Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Akukho Luncedo Kweli Hlabathi

Akukho Luncedo Kweli Hlabathi

Isahluko Samashumi Amabini Anesine

Akukho Luncedo Kweli Hlabathi

Isaya 31:1-9

1, 2. (a) Kutheni abemi baseYerusalem benkwantya? (b) Ngenxa yemeko emaxongo ejamelene nayo iYerusalem, yiyiphi imibuzo ekufanelekileyo ukuyibuza?

 ABEMI baseYerusalem bayankwantya—befanele ke phofu! IAsiriya, ebobona bukhosi bomeleleyo baloo mihla, ihlasele ‘zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda yaza yazithimba.’ Ngoku, umkhosi wama-Asiriya utyityimbisel’ umnwe ikomkhulu lakwaYuda. (2 Kumkani 18:13, 17) Uza kuthini uKumkani uHezekiya nabo bonke abemi baseYerusalem?

2 Ekubeni ezinye izixeko zelizwe lakhe sele zibhukuqiwe, uHezekiya uyazi ukuba iYerusalem ayinakukwazi kwaphela ukumelana nomkhosi wemfazwe owomeleleyo wama-Asiriya. Ngaphezu koko, ama-Asiriya adume ngokuba nenkohlakalo nogonyamelo olugqithiseleyo. Umkhosi wawo woyikeka kakhulu kangangokuba maxa wambi iintshaba zisuka zisabe zingakhange zilwe nokulwa! Njengokuba iYerusalem ijingelwa leli lifu limnyama, abemi bayo banokulufuna phi uncedo? Ngaba ikho indlela yokusinda kulo mkhosi wama-Asiriya? Iyintoni phofu ekhokelele abantu bakaThixo kule meko? Ukuze siphendule le mibuzo, kufuneka sikhangele emva size sibone indlela uYehova awaqhubana ngayo nohlanga olwaluphantsi komnqophiso wakhe kwiminyaka yangaphambili.

Uwexuko KwaSirayeli

3, 4. (a) Uhlanga lwakwaSirayeli lwahlukana nini yaye njani lwaba bubukhosi obuntlu-mbini? (b) Sisiphi isiqalo esibi uYerobhoham awasinika ubukhosi basentla bezizwe ezilishumi?

3 Ukususela kwixesha lokumka kukaSirayeli eYiputa de kwasekufeni konyana kaDavide uSolomon—isithuba esingaphezulwana nje kancinane kwama-500 eminyaka—izizwe ezili-12 zakwaSirayeli zazimanyene njengohlanga olunye. Emva kokufa kukaSolomon, uYerobhoham waphembelela izizwe ezilishumi zasentla ukuba zivukele nxamnye nendlu kaDavide, lwaza ukususela ngoko olu hlanga lwahlukana lwaba bubukhosi obuntlu-mbini. Oku kwakungonyaka wama-997 B.C.E.

4 UYerobhoham wayengukumkani wokuqala wobukhosi basentla bakwaSirayeli, yaye wakhokelela abalawulwa bakhe kuwexuko ngokuthi endaweni yababingeleli bomnombo ka-Aron nasendaweni yonqulo olusemthethweni lukaYehova amisele ababingeleli abangekho mthethweni kwanenkqubo yokunqula ithole lenkomo. (1 Kumkani 12:25-33) UYehova wayekucekisa oku. (Yeremiya 32:30, 35) Ngenxa yoku nezinye izizathu, wayivumela iAsiriya ukuba imoyise uSirayeli. (2 Kumkani 15:29) UKumkani uHosheya wazama ukuwathibaza ama-Asiriya ngokuthi enze iyelenqe neYiputa, kodwa iqhinga lakhe alizange liphumelele.—2 Kumkani 17:4.

USirayeli Uphethukela Kwigwiba Lobuxoki

 5. USirayeli ulufuna kubani uncedo?

5 UYehova ufuna ukuwabuyisela ezingqondweni amaSirayeli. a Ngoko uthumela umprofeti uIsaya nesi silumkiso silandelayo: “Yeha ke abo baya eYiputa ukuba bancedwe, abo bathembela ngamahashe, nabo bakholosa ngeenqwelo zokulwa ezininzi, nangamahashe emfazwe, ngenxa yokuba enamandla kakhulu, kodwa abangakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli nabangamfunanga uYehova.” (Isaya 31:1) Kwekhu! USirayeli ukholose ngamahashe nangeenqwelo zemfazwe kunoThixo ophilayo, uYehova. USirayeli uqiqa ngelithi, amahashe aseYiputa maninzi yaye anamandla. Ngokuqinisekileyo kona ukuzimanya neYiputa bekungamkhusela kumkhosi wama-Asiriya! Kodwa ke, kungekudala amaSirayeli aza kufumanisa ukuba ukuzimanya kwawo nomkhosi wokwenyama waseYiputa kulilize.

 6. Kutheni ukubhenela kukaSirayeli kwiYiputa kubonisa ukungabi nalukholo ngokupheleleyo kuYehova?

6 Ngomnqophiso woMthetho, abemi bakwaSirayeli nabakwaYuda banolwalamano olukhethekileyo noYehova. (Eksodus 24:3-8; 1 Kronike 16:15-17) Ngokufuna kwakhe uncedo kwiYiputa, uSirayeli ubonisa ukungabi nalukholo kuYehova nokungayikhathaleli imithetho eyinxalenye yaloo mnqophiso ungcwele. Ngoba? Kuba kuloo mnqophiso uYehova uthembise ukubakhusela abantu bakhe ukuba bamnqula ngokupheleleyo. (Levitikus 26:3-8) Kanye ngokwesithembiso sakhe, uYehova uye ngokuphindaphindiweyo wangqineka ‘eyinqaba ngexesha lokubandezeleka.’ (INdumiso 37:39; 2 Kronike 14:2, 9-12; 17:3-5, 10) Ngaphezu koko, ngoMoses, umlamleli womnqophiso woMthetho, uYehova wabaxelela ookumkani ababeza kulandela bakwaSirayeli ukuba bangazandiseli amahashe. (Duteronomi 17:16) Ukuthobela lo mmiselo bekuya kubonisa ukuba aba kumkani bakholose ‘ngaLowo Ungcwele kaSirayeli.’ Ngelishwa, iinkokeli zikaSirayeli azinalo ukholo olungako.

 7. Yintoni anokuyifunda amaKristu namhlanje ekusweleni ukholo kukaSirayeli?

7 AmaKristu namhlanje anokufunda isifundo koku. USirayeli wakhangela kwinkxaso ebonakalayo yeYiputa kunakwinkxaso eyomelele ngakumbi lee kaYehova. Ngokufanayo namhlanje, amaKristu asenokuhendeka ukuba athembele ngemithombo yokwenyama yonqabiseko—imali esebhankini, isigxina sasekuhlaleni, ukubandakanyeka kwimicimbi ethile yehlabathi—kunokuthembela ngoYehova. Ewe kona, iintloko-ntsapho zamaKristu ziyithabatha nzulu imbopheleleko yazo yokunyamekela iintsapho zazo ngezinto eziphathekayo. (1 Timoti 5:8) Kodwa azithembelanga kwizinto eziphathekayo. Yaye ziyazilinda “kulo lonke uhlobo lwenkanuko.” (Luka 12:13-21) Ekuphela ‘kwendawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka’ nguYehova uThixo.—INdumiso 9:9; 54:7.

8, 9. (a) Nangona amacebo kaSirayeli esenokubonakala esengqiqweni, uza kuba yintoni umphumo, yaye ngoba? (b) Uyintoni umahluko phakathi kwezithembiso zabantu nezithembiso zikaYehova?

8 Ngoku uIsaya uyazigculela iinkokeli zakwaSirayeli ezenze isivumelwano neYiputa, esithi: “Yena usisilumko, kwaye uya kubazisela intlekele, yena olizwi lakhe lingenakuze lisilele; uya kusuka ayivukele indlu yabenzi-bubi ndawonye nabo babancedisayo.” (Isaya 31:2) Iinkokeli zikaSirayeli zisenokucinga ukuba zilumkile. Kodwa ngaba uMdali wendalo iphela akalumkanga ngokugqithiseleyo na? Ngokwembonakalo yangaphandle icebo likaSirayeli lokufuna uncedo kwiYiputa lisenokubonakala lisengqiqweni. Noko ke, ukuzimanya okunjalo namagunya ezobupolitika kukukrexeza ngokomoya emehlweni kaYehova. (Hezekile 23:1-10) Ngenxa yoko, uIsaya uthi uYehova uza “kubazisela intlekele.”

9 Izithembiso zabantu zidla ngokungathembeki, yaye inkuselo yabantu ayiqinisekanga. Kanti yena uYehova, elakhe ilizwi ‘alize lisilele.’ Uza kukwenza ngokuqinisekileyo oko akuthembisileyo. Ilizwi lakhe alibuyeli kuye lingakhange lizaliseke.—Isaya 55:10, 11; 14:24.

10. Yintoni eza kwenzeka kwiYiputa nakuSirayeli?

10 Ngaba amaYiputa aza kuba likhusi elithembekileyo likaSirayeli? Akunjalo. UIsaya uthi kuSirayeli: “Noko ke, amaYiputa ngabantu basemhlabeni, akangoThixo; namahashe awo yinyama, asingomoya. UYehova uya kusolula isandla sakhe, yaye lowo unikela uncedo uya kukhubeka, nalowo uncedwayo uya kuwa, kwaye kwangaxeshanye bonke baya kuphela.” (Isaya 31:3) Kokubini umncedi (iYiputa) nomncedwa (uSirayeli) baza kukhubeka, bawe, baze baphele xa uYehova esolula isandla sakhe ukuze abagwebe ngokusebenzisa iAsiriya.

Ukuwa KweSamariya

11. Singakanani isono aye wazizisela sona uSirayeli, yaye ube yintoni umphumo?

11 Ngenceba yakhe uYehova uthumela ngokuphindaphindiweyo abaprofeti ukuba bakhuthaze uSirayeli ukuba aguquke aze abuyele kunqulo olunyulu. (2 Kumkani 17:13) Phezu kwako nje oku, uSirayeli uye wasongeza isono sakhe sokunqula ithole lenkomo ngokuthi abandakanyeke ekuvumiseni, kunqulo olungcolileyo lukaBhahali, nasekusebenziseni izibonda ezingcwele neendawo eziphakamileyo. AmaSirayeli ade ‘adlulisa noonyana bawo neentombi zawo emlilweni,’ enikela ngenzala yawo koothixo beedemon. (2 Kumkani 17:14-17; INdumiso 106:36-39; Amosi 2:8) Ukuze aphelise ubungendawo bukaSirayeli, uYehova uwisa ummiselo othi: “ISamariya nokumkani wayo ngokuqinisekileyo iya kuthuliswa, njengesetyana elaphukileyo phezu kwamanzi.” (Hoseya 10:1, 7) Ngowama-742 B.C.E., imikhosi yama-Asiriya ihlasela iSamariya, isixeko esilikomkhulu lakwaSirayeli. Emva kokungqingwa iminyaka emithathu, iSamariya iye yawa, kwaza ngowama-740 B.C.E., baphela ubukhosi bezizwe ezilishumi.

12. Nguwuphi umsebenzi uYehova ayalele ukuba wenziwe namhlanje, yaye yintoni eza kwenzeka kwabo basigatyayo isilumkiso?

12 Kule mihla uYehova uye wayalela ukuba kwenziwe umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke ukuze kulunyukiswe “uluntu ukuba lufanele lonke kuyo yonk’ indawo luguquke.” (IZenzo 17:30; Mateyu 24:14) Abo baligatyayo eli lungiselelo likaThixo losindiso baza kuba “njengesetyana elaphukileyo,” batshatyalaliswe njengohlanga lwakwaSirayeli oluwexukileyo. Kwelinye icala, abo bathembele kuYehova, ‘baya kuwudla ilifa umhlaba, bahlale kuwo ngonaphakade.’ (INdumiso 37:29) Hayi indlela ekububulumko ngayo, ke ngoko, ukuziphepha iimpazamo zobukhosi bamandulo bakwaSirayeli! Masithembele ngokupheleleyo ngoYehova ukuze sifumane usindiso.

Amandla KaYehova Asindisayo

13, 14. Ngawaphi amazwi athuthuzelayo awathethayo uYehova ngeZiyon?

13 Kwisithuba seekhilomitha ezimbalwa ukusuka kumda wasentla wakwaSirayeli kuseYerusalem, isixeko esilikomkhulu lakwaYuda. Abemi baseYerusalem bayazi kakuhle into eyehlele iSamariya. Ngoku nabo batyityimbiselw’ umnwe kwalolu tshaba lunye loyikekayo oluye lwambhangisa ummelwane wabo wasentla. Ngaba baza kufunda koko kwehlela iSamariya?

14 Amazwi alandelayo kaIsaya ayabathuthuzela abemi baseYerusalem. Uyabaqinisekisa ukuba uYehova usabathanda abantu bakhe bomnqophiso, esithi: “Utsho uYehova kum ukuthi: ‘Kanye njengoko ingonyama ibhavuma, kwanengonyama entsha enesingci, phezu kwexhoba layo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo okanye yothuswe yingxokolo yabo; ngokukwanjalo uYehova wemikhosi uya kuhla ukuze enze imfazwe eNtabeni yeZiyon naphezu kwenduli yayo.’” (Isaya 31:4) Njengengonyama entsha emi phezu kwexhoba layo, uYehova uza kusikhusela ngenkalipho isixeko sakhe esingcwele, iZiyon. Akukho kuqhayisa, nakusongela ngamazwi, nasiphi na isiphithi-phithi esinokubangelwa yimikhosi yama-Asiriya esiya kumthintela uYehova ekuphumezeni injongo yakhe.

15. UYehova ubaphatha njani ngothantamiso nangemfesane abemi baseYerusalem?

15 Ngoku, phawula indlela uYehova aza kubaphatha ngothantamiso nangemfesane ngayo abemi baseYerusalem: “Njengeentaka eziphaphazelayo, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem. Ngokuqinisekileyo uya kuyikhusela, ayihlangule. Uya kuyikhetha, ayisindise.” (Isaya 31:5) Intaka isoloko iwakhusela ngenkalipho amantshontsho ayo. Ithi natya amaphiko ize indande phezu kwawo, isingasinga ukubona enoba akukho ngozi ibonakalayo kusini na. Ukuba kusondela utshaba, ihla ngokukhawuleza ukuze ikhusele amantshontsho ayo. Ngendlela efanayo, uYehova uza kubakhusela ngothantamiso abemi baseYerusalem ekuhlaselweni ngama-Asiriya.

‘Buyani’

16. (a) Sisiphi isibongozo sothando uYehova asenzayo kubantu bakhe? (b) Imvukelo yabantu bakwaYuda icaca nini ngokukhethekileyo? Cacisa.

16 Ngoku uYehova uyabakhumbuza abantu bakhe ukuba bonile yaye uyabakhuthaza ukuba bazilahle iindlela zabo ezigwenxa: “Buyelani kuLowo baye bamvukela ngokunzulu oonyana bakaSirayeli.” (Isaya 31:6) Asibobukhosi bezizwe ezilishumi bakwaSirayeli kuphela obuye bavukela. Kwanabantu bakwaYuda, nabo ‘abakwangoonyana bakaSirayeli,’ baye ‘bavukela ngokunzulu.’ Oku kuza kucaca ngokukhethekileyo xa unyana kaHezekiya uManase esiba ngukumkani, kamsinya nje emva kokusigqiba kukaIsaya isigidimi sakhe sesiprofeto. Ngokwengxelo yeBhayibhile, “uManase waqhubeka emlukuhla uYuda nabemi baseYerusalem ukuba benze okubi ngakumbi kuneentlanga ezo uYehova wayezibhubhisile.” (2 Kronike 33:9) Khawufan’ ucinge! UYehova uzibhubhisile iintlanga zobuhedeni ngenxa yokungcola kwazo okulizothe, ukanti bona abemi bakwaYuda, abasemnqophisweni noYehova, bonakele ukodlula abantu bezo ntlanga.

17. Iimeko namhlanje zifana njani nezo zakwaYuda ngemihla kaManase?

17 Ekuqaleni kwale nkulungwane yama-21, izinto zisafana kakhulu nezo zakwaYuda ngemihla kaManase. Ihlabathi liya lisahlukaniswa yintiyo engokonqulo, yobuhlanga neyobuzwe. Ukubulala, ukuthuthumbisa, ukudlwengula nokutshatyalaliswa kohlanga okuhambis’ umzimba kuye kwangxwelerha izigidi zabantu. Ngokungathandabuzekiyo, abantu neentlanga—ingakumbi iintlanga zeNgqobhoko—ziye ‘zavukela ngokunzulu.’ Noko ke, sinokuqiniseka ukuba uYehova akayi kubuvumela ubungendawo buqhubeke ngonaphakade. Yintoni esenza siqiniseke? Koko wakwenzayo ngomhla kaIsaya.

Ukuhlangulwa KweYerusalem

18. URabheshake umlumkisa ngelithini uHezekiya?

18 Ookumkani bama-Asiriya bazukisa oothixo babo ngokoyisa kwabo edabini. Incwadi ethi Ancient Near Eastern Texts iqulethe imibhalo ka-Ashurbanipal, umlawuli wama-Asiriya othi wayesalathiswa “nguAshure, uBhele, uNebho, oothixo abakhulu, iinkosi [zakhe], (ezisoloko) zihamba ecaleni [kwakhe], [xa] esoyisa amajoni (anamava) okulwa . . . kwiimfazwe ezinkulu.” Ngomhla kaIsaya, uRabheshake, ofanekisela uKumkani uSaneribhe waseAsiriya, ubonisa ngendlela athetha ngayo noKumkani uHezekiya ukuba ukholelwa ngokufanayo ekungeneleleni koothixo kwiimfazwe zabantu. Uyamlumkisa lo kumkani wamaYuda ngokuphosakala kokukholosa ngosindiso lukaYehova aze akhankanye ukuba oothixo bezinye iintlanga abaphumelelanga ekukhuseleni abantu babo kwimikhosi eyomeleleyo yama-Asiriya.—2 Kumkani 18:33-35.

19. UHezekiya usabela njani kwizigculelo zikaRabheshake?

19 Usabela njani uKumkani uHezekiya? Ingxelo yeBhayibhile ithi: “Kwathi kamsinya akukuva oko uKumkani uHezekiya, ngoko nangoko wazikrazula izambatho zakhe waza wazigqubuthela ngerhonya waya endlwini kaYehova.” (2 Kumkani 19:1) UHezekiya uyaqonda ukuba mnye kuphela Lowo unokumnceda kule meko yoyikekayo. Uyazithoba aze alufune kuYehova ulwalathiso.

20. UYehova uza kubanceda njani abemi bakwaYuda, yaye bafanele bafunde ntoni koku?

20 UYehova uye walunikela ulwalathiso alufunileyo. Ngomprofeti uIsaya, uthi: “Ngaloo mini baya kugatya ngamnye oothixo bakhe abangento yanto besilivere noothixo bakhe abangenaxabiso begolide, abo izandla zenu zanenzela bona ukuba none ngabo.” (Isaya 31:7) Xa uYehova ebalwela abantu bakhe, oothixo bakaSaneribhe baza kubhenceka bengento yanto. Oku kufanele kube sisifundo kubemi bakwaYuda. Phezu kwako nje ukuthembeka kukaKumkani uHezekiya, ilizwe lakwaYuda, njengelakwaSirayeli, lizaliswe zizithixo. (Isaya 2:5-8) Ukuze abemi bakwaYuda bakhe ulwalamano lwabo noYehova kwakhona, kuza kufuneka baguquke ezonweni zabo baze bagatye “ngamnye oothixo bakhe abangento yanto.”—Bona iEksodus 34:14.

21. Uprofeta athini uIsaya ngokutshabalalisa kukaYehova ama-Asiriya?

21 Ngoku uIsaya uprofeta ngokutshabalalisa kukaYehova utshaba oloyikekayo lukaYuda, esithi: “Iya kuwa iAsiriya likrele elingelolamntu; limqwenge ikrele elingelolamntu wasemhlabeni. Kwaye imele isabe ngenxa yekrele, nabafana bayo baya kusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa.” (Isaya 31:8) Xa ifika le mini ibikad’ ixelwa, akuzukubakho nemfuneko yokuba abemi baseYerusalem bakhuphe amakrele abo ezingxotyeni zawo. Awona malungu aphambili omkhosi wama-Asiriya athiwa qwaka-qwaka, kungekhona ngamakrele abantu, kodwa ngekrele likaYehova. Yena uKumkani wama-Asiriya uSaneribhe, ‘umele asabe ngenxa yekrele.’ Emva kokubulawa kwabaphumi-mkhosi bakhe abali-185 000 yingelosi kaYehova, ubuyela ekhaya. Kamva, ngoxa equbude kuthixo wakhe uNiseroki, ugwintwa ngoonyana bakhe.—2 Kumkani 19:35-37.

22. Yintoni anokuyifunda amaKristu namhlanje kwiziganeko ezibandakanya uHezekiya nomkhosi wama-Asiriya?

22 Akukho namnye, kuquka uHezekiya, obenokuyibona kwangaphambili indlela uYehova awayeza kuyihlangula ngayo iYerusalem kumkhosi wama-Asiriya. Sekunjalo, indlela uHezekiya ajamelana ngayo neli xesha lobunzima ibamisela umzekelo obalaseleyo abo bajamelene nezilingo namhlanje. (2 Korinte 4:16-18) Ngenxa yendumasi eyoyikekayo yama-Asiriya asongela iYerusalem, iyaqondakala into yokuba uHezekiya wayesoyika. (2 Kumkani 19:3) Sekunjalo, wayethembele ngoYehova, waza wafuna ulwalathiso lwakhe, kungekhona olomntu. Enjani yona intsikelelo oko okwayizisela iYerusalem! AmaKristu oyik’ uThixo namhlanje nawo asenokuziva exinezelekile. Kuyaqondakala ukuba, phantsi kweemeko ezininzi siye soyike. Ukanti, ukuba ‘siliphosa kuYehova lonke ixhala lethu,’ uya kusinyamekela. (1 Petros 5:7) Uya kusinceda ukuba siloyise uloyiko esinalo aze asomeleze ukuze sikwazi ukumelana nemeko esixinezelayo.

23. Kungayiphi indlela athi uSaneribhe, kungekhona uHezekiya, asale esoyika?

23 Ekugqibeleni, nguSenaribhe, kungekhona uHezekiya, osele esoyika. Uza kubalekela phi? UIsaya uxela kwangaphambili athi: “‘Nengxondorha yayo iya kudlula ngenxa yokothuka okupheleleyo, nangenxa yomqondiso iinkosana zayo ziya kunkwantya,’ utsho uYehova, okukhanya kwakhe kuseZiyon neziko lakhe liseYerusalem.” (Isaya 31:9) Oothixo bakaSaneribhe—‘abayingxondorha’ yakhe negwiba akholose ngalo—abayi kumnceda nganto. Ngokungathi kunjalo, baza “kudlula ngenxa yokothuka okupheleleyo.” Ngaphezu koko, kwaneenkosana zikaSaneribhe aziloncedo kangako. Nazo zingenwe luloyiko.

24. Sisiphi isigidimi esicacileyo esinokusifunda koko kwenzeka kwiAsiriya?

24 Le nxalenye yesiprofeto sikaIsaya inesigidimi esicacileyo kubo nabaphi na abachasi bakaThixo. Akukho sixhobo, nagunya, nacebo linokutshitshisa iinjongo zikaYehova. (Isaya 41:11, 12) Kwangaxeshanye, abo bazibanga benqula uThixo kodwa bamtyeshele ukuze bafune unqabiseko kwizinto zokwenyama baza kudana. Nabaphi na “abangakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli,” uYehova uya “kubazisela intlekele.” (Isaya 31:1, 2) Enyanisweni, elona gwiba lokwenene nelihlala lihleli nguYehova uThixo.—INdumiso 37:5.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngokunokwenzeka, iindinyana ezintathu zokuqala zikaIsaya isahluko 31 zibhekiswa ngokuyintloko kuSirayeli. Zona iindinyana ezintandathu zokugqibela kubonakala ukuba zibhekisela kuYuda.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 319]

Abo bakholose ngezinto eziphathekayo baza kudana

[Umfanekiso okwiphepha 322]

UYehova uza kusikhusela isixeko sakhe esingcwele njengengonyama elinde ixhoba layo

[Imifanekiso ekwiphepha 324]

Ihlabathi lahlukaniswe yintiyo engokonqulo, yobuhlanga neyobuzwe

[Umfanekiso okwiphepha 326]

UHezekiya walufuna endlwini kaYehova uncedo