisayo.

Ndazalwa ndinomngxuma entliziyweni. Oku kwaqala ukuphawuleka xa ndandikwishumi elivisayo. Ndatyandwa, kodwa nangoku—kwiminyaka emithandathu kamva—ndiyakhawuleza ukudinwa, yaye ndihlala ndiqaqanjelwa nayintloko. Ngoko ndisoloko ndizibekela usukelo endinokukwazi ukulufikelela ngethuba nje elifutshane. Ngokomzekelo, ndiye ndakwazi ukukhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo, ubukhulu becala ndishumayela ngeeleta nangefowuni. Kwakhona, ukugula kwam kundincedile ndahlakulela iimpawu ebendingenazo ngaphambili, njengokuzeka kade umsindo nokuthozama.”

[Umfanekiso okwiphepha 74]

Xa unesifo esinganyangekiyo usenokuvakalelwa ngathi uvalelwe entolongweni—kodwa iBhayibhile ithembisa ukuba uza kukhululeka