Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kwenzeka Ntoni Emzimbeni Wam?

Kwenzeka Ntoni Emzimbeni Wam?

Isahluko 6

Kwenzeka Ntoni Emzimbeni Wam?

“Ndazibona sele ndimde ngesiquphe. Ndandikuvuyela ukuba mde, kodwa imilenze neenyawo zam zaziqaqamba. Yileyo into endandingayithandi!”—UPaul.

“Ubona utshintsho emzimbeni wakho, yaye uthandazel’ ukuba kungabikho mntu ukubonayo oko. Kodwa suke mntu uthile, ngelincomayo, athi ‘ntombi ukhulile, sele unawo namahleza’—emva koko uthi nyoxo, kube ngathi mawuthi vuleka mhlaba ndingene!”—UChanelle.

NGABA nakha nafuduka njengentsapho? Kwakunzima, akunjalo? Kaloku, wawushiye yonk’ into oyiqhelileyo—indlu yakowenu, isikolo, nabahlobo bakho. Kumele ukuba kwathath’ ixesha ukuqhelana naloo ndawo intsha.

Ngexesha lokufikisa, kwenzeka utshintsho olukhulu ebomini bakho. Kufana nokufudukela ‘kwindawo’ entsha ngokupheleleyo. Ngaba olo tshintsho lubangel’ uvuyo? Ngokuqinisekileyo! Kodwa xa ukhula iimvakalelo ziyatshintshatshintsha yaye kunokuba nzima ukujamelana naloo meko. Kwenzeka ntoni ebudeni bolu tshintsho?

Utshintsho Olwenzeka Kumantombazana

Ukufikisa kubangela utshintsho olukhulu. Olunye lolo tshintsho luyabonakala. Ngokomzekelo, amadlala abangela ukuba kukhule uboya kwilungu lakho lenzala. Namabele akho aqalisa ukukhula, ngokunjalo namahleza, amathanga neempundu. Ngokuthe ngcembe uyayeka ukumila njengomntwana uze umile njengentombi. Noko ke ungaxhalabi—yinto eqhelekileyo le. Oku kubonisa ukuba kwixa elizayo unokukwazi ukuba nomntwana!

Ethubeni, emva kokuba uqalise ukufikisa, uza kuqalisa ukuba sexesheni. Ukuba akukhange wazi kwangaphambili ngolu tshintsho, usenokoyika. USamantha uthi: “Ukuba sexesheni kwandiqubula ndingenalo nofifi ngoko kwenzekayo kum. Ndandizenyanya, ndazikhuhla eshaweni ndicinga ukuba ‘ndingcole ngokulizothe.’ Kwakundoyikisa gqitha ukwazi ukuba ndiza kuba sexesheni nyanga nganye kangangeminyaka!”

Kodwa ke khumbula, ukuba sexesheni kubonisa ukuba unako ukuvelisa inzala. Nangona kuseza kudlula iminyaka ngaphambi kokuba ukulungele ukuba ngumzali, sele ulibhinqa elikhulileyo. Nakuba kunjalo, xa uqala ukuba sexesheni akubi mnandi. UKelli uthi: “Eyona nto yayindibhuqa kukutshintshatshintsha kweemvakalelo. Ndandingasazi isizathu sokuba ndilile ebusuku ekubeni bendonwabe imini yonke.”

Ukuba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela, yiba nomonde. Uza kude uqhele ekuhambeni kwexesha. UAnnette oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Ekugqibeleni, ndayamkela into yokuba olu tshintsho lumele lwenzeke ukuze ndibe libhinqa elikhulileyo, yaye eso sisipho endisinikwe nguYehova ukuze ndikwazi ukuba nabantwana. Amany’ amantombazana ayamkela nzima loo nto; kodwa iyamkeleka ekugqibeleni.”

Ngaba sele uqalile ukuluphawula olu tshintsho luchazwe apha? Kule migca ingezantsi, bhala imibuzo onayo ngotshintsho oluphawulayo.

․․․․․

Utshintsho Olwenzeka Kumakhwenkwe

Ukuba uyinkwenkwe, ukufikisa kuya kubangela utshintsho olukhulu kwimbonakalo yakho. Ngokomzekelo, ubuso bakho busenokuqalisa ukunyinyitheka, uze ube namaqhakuva namabala amnyama. a UMatt oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Iyacaphukisa into yokuzibona sele uthe bhutyu ngamaqhakuva. Ulwa idabi lokwenene, uzama ukuwaphelisa. Akwazi nokuba aya kuze aphele, okanye ashiye izibhaxu zamabala amabi, ungazi nokuba abantu abazukukujongela phantsi na ngenxa yawo.”

Noko ke, olunye utshintsho osenokuluthanda, kukuzibona usiba nezoso, namagxa aqalise ukuxanda. Kwakhona ebudeni bexesha lokufikisa, kusenokukhula uboya emilenzeni, esifubeni, ebusweni nasemakhwapheni. Kodwa ke, asikokuba noboya obuninzi emzimbeni okubonisa ukuba uyindoda; kuxhomekeka nje kwimfuza.

Ekubeni aalungu akho omzimba engakhuli ngaxeshanye, kusenokubakho ukungalungelelani okuthile ekuqaleni. UDwayne uthi: “Ndandifana nqwa nendlulamthi xa ndifake izihlangu zam ezinamavili. Kwakubonakala ngathi xa ingqondo yam ithumela umyalelo, ufika emva kweveki emilenzeni!”

Kwiminyaka yakho yobutsha uza kuqalisa ukungqokola, kodwa oko kuza kwenzeka ngokuthe ngcembe. Kangangethuba elithile, unokuba neentloni xa ilizwi lakho elingqokolayo litswina ngamanye amaxesha. Kodwa ke, ungakhathazeki. Ekugqibeleni liza kuyondelelana. Okwangoku, xa kusenzeka oku, usenokuhleka nje yaye oko kuya kukunceda ungabi nantloni kakhulu.

Njengoko ukhula, nelungu lakho lesini liza kukhula, kuze kuvele noboya. Kwakhona liza kuqalisa ukuvelisa amadlozi. La madlozi ayaphuma ngethuba lokuba neentlobano zesini. Xa edibana neqanda elisesibelekweni sebhinqa, avelisa usana.

Amadlozi ayaqokelelana emzimbeni wakho. Amanye awaphumi emzimbeni, kodwa maxa wambi amanye asenokuphuma ebusuku xa ulele. Oku kudla ngokubizwa ngokuba yiwet dream (ukuphupha okubangela ukuphuma kwamadlozi). Oku kuqhelekile. NeBhayibhile iyathetha ngako. (Levitikus 15:16, 17) Oku kubonisa ukuba amalungu akho enzala ayasebenza yaye uyakhula.

Ngaba sele uqalile ukuluphawula emzimbeni wakho olu tshintsho luchazwe apha? Kule migca ingezantsi, bhala imibuzo onayo ngotshintsho oluphawulayo.

․․․․․

Ukuhlangabezana Neemvakalelo Ezingaqhelekanga

Njengoko amakhwenkwe namantombazana efikisa, aqalisa ukunikel’ ingqalelo ngakumbi kubantu besini esahlukileyo. UMatt uthi: “Ukuqalisa kwam ukufikisa, ndaphandlwa ngamantombazana amaninzi amahle. Kwakundidimaza gqitha oko, kuba ndandisazi ukuba andinakwenza nto ngawo de ndibe mdala ngokwaneleyo.” Kwisahluko 29 sale ncwadi kuza kuchazwa iinkcukacha ezingakumbi ngalo mbandela. Kodwa okwangoku, ufanele wazi ukuba kubalulekile ukufunda ukuwulawula umnqweno wesini. (Kolose 3:5) Nakuba kusenokubonakala kunzima, unako ukuwulawula!

Zikho nezinye iimvakalelo osenokuba nazo xa ufikisa. Ngokomzekelo, usenokuziva ungabalulekanga. Abanye abantu abaselula badla ngokuziva bengamalolo, yaye maxa wambi bayadandatheka. Ngamaxesh’ anjalo, kuhle ukuthetha nomzali okanye omnye umntu okhulileyo onokumthemba. Bhala igama lomntu okhulileyo onokuthetha naye ngeemvakalelo zakho.

․․․․․

Okona Kukhula Kubalulekileyo

Okona kukhula kubalulekileyo asibobude, ukumila, okanye utshintsho olwenzeka ebusweni, kodwa bubuntu bakho—obubandakanya ukukhula engqondweni, ngokweemvakalelo, nangokomoya. Umpostile uPawulos wathi: “Xa ndandilusana, ndandifudula ndithetha ngokosana, ndicinga ngokosana, ndiqiqa ngokosana; kodwa ekubeni ngoku ndiyindoda, ndizibhangisile iimpawu zobusana.” (1 Korinte 13:11) Ingongoma yala mazwi izicacele. Akumele ukhule nje ngomzimba. Umele ufunde ukwenza, ukuthetha nokucinga njengomntu okhulileyo. Musa ukuzixhalabisa ngokugqithiseleyo ngotshintsho olwenzeka emzimbeni ude ulibale ngeempawu zomntu wangaphakathi!

Kwakhona, khumbula ukuba uThixo “ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) IBhayibhile ithi uKumkani uSawule wayemde yaye eyinzwana, kodwa sekunjalo akazange aphumelele ebomini. (1 Samuweli 9:2) Kanti yena uZakeyu, ‘wayemfutshane ngesithomo,’ kodwa wakwazi ukutshintsha ubomi bakhe waza waba ngumfundi kaYesu. (Luka 19:2-10) Ngoko kucacile ukuba, eyona nto ibalulekileyo koko ukuko ngaphakathi.

Ngokuqinisekileyo ayikho indlela onokukukhawulezisa okanye ukucothise ngayo ukukhula kwakho emzimbeni. Ngoko endaweni yokuba uziqhekez’ intloko ngotshintsho olwenzekayo emzimbeni, lwamkele ngezandl’ ezishushu. Ukufikisa akusosifo, yaye akungomntu wokuqala ukufikisa. Ngoko qiniseka ukuba, uza kukwazi ukujamelana nako. Wakuba udlulile kwinqanaba lokufikisa, uya kuba yindoda okanye ibhinqa eliqolileyo!

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Kuthekani ukuba akuyithandi imbonakalo yakho xa uzijonga esipilini? Yiyiphi imbono efanelekileyo omele ube nayo ngenkangeleko yakho?

[Umbhalo osemazantsi]

a Namantombazana aba nayo le ngxaki. Kodwa isenokulunga xa usebenzisa izithambiso zolusu.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.”—INdumiso 139:14.

ICEBISO

Njengoko umzimba wakho utshintsha, kuphephe ukunxiba impahla evuselel’ inkanuko yesini. Ngalo lonke ixesha nxiba ngendlela ebonisa ‘ukuthozama nengqondo ephilileyo.’—1 Timoti 2:9.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Usenokuqalisa ukufikisa xa uneminyaka esibhozo ubudala okanye xa ukwishumi elivisayo. Kunzima ukuchaza ukuba umntu uqalisa nini kanye kanye ukufikisa.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Njengoko ndikhula, nalu olona phawu kufuneka ndisebenzele kulo ․․․․․

Ukuze ndikhule ngokomoya, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

Kutheni kunzima kangaka ukuhlangabezana notshintsho olwenzeka ngexesha lokufikisa?

Yintoni eyona uyifumanisa inzima ngolu tshintsho?

Kutheni uthando lwakho ngoThixo lusenokwehla xa ufikisa, yaye unokukuthintela njani oko?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 61]

“Usoloko usexhaleni xa ufikisa, ungaqiniseki ncam ukuba luluphi olunye utshintsho oluza kwenzeka emzimbeni wakho. Kodwa njengoko ukhula, ufunda ukulwamkela utshintsho olwenzekayo.”—UAnnette

[Ibhokisi ekwiphepha 63, 64]

Ndinokuqala Ngaphi Xa Ndithetha Notata Okanye Nomama Ngesini?

“Xa kukho into endifuna ukuyibuza ngesini, andinakubuza abazali bam.”—UBeth.

“Andinaso isibindi sokuthetha nabo ngalo mbandela.”—UDennis.

Ukuba uvakalelwa njengoBeth okanye uDennis, usengxakini. Ufuna ukwazi ngesini, kodwa uyonqena ukubuza abazali bakho, abona bantu bebenokukunceda! Mininzi imibuzo onayo:

Baza kucinga ntoni ngam?

“Ndinexhala lokuba baza kusuke bandikrokrele xa ndibabuza.”—UJessica.

“Bafuna uhlale ulusana olumsulwa, ngoko xa uqalisa ukuthetha nabo ngesini, uyabanxubisa.”—UBeth.

Baza kusabela njani?

“Ndoyika ukuba abazali bam baza kusuke bandihambele phambili bengekeva nokuba ndifuna ukuthini, baze baqalise ukundiyala.”—UGloria.

“Abazali bam abakwazi kuzifihla iimvakalelo zabo, ngoko ndoyika ukubona ubuso babo buthe nyoxo kukudana. Ibe ndiyamazi ke yena utata, uza kuthi ndisathetha, abe sel’ ecinga ngesiluleko.”—UPam.

Ngaba baza kundicingela kakubi?

“Basenokuthi xhungu baze bathi, ‘Ngaba ufuna ukuba neentlobano zesini?’ okanye bathi, ‘Ngaba oontanga bakho bazama ukukuphembelela?’ Kanti kusenokwenzeka ukuba ufuna nje ukwazi.”—ULisa.

“Utata uba nexhala qho xa ndithetha ngomfana othile. Ukusuk’ apho aqalise ukundiyala ngesini. Ngaphakathi ndiye ndithi, ‘Owu tata, bendincoma nje ubuhle bakhe. Khange ndithethe nto ngomtshato okanye ngesini!’”—UStacey.

Kusenokukuthuthuzela ukwazi ukuba, kunzima nakubazali bakho ukuthetha nawe ngesini njengokuba kunzima nakuwe! Mhlawumbi yiloo nto ebangela ukuba nangona bengama-65 ekhulwini abazali abathi bayancokola nabantwana babo ngesini, kodwa babe ngama-41 ekhulwini kuphela abantwana abayikhumbulayo incoko enjalo kunye nabazali babo.

Kusenokwenzeka ukuba abazali bakho baneentloni zokuthetha ngesini. Kwiimeko ezininzi oku kubangelwa kukuba nababo abazali abazange bathethe nabo ngesini! Enoba siyintoni na isizathu sokuba mathidala kwabazali bakho, yiba nomonde. Mhlawumbi ungabonisa inkalipho ngokuthi uyiqale ngokwakho le ncoko nto leyo eya kunceda wena kunye nabo. Ungakwenza njani oko?

Indlela Yokutshayelela Lo Mbandela

Abazali bakho banobulumko nolwazi oluphangaleleyo ngokuphathelele isini. Wena ufanele wazi nje indlela onokuthetha nabo ngayo. Usenokuzama ezi ndlela zilandelayo:

1 Mchazele ukuba uyoyika ukuthetha naye ngalo mbandela. “Andikhululeki ncam ukuthetha ngalo mbandela, kuba usenokuthi . . .”

2 Emva koko mchazele umzali wakho isizathu sokuba uthethe naye. “Kodwa ndinombuzo, yaye ndibona kubhetele ukubuza wena kunokubuza omnye umntu.”

3 Emva koko buza loo nto ufuna ukuyibuza. “Ndifuna ukubuza ukuba . . .”

4 Ekupheleni kwencoko yenu, yenza indlela yokuba kube lula ukuthetha ngalo mbandela kwakhona. “Ukuba kunokwenzeka ndibe neminye imibuzo, ndingakubuza?”

Nangona usazi ukuba umzali wakho uza kuthi ewe, ukumva ekuqinisekisa ukuba ungaphinda umbuze nakwixesha elizayo kuya kukwenza uzive ukhululeke ngakumbi ukuthetha naye kwakhona. Ngoko khawulizame eli cebiso! Mhlawumbi usenokuvumelana noTrina. Ngoku uneminyaka engama-24 ubudala, yaye uthi: “Ngethuba sasincokola nomama ngalo mbandela, ndandizisola ukuba bendimbuzela ntoni. Kodwa ngoku ndiyayivuyela into yokuba umama wathetha ngokuphandle nam. Kuye kwandikhusela gqitha oko!”

[Umfanekiso okwiphepha 59]

Ukushiya ubuntwana kufana nokufuduka—kodwa kuyaqheleka ekugqibeleni