Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Akakho Ummi Wakhona Oya Kuthi: ‘Ndiyagula’”

“Akakho Ummi Wakhona Oya Kuthi: ‘Ndiyagula’”

Isahluko Samashumi Amabini Anesithandathu

“Akakho Ummi Wakhona Oya Kuthi: ‘Ndiyagula’”

Isaya 33:1-24

 1. Kutheni ethuthuzela nje amazwi kaIsaya 33:24?

 “YONKE indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.” Watsho njalo umpostile uPawulos. (Roma 8:22) Phezu kwayo nje inkqubela kwinzululwazi yezamayeza, ukugula nokufa kusaqhubeka kubathwaxa abantu. Ngoko, hayi indlela esimangalisa ngayo isithembiso esibalaseliswa kule nxalenye yesiprofeto sikaIsaya! Khawulithelekelele nje ixesha laxa ‘kungekho mmi uya kuthi: “Ndiyagula.”’ (Isaya 33:24) Siza kuzaliseka nini yaye njani esi sithembiso?

2, 3. (a) Uhlanga lwakwaSirayeli lugula ngayiphi indlela? (b) IAsiriya isetyenziswa njani ‘njengentonga’ kaThixo yokuqeqesha?

2 UIsaya ubhala ngexesha laxa abantu bakaThixo bomnqophiso begula ngokomoya. (Isaya 1:5, 6) Bangene nzulu kuwexuko nasekuziphatheni okubi kangangokuba bafanelwe luqeqesho oluqatha lukaYehova uThixo. IAsiriya ‘iyintonga’ kaYehova yokudlulisela olo qeqesho. (Isaya 7:17; 10:5, 15) Okokuqala, ubukhosi basentla bezizwe ezilishumi zakwaSirayeli boyiswa ngama-Asiriya ngonyaka wama-740 B.C.E. (2 Kumkani 17:1-18; 18:9-11) Kwiminyaka embalwa kamva, uKumkani uSenaribhe waseAsiriya ubuphumel’ iphulo ubukhosi basezantsi bakwaYuda. (2 Kumkani 18:13; Isaya 36:1) Njengoko umkhosi owomeleleyo wama-Asiriya uhlasela elo lizwe, ukutshatyalaliswa ngokupheleleyo kukaYuda kubonakala kungenakuphepheka.

3 Kodwa iAsiriya, idlulela ngaphaya kwegunya elinikiweyo lokuqeqesha abantu bakaThixo, ize ngokubawa ibe namabhongo okoyisa ihlabathi. (Isaya 10:7-11) Ngaba uYehova uza kuyiyeka nje angayohlwayi ngokuphatha kwayo kakubi abantu bakhe? Ngaba siza kunyangwa na isigulo sokomoya solu hlanga? KuIsaya isahluko 33, sifunda iimpendulo zikaYehova kule mibuzo.

Ukuphanga Umphangi

4, 5. (a) Izinto ziza kuyitshintshela ngayiphi indlela iAsiriya? (b) Nguwuphi umthandazo uIsaya awenzela abantu bakaYehova?

4 Isiprofeto sitshayelela ngokuthi: “Yeha ke wena uphangayo, ube wena ngokwakho ungaphangwa, nawe wenza ngobuqhophololo, babe abanye bengenzi ngobuqhophololo kuwe! Wakugqiba ukuphanga, uya kuphangwa. Wakugqiba ukwenza ngobuqhophololo, baya kwenza ngobuqhophololo nakuwe.” (Isaya 33:1) UIsaya ubhekisa ngqo kumphangi, iAsiriya. Luye lomelela kakhulu olu hlanga lunengcwangu lwada lwabonakala lungenakoyiswa. Luye ‘lwaphanga lona lungaphangwa,’ lwazitshabalalisa izixeko zakwaYuda, lwada lwaphanga bonke ubutyebi bendlu kaYehova—ngaphandle kokohlwaywa! (2 Kumkani 18:14-16; 2 Kronike 28:21) Kodwa ke ngoku, isikhuni siza kubuya nomkhwezeli. Ethetha ngenkalipho, uIsaya uthi, “Uya kuphangwa.” Hayi indlela esithuthuzela ngayo esi siprofeto kwabo bathembekileyo!

5 Ebudeni belo xesha loyikekayo, kuza kufuneka ukuba abanquli abanyanisekileyo bakaYehova babhenele kuye ngoncedo. Ngenxa yoko uIsaya uthandaza esithi: “Owu Yehova, sibabale. Sithembele kuwe. Yiba yingalo yethu [sinike amandla uze usixhase] ntsasa nganye, ewe, usindiso lwethu ngexesha lokubandezeleka. Ngesandi sengxokozelo izizwana zisabile. Ngokusukuma kwakho iintlanga zisasazekile.” (Isaya 33:2, 3) Ngokufanelekileyo, uIsaya uthandazela ukuba uYehova abahlangule abantu Bakhe njengoko enzile izihlandlo ezininzi kwixesha elidluleyo. (INdumiso 44:3; 68:1) Yaye zisuka nje uIsaya uxela kwangaphambili indlela uYehova aza kuwuphendula ngayo lo mthandazo!

 6. Yintoni eza kwenzeka kwiAsiriya, yaye kutheni ikufanele nje oko?

6 “Ixhoba lenu [ama-Asiriya] liya kuhlanganiswa njengamaphela xa ehlanganisana, njengokugxalathelana kweenkumbi.” (Isaya 33:4) UYuda uqhelene nokuhlasela kwezinambuzane. Noko ke, ngesi sihlandlo ziintshaba zikaYuda eziza kuphanziswa. IAsiriya iza koyiswa ngokulihlazo, yaye amajoni ayo aza kunyanzeleka ukuba asabe, eshiya ngasemva amaxhoba amaninzi aza kuqokelelwa ngabemi bakwaYuda! IAsiriya le, edume ngokukhohlakala, ikufanele oku kuphangwa kungaka.—Isaya 37:36.

IAsiriya Yale Mihla

 7. (a) Ngoobani namhlanje abanokuthelekiswa nohlanga lwakwaSirayeli olugulayo ngokomoya? (b) Ngoobani abaza kusetyenziswa ‘njengentonga’ kaYehova yokutshabalalisa iNgqobhoko?

7 Isiprofeto sikaIsaya sisebenza njani kumhla wethu? Uhlanga lwakwaSirayeli olugulayo ngokomoya lunokuthelekiswa neNgqobhoko engathembekanga. Kanye njengoko uYehova wasebenzisa iAsiriya ‘njengentonga’ yokohlwaya uSirayeli, ngoko uza kusebenzisa “intonga” ukohlwaya iNgqobhoko—kwanayo yonke enye inxalenye yobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, “iBhabhiloni Enkulu.” (Isaya 10:5; ISityhilelo 18:2-8) Loo “ntonga” iza kuba ziintlanga ezingamalungu eZizwe Ezimanyeneyo—ntlangano leyo kwiSityhilelo efanekiselwa lirhamncwa elimbala ungqombela, elineempondo ezisixhenxe neentloko ezilishumi.—ISityhilelo 17:3, 15-17.

 8. (a) Ngoobani namhlanje abanokuthelekiswa noSenaribhe? (b) Ngoobani uSenaribhe wale mihla aza kubahlasela ngenkalipho, yaye uza kuba yintoni umphumo woko?

8 Xa iAsiriya yale mihla ihlasela lonke unqulo lobuxoki, iza kubonakala ingenakuthintelwa. Enesimo sengqondo esifanayo nesikaSenaribhe, uSathana uMtyholi uza kuhlasela ngenkalipho—kungekuphela nje iintlangano eziwexukileyo ezifanelwe sisohlwayo kodwa kwanamaKristu okwenyaniso. Abaseleyo koonyana bakaYehova abathanjisiweyo bokomoya, bephelekwa zizigidi zabaphuma kwihlabathi likaSathana, eliquka iBhabhiloni Enkulu, baye babumela ngokuqinileyo uBukumkani bukaYehova. Ecatshukiswa kukungavumi kwamaKristu okwenyaniso ukumnika imbeko, “uthixo wale nkqubo yezinto,” uSathana, uza kuwaphumel’ iphulo awahlasele. (2 Korinte 4:4; Hezekile 38:10-16) Nakubeni ngokungathandabuzekiyo olu hlaselo luza kube lusoyikeka ngokwenene, akukho mfuneko yokuba abantu bakaYehova boyike. (Isaya 10:24, 25) Baqinisekisiwe nguThixo ukuba uya kuba ‘lusindiso lwabo ngexesha lokubandezeleka.’ Uza kungenelela, amphanzise uSathana nehlokondiba lakhe. (Hezekile 38:18-23) Kanye njengakumaxesha amandulo, abo bazama ukuphanga abantu bakaThixo baza kuphangwa! (Thelekisa IMizekeliso 13:22b.) Igama likaYehova liza kungcwaliswa, yaye abasindileyo baza kuvuzwa ngokufuna kwabo “ubulumko nolwazi [nokoyika] uYehova.”—Funda uIsaya 33:5, 6.

Isilumkiso Kwabo Bangathembekanga

 9. (a) Yintoni eza kwenziwa ‘ngamaqhawe’ ‘nangabathunywa boxolo’ bakwaYuda? (b) Ama-Asiriya aza kusabela njani kubaququzeleli boxolo bakwaYuda?

9 Noko ke, liliphi ishwangusha eliza kufikela abo bangathembekanga kwaYuda? UIsaya usizobela umfanekiso-ngqondweni omfiliba wokutshatyalaliswa kwabo kamsinya ngama-Asiriya. (Funda uIsaya 33:7.) “Amaqhawe” emfazwe akwaYuda ayalila luloyiko akubona ama-Asiriya esondela. “Abathunywa boxolo,” oonozakuzaku abathunyelwa ukuya kudala uxolo nama-Asiriya alungele imfazwe, bayagculelwa baze bahlaziswe. Baza kulila ngokukrakra ngenxa yokusilela kwabo. (Thelekisa uYeremiya 8:15.) IAsiriya ekhohlakeleyo ayisayi kubasizela. (Funda uIsaya 33:8, 9.) Iya kusuka ngokungenalusini iyibethe ngoyaba iminqophiso eyenze nabemi bakwaYuda. (2 Kumkani 18:14-16) IAsiriya iya ‘kuzicekisa izixeko’ zakwaYuda, izidelele yaye izigculele, ingabukhathaleli ubomi babantu. Imeko iya kuba mbi kangangokuba nelizwe ngokwalo, ngokungathi kunjalo, liza kuzila. ILebhanon, iSharon, iBhashan neKarmele nazo ziza kuzila ngenxa yoku kuphanziswa.

10. (a) “Amaqhawe” eNgqobhoko aza kungqineka engeloncedo ngayiphi indlela? (b) Ngubani oza kukhusela amaKristu okwenene ebudeni bomhla wokubandezeleka kweNgqobhoko?

10 Ngokungathandabuzekiyo kuza kwenzeka okufanayo kungekudala xa iintlanga ziqalisa ukuhlasela unqulo. Njengakumhla kaHezekiya, ukuzama ukumelana nale mikhosi itshabalalisayo kuza kuba lilize. “Amaqhawe” eNgqobhoko—abezobupolitika noonongxowa bayo, nabanye abantu bayo abadumileyo—abayi kukwazi ukuyihlangula. ‘Iminqophiso,’ okanye izivumelwano zezobupolitika nezemali, ezenzelwe ukukhusela izilangazelelo zeNgqobhoko ziza kwaphulwa. (Isaya 28:15-18) Amalinge abuphuthuphuthu okuphepha ukutshatyalaliswa ngokusebenzisa uthethathethwano aza kusilela. Urhwebo luza kunqumama, njengoko iimpahla kwaneemali eziselugcinweni zeNgqobhoko ziza kuthinjwa okanye zitshatyalaliswe. Nabani na oyisizelayo iNgqobhoko akukho nto anokuyenza ngaphandle kokumela mgama aze ayizilele. (ISityhilelo 18:9-19) Ngaba ubuKristu bokwenyaniso buza kutshatyalaliswa kunye nobobuxoki? Akunjalo, kuba uYehova ngokwakhe uqinisekisa esithi: “‘Ke kaloku ndiza kuvuka,’ utsho uYehova, ‘ke kaloku ndiza kuphakama; ke kaloku ndiza kuzinyusa.’” (Isaya 33:10) Ekugqibeleni, uYehova uza kungenelela ngenxa yabo bathembekileyo, abafana noHezekiya, aze akunqumamise ukuhlasela kweAsiriya.—INdumiso 12:5.

11, 12. (a) Azaliseka nini yaye njani amazwi kaIsaya 33:11-14? (b) La mazwi kaYehova anasiphi isilumkiso namhlanje?

11 Abangathembekanga abanakuthembela ekubeni baza kukhuselwa nabo. UYehova uthi: “Nikhawule ingca eyomileyo; niya kuzala iindiza. Umoya wenu uya kunidla unigqibe njengomlilo. Yaye izizwana zimele zibe njengokutshiswa kwekalika. Njengameva ahlahliweyo, ziya kutshiswa ngumlilo. Yivani, nina bakude, oko ndimele ndikwenze! Nize niwazi, nina bakufuphi, amandla am. EZiyon aboni bayankwantya; abawexuki babanjwe kukungcangcazela: ‘Ngubani na kuthi onokuhlala nomlilo oqwengayo ngalo naliphi na ixesha? Ngubani na kuthi onokuhlala namalangatye ahlala ehleli ngalo naliphi na ixesha?’” (Isaya 33:11-14) Ngokucacileyo la mazwi azaliseka ngexesha lokujamelana kukaYuda notshaba olutsha, iBhabhiloni. Emva kokufa kukaHezekiya, uYuda ubuyela kwiindlela zakhe zobungendawo. Kumashumi ambalwa eminyaka alandelayo, imeko kaYuda iwohloka ukusa kwinqanaba lokuba lonke olo hlanga kufuneke lufikelwe bubushushu bomsindo kaThixo.—Duteronomi 32:22.

12 Amacebo namaqhinga obungendawo abo bangathobeliyo okuzama ukuphepha umgwebo kaThixo aya kungqineka engeloncedo njengeendiza. Eneneni, umoya wekratshi nowemvukelo wolu hlanga nguwo oza kuphembelela iziganeko eziza kukhokelela ekutshatyalalisweni kwalo. (Yeremiya 52:3-11) Abangendawo baza kuba “njengokutshiswa kwekalika”—batshatyalaliswe ngokupheleleyo! Njengoko becinga ngale ntshabalalo iza ngokukhawuleza, abemi abavukelayo bakwaYuda bayangcangcazela kukunkwantya. La mazwi kaYehova kuYuda ongathembekanga abonisa imeko yamalungu eNgqobhoko namhlanje. Ukuba akasithobeli isilumkiso sikaThixo, alindelwe likamva elimfiliba.

‘Ukuhamba Ngobulungisa Ngokuqhubekayo’

13. Sisiphi isithembiso esibhekiswa kulowo ‘uhamba ngobulungisa ngokuqhubekayo,’ yaye sazaliseka njani kwimeko kaYeremiya?

13 Ngokwahlukileyo, ngoku uYehova uthi: “Kukho ohamba ngobulungisa ngokuqhubekayo nothetha oko kuthe tye, ogatya inzuzo yokungekho sikweni ngenkqatho, ovuthulula izandla zakhe zingabambi isinyobo, ovingca indlebe yakhe ekuphulaphuleni uphalazo-gazi, novala amehlo akhe khon’ ukuze angaboni okubi. Nguye oya kuhlala kwiindawo eziphakamileyo; indawo yakhe ephakamileyo nenqabisekileyo iya kuba ziindawo eziziingxondorha ekunzima ukuzifikelela. Ngokuqinisekileyo uya kusinikwa isonka sakhe; nesibonelelo sakhe samanzi asiyi kuphela.” (Isaya 33:15, 16) Njengoko umpostile uPetros ekugxininisa oku kamva, “uYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo ukuze banqunyulwe.” (2 Petros 2:9) UYeremiya wahlangulwa ngaloo ndlela. Ebudeni bokungqingwa yiBhabhiloni, abantu kwafuneka ‘badle isonka ngokomlinganiselo nangokuxhalaba.’ (Hezekile 4:16) Abanye abafazi bade badla nenyama yabantwana babo. (IZililo 2:20) Kodwa, uYehova waqinisekisa ukuba uYeremiya uhlala ekhuselekile.

14. AmaKristu namhlanje angahlala njani ‘ehamba ngobulungisa ngokuqhubekayo’?

14 AmaKristu namhlanje amele nawo ‘ahambe ngobulungisa ngokuqhubekayo,’ eyigqala mihla le imilinganiselo kaYehova. (INdumiso 15:1-5) Amele athethe ‘oko kuthe tye’ aze akugatye ukuxoka nokungabi nanyani. (IMizekeliso 3:32) Ubuqhetseba nokunyoba kusenokuba yinto eqhelekileyo emazweni amaninzi, kodwa kulizothe kulowo ‘uhamba ngobulungisa ngokuqhubekayo.’ Kwakhona amaKristu amele abe “nesazela esinyanisekileyo” kwezoshishino, awaphephe ngenkalipho nawaphi na amacebo obuqhetseba. (Hebhere 13:18; 1 Timoti 6:9, 10) Yaye lowo ‘uyivingcileyo indlebe yakhe ekuphulaphuleni uphalazo-gazi nowavalileyo amehlo akhe ukuze angaboni okubi’ uya kuba ngolumkileyo ekukhetheni umculo nokuzonwabisa. (INdumiso 119:37) Ebudeni bemini yakhe yomgwebo, uYehova uza kubakhusela aze abazimase abanquli bakhe, abaphila ngale milinganiselo.—Zefaniya 2:3.

Ukubona UKumkani Wabo

15. Sisiphi isithembiso esiza kuwazimasa amaYuda athembekileyo asekuthinjweni?

15 UIsaya usenzela amavandlakanya ngale ngxelo ilandelayo nehlab’ umxhelo yexesha elizayo esithi: “Amehlo akho aya kubona ukumkani nobunzwana bakhe; aya kubona ilizwe elikude. Intliziyo yakho iya kugqabaza ngezandi eziphantsi ngento eyothusayo: ‘Uphi na unobhala? Uphi na lowo uhlawulayo? Uphi na obala iinqaba?’ Abantu abasileyo akuyi kubabona, isizwana esilulwimi lunzulu kakhulu ongenakuluphulaphula, esilulwimi luthintithayo ongenakuluqonda.” (Isaya 33:17-19) Isithembiso sokuza kukaKumkani onguMesiya noBukumkani bakhe siya kuwazimasa amaYuda athembekileyo ebudeni bamashumi amaninzi eminyaka ekuthinjweni eBhabhiloni, nakubeni ebubonela kude obo Bukumkani. (Hebhere 11:13) Xa ekugqibeleni lufika ulawulo lukaMesiya, ubuzwilakhe beBhabhiloni buza kulibaleka. Abo basindileyo ekuhlaseleni kweAsiriya baza kubuza ngovuyo bathi: “Aphi na amagosa kazwilakhe, lawo ebesirhafisa, esihlawulisa, aze asirhumise?”—Isaya 33:18, Moffatt.

16. Abantu bakaThixo ‘bambone’ ukususela nini uKumkani onguMesiya, yaye oko kube nawuphi umphumo?

16 Nangona amazwi kaIsaya eqinisekisa ukukhululwa kwabo ekuthinjweni kwaseBhabhiloni, abo bathinjwa bamaYuda kufuneka balindele uvuko ukuze banandiphe ukuzaliseka okupheleleyo kwale nxalenye yesiprofeto. Kuthekani ngabakhonzi bakaThixo namhlanje? Ukususela ngowe-1914, abantu bakaYehova baye ‘bambona,’ okanye babuqonda ubukho, bukaKumkani onguMesiya, uYesu Kristu, esebuqaqawulini bakhe bokomoya. (INdumiso 45:2; 118:22-26) Oko kuphumele ekuthini, bahlangulwe kwingcinezelo nakulawulo lwale nkqubo ingendawo kaSathana. Ngaphantsi kweZiyon, esisazulu soBukumkani bukaThixo, banandipha unqabiseko lokwenene lokomoya.

17. (a) Ziziphi izithembiso ezenziwayo ngokuphathelele iZiyon? (b) Izithembiso zikaYehova ngokuphathelele iZiyon zizaliseka njani eBukumkanini obusezandleni zikaMesiya nakubaxhasi babo abasemhlabeni?

17 UIsaya uhlabela mgama esithi: “Khawubone iZiyon, idolophu yamathuba ethu emisitho! Amehlo akho aya kubona iYerusalem indawo yokuhlala engaphazamisekiyo, intente ekungekho bani uya kuyifudusa. Izikhonkwane zentente zayo azisayi kuze zincothulwe, neentsontelo zayo aziyi kuqhawuka kubini. Kodwa apho Lowo uyiNgangamsha, uYehova, uya kuba yindawo yemilambo kuthi, yemijelo ebanzi. Akuyi kuhamba mkhosi wezikhephe kuyo, neenqanawa ezinkulu aziyi kuwela kuyo.” (Isaya 33:20, 21) UIsaya uyasiqinisekisa ukuba uBukumkani bukaThixo obusezandleni zikaMesiya abunakubhangiswa okanye butshatyalaliswe. Ngaphezu koko, kucacile ukuba uyabakhusela kwanabaxhasi abathembekileyo bobo Bukumkani abasemhlabeni namhlanje. Kwanokuba abaninzi babo balingwa ngokuqatha, aba balawulwa boBukumkani bukaThixo baqinisekisiwe ukuba akakho amalinge okubatshabalalisa njengebandla aya kuphumelela. (Isaya 54:17) UYehova uza kubakhusela abantu bakhe ngendlela umjelo wamanzi osikhusela ngayo isixeko. Naluphi na utshaba olubahlaselayo—kwanokuba lomelele ‘njengomkhosi wezikhephe’ okanye ‘iinqanawa ezinkulu’—luza kutshatyalaliswa!

18. Yiyiphi imbopheleleko ayamkelayo uYehova?

18 Noko ke, yintoni eyenza abathandi boBukumkani bukaThixo babe nentembelo engako yokuba uThixo uza kubakhusela? UIsaya uyacacisa esithi: “UYehova nguMgwebi wethu, uYehova nguMmisi-mthetho wethu, uYehova nguKumkani wethu; yena uya kusisindisa.” (Isaya 33:22) UYehova uyayamkela imbopheleleko yokukhusela nokwalathisa abantu bakhe, abasigqalayo isigxina sakhe njengoMongami Ophakamileyo. Bakulungele ukuthobela ulawulo lwakhe olungoKumkani onguMesiya, beqonda ukuba uYehova unegunya lokuwisa imithetho kwanelokuyigunyazisa. Noko ke, ngenxa yokuba uYehova engumthandi wobulungisa nokusesikweni, ulawulo lwakhe, ngoNyana wakhe, aluloxanduva kubanquli bakhe. Kunoko, ‘bayangenelwa’ ngokuthobela igunya lakhe. (Isaya 48:17) Akasayi kuze abagatye abo banyanisekileyo kuye.—INdumiso 37:28.

19. UIsaya ukuchaza njani ukungabi nampumelelo kweentshaba zabantu abathembekileyo bakaYehova?

19 UIsaya uthi kwiintshaba zabantu abathembekileyo bakaYehova: “Iintsontelo zakho zimele zibe tyeketyeke; imasti yazo aziyi kuyibamba iqine; aziyitwabululi iseyile. Ngelo xesha kwanentabalala yamaxhoba kuya kufuneka yahlulahlulwe; iziqhwala okunene ziya kuphanga kakhulu.” (Isaya 33:23) Naluphi na utshaba olusondelayo luya kungqineka lungenampumelelo yaye lungenakuzihlangula kuYehova njengeenqanawa zemfazwe ezineentsontelo kwaneemasti ezityeketyeke, nezingenaziseyile. Ukutshatyalaliswa kweentshaba zikaThixo kuya kushiya amaxhoba amaninzi kangangokuba kwanabantu abaneziphene baya kuziphakulela kuwo. Ngoko ke sinokuba nentembelo yokuba ngoKumkani uYesu Kristu, uYehova uza kuzoyisa iintshaba zakhe “embandezelweni enkulu” ezayo.—ISityhilelo 7:14.

Ukuphiliswa

20. Abantu bakaThixo baza kuphiliswa ngayiphi indlela, yaye nini?

20 Le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya iqukumbela ngesithembiso esifudumez’ intliziyo, esithi: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’ Abemi belo lizwe baya kuzixolelwa iziphoso zabo.” (Isaya 33:24) Oku kugula athetha ngako uIsaya ngokuyintloko kokomoya, kuba kunokuthanani nesono, okanye “iziphoso.” Ekuzalisekeni kokuqala kwala mazwi, uYehova uthembisa ukuba emva kokukhululwa kolu hlanga ebukhobokeni baseBhabhiloni, luza kuphiliswa ngokomoya. (Isaya 35:5, 6; Yeremiya 33:6; thelekisa INdumiso 103:1-5.) Njengoko ziya kube zixolelwe izono zawo zangaphambili, amaYuda abuyileyo aza kulumisela kwakhona unqulo olunyulu eYerusalem.

21. Abanquli bakaYehova namhlanje baphiliswa njani ngokomoya?

21 Noko ke, esi siprofeto sikaIsaya siyazaliseka nakumhla wethu. Nanamhlanje abantu bakaYehova baye banandipha ukuphiliswa ngokomoya. Baye bakhululeka kwiimfundiso zobuxoki ezinjengokungafi komphefumlo, uBathathu Emnye, nesihogo somlilo. Bafumana ulwalathiso ngendlela yokuziphatha, olubakhuselayo kuqheliselo lokuziphatha okubi nolubancedayo ukuba benze izigqibo ezifanelekileyo. Yaye ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu Kristu, banokuma okucocekileyo phambi kukaThixo yaye bakwanesazela esicocekileyo. (Kolose 1:13, 14; 1 Petros 2:24; 1 Yohane 4:10) Oku kuphilisa kokomoya kukwaneengenelo zokwenyama. Ngokomzekelo, ukuphepha ukuziphatha okubi ngokwesini nokuphepha ukusebenzisa icuba kuyawakhusela amaKristu kwizifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini neentlobo ezithile zomhlaza.—1 Korinte 6:18; 2 Korinte 7:1.

22, 23. (a) Yiyiphi indlela aza kuzaliseka ngayo ngokuzukileyo uIsaya 33:24 kwixesha elizayo? (b) Yintoni abanquli bokwenyaniso abazimisele kuyo namhlanje?

22 Ngaphezu koko, aza kuzaliseka ngokuzuke ngakumbi amazwi kaIsaya 33:24 emva kweArmagedon, kwihlabathi elitsha likaThixo. Phantsi kolawulo loBukumkani obungoMesiya, abantu baza kuphiliswa ngokwenyama kwanangokomoya. (ISityhilelo 21:3, 4) Kamsinya emva kokutshatyalaliswa kwenkqubo kaSathana yezinto, imimangaliso enjengaleyo uYesu wayenzayo xa wayesemhlabeni iza kwenzeka ngokungathandabuzekiyo emhlabeni wonke. Iimfama ziza kubona, izithulu zive, iziqhwala zihambe! (Isaya 35:5, 6) Oku kuza kwenza ukuba bonke abasindileyo kwimbandezelo enkulu babe nesabelo kumsebenzi ozukileyo wokwenza umhlaba ube yiparadesi.

23 Kamva, xa uvuko luqalisa, ngokungathandabuzekiyo abo babuyela ebomini baza kuvuswa besempilweni entle. Kodwa njengoko ixabiso ledini lentlawulelo liza kuya lisebenza ngakumbi, kuza kubakho iingenelo ezingakumbi zokwenyama, de uluntu luphakanyiselwe emfezekweni. Aya kwandula ke ngoko amalungisa “abuyele ebomini” ngokupheleleyo. (ISityhilelo 20:5, 6) Ngelo xesha, kokubini ngokomoya nangokwenyama, “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” Esinjani sona ukuchulumancisa isithembiso! Ngamana bonke abanquli bokwenyaniso namhlanje bangazimisela ukuba phakathi kwabo baza kunandipha ukuzaliseka kwesi siprofeto!

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 344]

UIsaya uthandaza ngentembelo kuYehova

[Imifanekiso ekwiphepha 353]

Ngenxa yedini lentlawulelo, abantu bakaYehova banokuma okucocekileyo phambi kwakhe

[Umfanekiso okwiphepha 354]

Kwihlabathi elitsha, abaninzi baya kuphiliswa ngokwenyama