Iimbalasane Zonyaka Odlulileyo
1 Kor. 15:58) Le ngxelo ilandelayo ibonisa indlela amaNgqina KaYehova ehlabathini lonke afuna ngayo ‘ukukholosa ngoYehova, enze okulungileyo, aze aqhube ngokuthembeka.’—INdu. 37:3.
NJENGOKO ihlabathi likaSathana lifumana ingxaki emva kwenye, abakhonzi bokwenyaniso bakaYehova ‘banokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (Ukwakhiwa KweKomkhulu NeOfisi YeSebe Kwenye Indawo
Ukwandiswa kwesakhiwo saseWallkill, eNew York, kuye kwagqitywa ngoFebruwari 1, 2016, nto leyo enike ithuba iKomiti YeSebe LaseUnited States, iSebe Lenkonzo, namanye amasebe aseUnited States ukuba athuthele apho. Ekubeni umsebenzi kwikomkhulu elitsha eWarwick sele uza kugqitywa, intsapho
yaseBheteli eBrooklyn iye yenza umsebenzi omkhulu wokuthutha izinto kwidolophu yaseNew York izisa eWarwick.NgoMvulo, ngoAprili 3, 2017, abantu baza kuvunyelwa okokuqala ukuba batyelele ikomkhulu eliseWarwick.
-
“IBhayibhile Negama LikaYehova” abantu baza kubona iiBhayibhile ezinqabileyo nobungqina bokuba igama likaThixo lifanele libekho kwiZibhalo.
-
“Abantu Begama LikaYehova” abantu baza kubona imbali yamaNgqina KaYehova, nendlela uYehova aye wabakhokela, wabafundisa waza wabalungisa ngayo abantu bakhe ukuze benze ukuthanda kwakhe.
-
“IKomkhulu—Ukholo Olunemisebenzi” abantu baza kubona oko kwenziwa ziikomiti zeQumrhu Elilawulayo ukuze zincede abantu bakaYehova bahlanganisane, benze abafundi, bafunde iBhayibhile baze bathandane.
Abantu baza kukwazi ukuzibonela ngokwabo ezi zinto ngoMvulo ukuya kutsho ngoLwesihlanu ngo-8:00 kusasa ukuya kutsho ngo-4:00 emalanga. Ukanti baza kukhenkethiswa imizuzu eyi-20 baze baboniswe iiOfisi nenxalenye yeBheteli. Baza kuziboniswa ezi zinto ngoMvulo ukuya kutsho ngoLwesihlanu, phakathi kuka-8:00 ukuya ku-11:00 kusasa, nasemva kwemini phakathi kuka-1:00 ukuya kutsho ku-4:00.
Ngaphambi kokuba ucebe ukuza kutyelela apha, nceda ungene ku-jw.org phantsi kwendawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IIOFISI NOKUKHENKETHA > EMerika.
KWELI CANDELO
Ukuwubeka Kwindawo Yokuqala Umsebenzi Wokushumayela Owenziwa Ehlabathini Lonke
Abazalwana ababekade beseBheteli baye baqhelana njani nokuba sentsimini?
“Abekho Abamelwane Abanjengani”
NgoMeyi 7 nange-8, 2016, kwabakho umboniso weBhayibhile eBrooklyn Heights, eNew York owanikela ubungqina kubamelwane beBhetele eBrooklyn.
Intlanganiso Entsha Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
NgoJanuwari 2016, kuye kwenziwa utshintsho ehlabathini lonke kwiintlanganiso zebandla zaphakathi evekini.
IJW Broadcasting ‘Iyasomeleza Ize Isihlaziye!’
IJW Broadcasting yaqala ukubakho ngo- 2014 ibe ngoku ibukelwa ngabantu beelwimi eziyi-90. Kukhona abukhotshoyo abantu?
Kunikezelwa Amasebe
Ukunikezelwa kwezakhiso eArmenia naseKyrgyzstan bekuwavuyisa amaNgqina asekuhlaleni.
Ingxelo Yezomthetho Ka-2016
Ziziphi ingxaki zomthetho ahlangene nazo amaNgqina ngo-2016?
Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke
Amagqabantshintshi ngoko bekusenziwa ngamaNgqina KaYehova eJamani, eBelize, eBurundi, eNepal, eItaly, eArgentina, eUganda, eCongo (Kinshasa), nasePapua New Guinea.